Insert 34 Saqukumbela imini yethu, kubalwa kuyiwa le kuyiwe le, - TopicsExpress



          

Insert 34 Saqukumbela imini yethu, kubalwa kuyiwa le kuyiwe le, ndabe ndingamhlanga ncam...intliziyo ka Sazisiwe ikrakra ngakum. Ndabona umkam esondela kweli cala lam Nokonwaba:Kutheni ingathi awutyhilekanga nje Ncancashe? Mna:Sizakuthetha xa sise ndlini sonka sam serantyentyisi Nokonwaba:ayonto imbi kakhulu kodwa nono? Mna:Hayi sithandwa sam, suzihlupha Ntswentswe Nokonwaba:Gqiba kwethu siyahamba ke uzazokusithatha ubhuti, ufuna siyokubhiyoza kuba uyayazi kuzakuwina eliqela lesizwe Mna:ebethe uSoy uzakuza naye Nokonwaba:Kulungile ke bhabha Saqhubekeka saqukumbela konke. Kwaze kwasa aqalisa amayeye kuba belikhokela iqela likabawo uMandela NR . Amaxilongo eemoto, abantu bedanyazisa izibane zabo emizini yabo kunguwele wele, abanye beyinxilela lo ndawo. Safumana inkululeko yethu emva kweminyaka sicinizelekile. Ekuzeni kusa sazokuthathwa ngubhuti ka Nokonwaba. Imincili ibanyumbaza ubone umntu eqikileka yintsini...begigitheka ulonwabo lubhalwe mbusweni yakhe ubani nobani. Ndafika nje endlini ndaziphosa phezu kwebhedi. Kaloku mna no mwangi besibuyele kwela gumbi lali lungiselelwe thina, umama ka Nosiseko elala kunye nabantwana baka Mluleki. Kaloku bebesezimvekwana , kungekho nto ibhekephi abayincokola nabantu abadala...noXhamela ke ebengenabubele ncam. Xa nditeketisa bese ndibe ngathi ndinguvelaphi xa eloba usisJoyce. Indoda ayibintle ke nam,noko andikho ngxathu ndinawo umkhitha andijongeki kudala. Noba ndixhentsa ndizombelela akunani kodwa ke , wakhiwe umfana ka Mthembu. Amanqatha ebefuna ukundihlasela kaloku ngoba inyama sixukuxa ngayo kweli Tinarha, andisayi noyokuzilolonga ebaleni lebhola, nesakhono sam ndingafuni sinyamalale kodwa bendingena xesha laneleyo. Vuka bhabhawandishukumisa ungqangqa wam ndikobude ubuthongo, Mna:Mhm. Mhmndalandula kuba kaloku ndifakwe isihlangu apha emiphakathweni nguSazi, abelungu abamnyama singabathini Nokonwaba:Vuka kaloku uphangelebendingekaziphaki ke ezi ndaba bendilinde zikhe zithi ukuphola, bezisafudumele nam ndizama ukuziginya nto nje bezixabe emqaleni okwe zambane eliphuma embizeni Mna:Ndigxothiwe bhabhandatsholo ezantsi iintloni zindongamele, ndizakumxhasa njani unkosikazi nam ndingaphangeli abe enethemba loyokuziqalela umzi. Nokonwaba:Intoni?Ndambona uthe xhungu Mna:Usibalikazi wakho, undinike uNoritheni(no return) omkhulu Nokonwaba:Hayibo, uthi mthini uNoritheni ungenzanganto? Mna:Ngenxa ndise ndangxungxa pha kolwa voto mkam Nokonwaba:Uzakuqesha ethanga engathandi ke uSazi yazi Mna:Hayibo Nojaholo, uzakumenza nTonin sthandwa sam? Nokonwaba:Yeka nje wena, vuka siye emsebenziniheyi yandinceda kodwa apha esihlahleni sika mwangi le ngozi, kunyanisiwe xa kusithiwa ukonakala kwenye kulunga kwenye, ngoba ngoku ndifumene igqwetha, kwalapha kunkosikazi wam. Mna:Uqinisekile bhabha? Nokonwaba:Heyi mfo, phakama sihambe uye emsebenzini, ngumqeshwa yena kuqala uSazi, rhaa ndakumbonisa amaqhekeza engqele mna. Owam umyeni ayontlambo yofela amahashe Ndavumbuluka, ndahlamba ibhayi neziphaluka ndashiya idwesi . Kaloku ningandigezeli nithi ndiligwala, uBawo wathumela uYesu ukuze alwe noSathana ...inyama enyameni. Nam ke bendisenza njalo, bendinomongamela ngamandla uSazi kodwa ke ndimnikele kofana naye ngokwakhiwa Salinda uSomzi wade wafika, bemangalisekile ooNosiseko kuba ebevutha ngaphezu komlilo wegolide uNtswentswe, ezakugqatsa uSazi. Zindala zombini,. Akabulisa kwa Somzi lowo ungena kwethu emotweni nam ndanyusa amagxa ndimbona ufuna ufika enguherode kula mfarasi ungu nomhlotshazana. Yangena nam lanto uqum qum seyibuyela noko nasegazini intombi ka Mcirha omhle. Noomantshingilane abamsokolisa noko. Caba noNonwebu ubone kuqala Sazi:Wathi gakra isifuba okwenkukhu egodololo , ubekwa yinto apha? Nosiseko:Ubekwa yile wawumfakele yona , wenzu mlomo ontshuntshu ngathi likhwapha elityabulwe sisiqholo Zange ndikwazi ukuzibamba ndaqonda kuzakuqhumuthuli kutsitsi gazi apha, mandimele kudana ngoba ndilithembile ihashe lakowethu ujekeqa lo. Sazi:Ndakubizela oomantshingilane mna Nokonwaba:Usole ubiza abaqeshi bakho, ubaxelele uba wena uqesha izizalwane, xa ungavisisani nazo uzigxothe. Iba ngathi uyabaleka ukufika koomantshingilane bakho ndingekafiki kwii ofisi zamabhulu akhowatsho engamanga edlulela kumagumbi angentla umkam, wabanjwa ngengalo nguSazi Sazi:Khange nditsho nam, qha bendimlunkisa uLwandiso, ngumthetho walapha lowo Nokonwaba:Ndicela eqeshiwe ke mnake xa kuvela izithuba umyenam, tshi kutheni ngoku nanyuka nezehlela khonuba ungu mozisi? Ithi lonto tambathani? Hayi rhaa Sazi:Ambo sebenza Lwandiso Waphuma umamu Tyulu, ethe qhutsu iintsula ezomelele okwe zehashe ephuma esithela ndaziva ndinelunda . Akukho ngaka ingadubuli ingethi , ayesitsho amaxhosa akudala asatsho nangoku kwaye achane ucwethe Ndasebenza kamnandi ngathi ndikwamalume, umtshayelo ndiwujiwuzisa phezulu, lwaphela usuku. Zaqengqeleka singaqondanga, ibingumvulo ndikhululwe kwangethuba ngumlungu wam ndibuya emsebenzini ndafika umama ka Sazi ehleli nosisi endingamaziyo. Hee umkam ingaba usevenkileni na Mna:Molweni ma Maka Sazi:Eweke ,kunjani? Mna:Kuhle kum mama, kuwe? Maka Sazi:Kuhle nakum, unkosikazi wakho ke ubizwe esikolweni bekufuneka umabhalane ongxamisekileyo wafumana esosithuba Mna:yhooo mikhulu ingumangaliso imisebenzi yophezulu mama Maka Sazi:Mhle uThixo katata mntanamilungu lebandla lika Kristu ke ngoThixo katata bangakubulala, Mna:Yho, ewe uQamata ma Maka Sazi:Kufuneka niye pha kuthi, siyisabatha enye Mna:Akanokuvuma unkosikazi, uthanda le yakhe mankwiniza ngathi ziintaka xa zintyiloza Maka Sazi:Heyi ndicimba ndim ndedwa lo uva la mazwi bawacutha ngathi kucula abantwana mntakabawo, nexhekwazi elinezimvi ufike lihuhuza okomoya wesithunzela ndawa bhum yintsini, usile nanku mama efe icala. Owu kodwa ndiyamthanda ngokuba yigusha Mna:Hahaha nani nje mama, kutheni kuhlabela amadoda kule yenu? Maka Sazi:Hahaha ndenzele iti ingathi ufuna ukugeza nyana ngoku Mna:Inqayi zibengezela okwentsula yosana, kodwa iindevu ngumtshayelo. Hahaha hayi mani mama andifuni uba yindoda yala cawa yakho Maka Sazi:Yhuu oko uMluleki ekhuphe uNokulunga, akava blowu nasitatshi oko ethule usisi lo nam ke ndingazukumthethisa umntu wenkosi, ndenza iti kamama ndamnika. Ndayokuvasa ndabuya sebebuyile abanye Nokonwaba:Yhuu kuzeni ubuye msinya Nosiseko:woyikwa ungojwa nguwe ubhasi kaloku Mlu:Lonto ungqingqwa mtshana Nokonwaba:hayi ebemcwanyile umyenam Mna:Belunjani usuku lwakho lokuqala ? Nokonwaba:Bekumnandi yazi,yhuu Sonke:Kungcono ntombi Mna:uqeshiwe kengoku? Nokonwaba:Ewe, yhu undincedile umama lento yakhe yoba kwisigqeba sesikolo Maka Sazi:Kaloku bathe xa bebuza kum uSazi ndabe ndiqonda unaso isithuba uqeshiwe, wena uyadinga Mna:Yhoo mama awusatsho Maka Sazi:Nawe khange ubuze Sancokola sade sayolala Sahlala ezingubeni sincokola nomkam Nokonwaba:Hayi ndifuna uyokuhlala edolophini ininzi la mali , kuphinde kudibane le yakho Mna:Hayi ngoku kaloku sithandwa kufuneka sihlale phantsi Nokonwaba:Ininzi nje bhabha, andinokuhlala apha mna ndifuphangelela urhulumente Mna:Mfazi ke Nokonwaba:Ha.a ungaqali ke uqine kum, kodwa woyiswa kubaphendula ooSazi Mna:Hayibo , yindlela ozakuthetha ngayo nam leyo ngoku ngosuka uphangelele urhulumente? Nokonwaba:Ayingeni ndawu ke eyomsebenzi besendichaza qha. Andiqali ukutsho kuwe nje uba ndifuna ukuzihlalela Mna:Kodwa hayi edolophini Nokonwaba Nokonwaba:Hayike bhuti mna ndizakuhlala edolophini, wena hlala apha elokishini.Hayibo kungekasi umntu sesemajukujukwini, kwakuthi kusihlwa kube kuphi na zinkosi zam? Ndalala intliziyo nengqono yam ithatha ibeka, okanye ndivukwa ngumona na bethuna kuba ezakwamkela ngaphezu kunam? Kodwa ndiva ubetha kolwemi lwakhe umwangi ngathi akasabethi ngebe ndala,,, okanye le yilaa ntsingiselo yesisi senkukhu esibonwa mhla ligquthayo ? Hayi andazi mna ndibhidwe yinja ungavuthwa ,,,okanye ndixoze mphini wumbi ngoku kusekutsha ??? Andizuyithwala kaloku le mna yokudelelwa ngumkam kanti ebefana noSara kuAbraham kutshintshe phi ngoku? Yonke leyo yayiyingxoxo mpikiswano yangaphakathi
Posted on: Fri, 28 Nov 2014 18:17:36 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015