Insert #42 Amanda left , I didntt even know where she had gone - TopicsExpress



          

Insert #42 Amanda left , I didntt even know where she had gone to...so I was left with Ma and Ntosh . Ntosh : uqaqadekile u Amanda , I wonder ngumkhuba awuthathaphi lo Ma : hay uqatsele kutshanje ...ngathi kukhona apho ahlohlwa khona Ntosh : engathandi nobutha nje inoba uhlohlwaphi Ma : hay kaloku inoba kukulandlu ka Sipho bahlala kuyo Ntosh :hayke imbi le ayifundayo ngoba uqaqadekile ngoku Ma :hayke umoshakele emoshwe yinto esingayaziyo I was quiet and continued with what I was doing entla but I was getting agitated by those 2 Ma : worse ba u Amanda ngalamini ndandibuya e Mbuqe wayethule ngoba wayekhona u mama wakhe , hayke emva kokba emkile wayi nkothololo nje ethetha noba yintoni Ntosh : unetishala kaloku , le singayaziyo uba ngubani I was angry ,i hated how they spoke in riddles as if I was stupid or something , but I kept my cool. Tata arrived and I was happy . Tata : molweni , yintoni kwase kwathuleka ngathi kuswelekiwe ? Ma :hay akhonto wethu sizicingela nje ngee nxaki zethu . Tata :hay bendiba ikhona inxaki. Makoti ndicela I tea mtanam , ndlela le endidinwe ngayo Me :iyeza tata I made him Tea and took it to him then sat down. Me :tata kukho into endifuna siyithethe sisonke nje . Ma looked surprised and Ntosh gave me an evil look but I didnt care. ..in fact I couldnt take it anymore. Me : tata bekufike I Cake apha ebendiythengelwe ngu bhutSipho iyeyam kuba ndizalwa namhlanje , sithe xasibuya emlanjeni no Amanda safika lo Cake ityiwa ngu sis Ntosh no Ma , ndanikwa I letter ke mna and yabe isithi I letter I cake ye yam . Indenze andaziva kakuhle lonto ngoba akumnandanga ufika into yakho iqhaliwe Ntosh : hee hamba chuku lwe Cake Tata :Ntombekhaya kudala ndikunqanda Me : so ke tata u Amanda uye wazobabuza oo Ma no Sis Ntosh then bagqibela sebexabana kangangoba u Amanda akekho and akaziwa noba uphi ngenxa yalo nxabano Tata :oh , hay kyevakala Makoti ...okukuqala mtanam u Sipho uyasithumelela imali but ndiye ndifune ukuqale ndiqonde ukuba wena uyifumene na eyakho before isetyenziswe le siyinikiweyo . Novumile , uyambona lomtana (pointing at me ) Ma :ewe ndyambona Tata : njengoba nje umenza ibhola yakho umane umkhabela phaya uphinde umbuyisele kuwe uzozisola , mna ngoku ndizihlambile ezam izandla kuwe , kudala ndithetha nawe kodwa uzenza usana oluncinci wakugqiba unezinza . Sufuna ndibeyindladiya apha kuwe ngoba ndawyenza lonto mna Mpinga , xa undibiza ndizosabela and awuzuthanda xandisabela . Wena ke Ntombekhaya kuzofuneka uzifunele owakho umzi . Kulonyaka uzayo ngo ndifuna ukumane ndidibana nawe le kude not apha kla masango wakwa Mpinga , azihlali kaloku iinkunzi zenkomo ezimbini esibayeni esinye , kuzofuneka usikhwelele ke . Ma : u notshe , akho kwalapho aya khona u Ntombekhaya , makuhambe u Sipho lo nalomkakhe Tata : heee uyazazi uba u dom dom dom Novumile ? Wake wayibonaphi into yoba unyana ahambe kokwabo kushiyeke idikazi ? Kulo wam umzi kuzohlala u Sipho not oo Ntombekhaya abahambe befuna ukuphatha . Hay Wawa kungavuka noo Bawo bandohlwaye xandinovumela loo nyuvadem . Ntosh : kuthethba ngoku tata ndizogxothwa ekhaya ngenxa yalomnyebelelana ongu makoti ? Tata : hay Ntombekhaya mtanam ingathi iindlebe uhlala ngazo amamele ngee mpundu . Mtanam kaloku wena ufuna ukulawula mos , so ndikunika le nkululeko oyifunayo . Ntosh : yoh hay wasenza u Sipho ngozeka iqanda. Yoo intliziyi yam yayi shaya ikwasakwasa , ndandingafuni ahambe ngolwahlobo u Ntosh bt if kwakufuneke ahambe kanjeya ke ndandingenanxaki cz ndandidikiwe . Tata : makoti mtanam jonga abantwana phandle bayokhangela u Amanda abuye, akhwapho azolala khona ikhaya lakhe linye leli I went to look for kids to go and find Amanda...ndandisitsha ndfuna ukumbalisela ngento eyenzekileyo . She finally arrived Amanda : uphi lo ongu Ntosh ? Me :ukhona endlini, masihambe wethu siyongena endlini simve uba uzothini then athethe lonto azoythetha uphelelwe lixhala Amanda : mxim wake wathetha into ebhadlileyo kakade u Ntosh , uzobe eshwamza apha ngathi ngumtwana omoshileyo Me : ngathi nguwe ke lomtwana omoshileyo We went inside Tata : Amanda Amanda: tamkhulu Tata : ndiyivile into eyenzekileyo , mtanam into yo khwaza abantu abadala ume phandle ugqemfeze ayilunganga kwaphela , xa unenxaki ndihlalise phantsi uthethe nam ndizokulungisela ngoba kaloku xasendiyibaliselwa ndizoyi baliselwa seyifakelelwe kubengathi ibinguwe obe rongo qha Amanda : hay tamkhulu onothanda nawe xa unothi kuyi birthday yakho I cake yakho isikwe ngabanye abantu. U Sis Ntosh akamcingeli omnye umtu...sebedibene beno Kazi futhi Tata : so wena ubulwela u Makoti ? Amanda : ewe , u Sakhu kaloku yena wahlala esisimuma Tata : Amanda umakoti mdala kuwe umtu omdala akabiso simuma Amanda : usoloko ethule ke naye , waphantse wabulawa apha kodwa zange akuxelele tamkhulu Yoo kwakungase ndingaphuma phandle , u Amanda ndandimcelile angaythethi ku tata lanto . Tata : uthetha ngantoni Amanda ? Amanda : Sakhu mxelele abazukwenzanto Tata : thetha Makoti ndimamele Kwakungase nditshone kulandawo ndandihlelikuyo . Ndambekela u tata into eyenzekayo on my way to Jhb Tata : oh mtanam ulunge too much , kutheni ungazundixelela , ndinyuka ndisihla mna ndizama impilo ka Novumile kanti ixesha lonke uyatwela ? Hayman nindenze isidenge ixesha elide , bophelelani imigodlo yenu niphume niphele kulamasango ngalomzuzu....ndenziwa isidenge mos emzini wam , nidibene ngoku thakatha and lonto niyenza apha kwam.... Ma: hay yise ka Ntombekhaya bubuxoki obu buthethwa ngulo mtwana , kudala ke futhi ndikuxelela ngaye Ntosh :hay ude utsibe uphungela ngok, yintoni oko kwafika yena nje kuyaxatywana , wena tata umgxotha okwesibini ngok u mama ngenxa yalo makoti ndini omanqa ....yoo kumnandi ukwenda . Tata : Novumile uyakhumbula mini sasidibana nalomfazi edolophini wathi akafanelanga uyaphila ? Ndandisithi uyagula kanti hay unzulu...unzulu man , yithi guuu usishiye eMampingeni uyothakatha lee kokwenu . Imbeko iyakwala , unyuka usihla no Mambhele nje kanti nishumayela ivangeli yothakatha . Hay Mpinga inoba kuthwa ndingu Dengana wendoda nalapha elalini ....ndinifuna nimkile ke namhlanje . Amanda and I went to bed and left them in the kitchen. Amanda : hay Sakhu into yalomzi ingathi yashwatyulelwa , phofu ke into edibene nezilo ibingenoba ryt...iyabaxeka kaloku ngoba ayihambi yodwa inoo tikoloshe nje Me : kuyo yonke lento yenzekayo ndine worry yoba izophuma nam Amanda :ye wethu beka phantsi amaxhala akho kwanto izophuma nawe...ngu mqa ka Ntosh no Kazi lo so bazozizamisela ngokwabo..maybe masivele sihambe siye e Jozi sizophumla kule drama yezi lali Me :hee singayi ku Sisa nje e Durban. We ended up sleeping not knowing whether Ntosh and Ma had left or not.
Posted on: Sun, 08 Jun 2014 20:54:42 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015