Insert 4- I got out of the car ndabuyela kwii chomy zam wethu - TopicsExpress



          

Insert 4- I got out of the car ndabuyela kwii chomy zam wethu aba babini bandenza soba qa bona. Ndifike sebeyoba bona caba kudala bezinika ndilibele kuhla ndinyuka nje mna! Bekusekuseni ngoo2 when the artists finally arrived. Ayikho lento bayenzayo, abantu sebenxilile abanye bayotipa already kodwa kungona zifikja iiartist mnxm iizinto zase Fort Hare! Siye sahambha ke pha around 3 sayolala bebe out kakhulu ooNwai The following day sivuswa ksasa yi knock eshushu ka Sasa Me:yinton apha ekuseni nha? Sasa: suzenza muncu, izolo ubuzenza lost as if awazi nix ngoSteve noNathi bloody next thing ubonwa usehla emotweni ka Steve! Ngubani omenza isbhanxa Zovuyo noNwabisa? Nwai: jonga apha sisi awundazi mna ungalinge undiqhele kakubi mna, ndingenaphi kwizinto zenu? Sasa: kanti niyangena ngoba andidibani namamenemene mna Me:fethu khahambhe mhan kuseksasa for uxoxa ulwimi esingalaziyo thina Ndiye ndamvalela ngocango uSasa, tshini usiqhela kakubi usivusela imbhanxo ekuseni! Nathi yena noSteve bapholile thina masixoxe into esingayhaziyo nxayabo? Siye saphinda salala noNwai noZim sazokothuswa yiphone kaZim.. Zim: hello Guy: hi, am I speaking to Zim? Zim: yes. Speaking? Guy: ndim uSizwe, we hooked up last night at the bash...you do remember me right? Zim:ungulo wase East London campus nhe? Guy: yes, ndim kanye lowo...are you fine? Zim: Im and you? Guy: Im also good. Was wondering if you dont mind me inviting you on whatsapp.. Zim: cool then well talk on whatsapp Guy: sure thanks, bye beautiful Zim was all smiles. She was blushing, wavuka kwaphela nobobuthongo sana. Me: chomy yintoni wamomotheka? Zim: yhuu chomy kunini ndaba ne crush kulo mfana, I used to stalk him on facebook Me: oh uyamazi? Zim: I saw him once when I was in East London ndisese high school then oko ndim stalk-a ku facebook ndazxelela phezolo ukuba ndizamfumana nakanjani Me: ngulamfana umhle ubume naye? Yhu hay ingathi uyaspeedd-a la ow Zim: uphapha ukufa chomy ndiyamazi but ndiyamfuna enjalo, just ukuba kuphele landawo yombawela wethu Sithe sisahleli sisancokola kwaske kwakhala eyam iphone, xandijonga nguNathi. Uthi use parking lot apha eZola 1 mandiphume. So ndaphuma ndaya kuye, andadikwa kengoku because uyawa hambha naloSteve ndini! I went to the car ndafika ndabulisa then he drove to Kuwait uNathi wathi kukho into ayilibeleyo in her room uyeza. Wandishiya nalendoda inezothe uNathi waya eroom-ini yakhe.. Steve: ey Yhoza uright? Me: ndiright wena? Steve: ndiright nam. Uyakuthanda uNathi yhazi, caba uyeyona chomy aythandayo. Me:ewe nam ndyamthanda Steve: pof uyathandeka Yhoza, I also like you. Inoba iboyfriend yakho inomona ngawe xa unje Me: thanks Steve: uthandana nezintwana zalapha eFort Hare? Aziva ke ezintwana iwesi ezi ze rugby Me: no, useBhayi Steve: oh ungowase Bhayi kanene? Yhazi khendiye kwelaBhayi I have businesses that side Me: nyhani? Okay Steve: ingathi awuthandi kuthetha Me: enyinto ndsandovuka Steve: nyhani? Umhle noba sowuvuka, ayikho right kelento yoba ichomy ye girlfriend yam ibentle kunayo. If only I had met you first before ooNathi nooSasa. You deserve to be treated like a queen.. [Wabuya uNathi..] Nathi: ndibuyile, Im sorry for taking so long beku stuffy kula room I needed to open windows for fresh air then change my outfit.. Steve: its fine! Besincokola kamandi noYhoza Nathi: nyhani? Nincokola ngantoni wethu? Steve: bendiphanda apha kuye if awundidyoleli nha kule campus. Uyayazi kaloku my love andifuni nova ngawe! Me: guys mna ndsandovuka ankavasi and sifunyenwe yintlama so Im going back to my room Steve: yho ninentlama? Ziphelile daan ezinto benizisela? Me: ewe Nathi: benisela nton kanene? Me: ihard lemon ne hunters gold Steve: masambheni siyeni kwa tops ndizanithengela noba yitray shame ndiyanivela Me: no its fine, you dont have to! Soba right Steve: hayi Im not taking no for an answer, iichomy zika baby wam ziichomy zam so andithandisi kuwe Nathi: yhuu baby ndikuthandela ezinto ke, its fine Yhoza sokwehla ngokwethu etown uzahlala aphemotweni wena Lo unguSteve undijonge espilini uyandi wink-ela. It felt so awkward when Nathi arrived sabe sisando thetha ngaye ogqiba lenja iyaxoka. I dont know what to do ngalomntu kaNathi; hes so creepy, his voice is deep ingathi ukwi horror movie! Usincedile thina ngotywala obu satsho sivase siyophola epoolside..
Posted on: Thu, 25 Sep 2014 10:18:09 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015