Insert#44 Ndahamba ndayokhwela itaxi ndabuyela eskolweni - TopicsExpress



          

Insert#44 Ndahamba ndayokhwela itaxi ndabuyela eskolweni ndidane ndinjalo,Kaloku ndandicinguba ndizokubaya nento enesihlahla ecacayo ukuba ibheka ngaphi ndithathiwe noba andithathangwa.Kaloku inyanga yayisele iphelile kodwa uBhuti engekandifowneli njengoko wayethe uzondibona xa kuphela inyanga.Ndacinga icebo ndakufika eskolweni ndabhala amaphepha amathathu ne cell no yam ndawaxhoma kwi notice board ndifuna izikwata ezibini.Kaloku ndandicinga ukuba ndizakutya ntoni kuba ndandingenakutya yabe futhi nento yase Lilitha ingekacaci .Ndagqiba ndathatha incwadi zam ndaya eStudy centre , kaloku ndandine deal neGroup members siyo planner ukuba sizoyenza njani i assignment esasiynikiwe, Kuba ngoko kwakungeki aba whatsapp kuko mxit ndabe ndi early,Ndafika kuqala e study centre.Sometimes ndandisiya eStudy centre ndisithi ndiyofunda kodwa ,ndifike pha ndijonge pakathi kwamagama ndibukele abantu bephuma bengena ndide ndidikwe ndihambe.Ndathi ndisagqiba kufika estudy centre ndafumana icall ,kaloku ifown yam ndandihleli ndiyjongile lonke ixesha kuba kwakuthiwe eLilitha kuzoqalwa ngala afternoon ukufownwa ,ndijonge i call yeLandline kunye ne Private no call.Yayiyi cell no le yayindifownela Mna : hai Caller : hellow, unjani? Mna : ndiryt wena? Caller : Ndiryt nam ndingu Wendy Matwa wase Mount Frere ndinechomiyam u Lihle xolilizwe wase Qokolweni sicela indawo yoku skwata. Mna : Kulungile niyifumene umntu uhlala phezu kwemali yi R200 iRent ,nicinga ukuba nizothutha nini ? Caller : apha nge weekend Mna : Ok ke bye Caller : bye Emva kwala call kwaye kwabangcono kuba ndandiybona i way forwad ndilinde ngethemba lokuba aypheli i weekrnd ndingena Grocery,Kaloku ndandingasafuni kuphinde ndilambe kuba u Nandi noAkhona bandinika ilifa lokwenza inwele qha ibangase inwele uzenze ucacile kuba uzokwenza kakubi xa ungekhoryt.Ndandibakhumbula shame ndabe ndingazuhlala nabo kuba babegqibile ufunda bezazokuGreda ngo May qha ,Ewe mandivume bashiya umqela ebonini bam bandipha iskill sokuphila. Zade zafika iGroup Members zam ezinye azeza senza sade sagqiba sahamba sibuyela ezindlwini zethu ngokohlukana kwazo.Endleleni eya endlini ndafumana i call from Sandisiwe , ndandidikwa wethu nguye qha ndizcenga, kaloku wayesisizathu sestress endandinaso kuba kwakusele kuzi 05zika February 2010 kodwa ndingekayi kwi Periods oko ndandigqibele kuqala u Novenber ka2009 pha kwi third.Ndandimthanda epha kude kodwa engezi cakwam kuba ndandikoyika ukumitha kwaye ndingekaqiniseki nokuba andimithanga na. Mna : Bby Caller : Hey unjani Standwa sam Mna : Ndiryt wena? Caller : Ngimso ndizozokubona apho eskolweni ndizothenga ipregnancy test ukhe uteste ndikona Mna : Ok akukho ngxaki Caller : Ndikuphathele ntoni emzini omtsha udingantoni Mastandi? Mna : andazi noba yintoni le ufuna ukuza nayo will accept, kaloku ndandingafuni kutsala incoko ndandifuna ade ayeke. Caller : Ndizobona ngomso ke ba ndithini bye see u then i cnt wait i miss u bigtime Mna : Same here see you ngomso bye Akukho nto ebuhlungu ngathi ku pretender kuba uvisa kamnandi omnye umntu ube wena ungeva kamnandi kodwa ke akukho ngxaki sobasathini.Kaloku mna ndabdi down kuba naye wayetshintshile sivula kwaye ndinalento yokungayi kwi periods ngoku uhigh nam funeke ndibehigh tjoo iyaxaka into yesjolo ndaziva ndithe fixi wethu ndayofika endlini .Ndandilambile kodwa kutya kwakungazungena Indiphethele apha ngestress into yase Lilitha litshonile ilanga ndingafownelwanga .Nda decider ukuba khe ndithandaze ndizobika ingxaki zam kumzali wenkedama umosuli wenyembezi kumehlo alilayo umzali wenkadama.Kaloku mna ndandingenaye umntu endithetha naye ingxaki zam ,kwakuvele sometimes kubuye lapain yongabina Mama ndive kubanda apa ngentla kwe mpumlo, kanti kukuphuma kwenyembezi. Ndibe ndinesgqukru esi sikhwinisayo bengase ndithethe ngoku kodwa kube kungekho mntu.Lonto leyo yayiyenza ingapeli intlungu yongabina Mama andikhathali noba yayivelaphi ipsychologist ngalamzuzu yayingazukwenza nto kuba kwakufuneka ndilile qha ize ndiberyt ndikhulule isgqukru .Ndazama ukuthandaza ndicela uBawo andikhuphe kulento ndazfaka kuyo yokujola ngokwakhe, kuba yayenze ubomi bam abandi yolela at all, noxa nje yayize kakuhle ingathi izakundonwabisa, ndamcela andinike intliziyo yokwamkela xa ndingathathwanga e Lilitha nokuxola ndathi ndisephakathi emthandazweni nda phazanyiswa yi knock emnyango ka Roomza wam ndandihlala kwi double room e Kuwait efika ndakhawulezisa ndathi Amen ndayovula umnyango. Wangena wabulisa wabe sele exolisa bgokundiphazamisa ndavuma kuba ke kwakungekho nto yayitshintshile ndandiphazamisekile ke qha ndisathandaza .Wazichaza ukuba ungu Likho Bhenya waseGcuwa nam ndazichaza ndagqiba ndathatha ibarth towel yam ndayohlamba ndathatha eyona yayikhe yande iShower, ndikhupha esisigqukru singaphelanga kuba sasinga zange siphele ndiphazanyiswe ngu Likho ndisakhwaza indoda yamadoda ,ndahlamba ndatsho ndaziva ndilambile ndosula ndithe chu ndagqiba ndabe ndiva ukuba ukuba ndikhe ndatya ndahlutha, ndizakulala obosana ubuthongo.Kaloku ndandikudinga ukulala yoyi after a long day ,Xa ndifika endlini ndine missed calls from ku Bhuti naku Sandisiwe ude uBhuti wandishiyela i message that read as follows Hey Imitha i tried to call you but u not available bendzokxelela ukuba ndiyile kwaGqirha ndazfumana iresults they still confirm that you are not pregnant,And we have to meet in Town tomorrow early in the morning for our deal Goodnyt .Yhaa! that message change my atittude completely atleast xa kungalungi enye makube kulunga enye.Ngangendlela endandi obsessed ngayo yinto yaseLilitha kwakusebusuku kodwa ndandingayeki ukujonga iFown yam ndisalinde i call ndingacingi nento ye office hours.Ndazenzela isonka neSoup ndatya ndalala,Kaloku ndandiziva ukuba andikho mdleni wokuthetha no Sandisiwe so ndizothi besele ndilele, andamphendula nomphendula kwezo missed calls zakhe.Ndavuka kwasekseni kusuku olulandelayo 6thFebruary kuzole nasebukhweni bezinja ilanga ligqatse ubhobhoyi ndacleana indlu yam yaphola kamnandi ,ndilungiselela nezikwata zam zifike kupholile ndahlamba .After ndigqibe ndaqonda ukuba makhe ndifownele uSandisiwe ndimxelele ukuba ndiye Town so myb angandibona pha angazixhamli ngokuza endlini, kaloku mna ndandingekho ready ba angaza endlini kuba sigqibelene kdala kwaye akukho nto inokusivalela ukuba singenzi nto, kwaye mna andikabiready until ndibone iperiods.Qha mna ndafailer ngokupretender as if ndiryt ngikuza kwakhe endlini ndibe ndingekhoryt .Wavele wathi akhongxaki ndizitsho ndithenge ezinto bendzdinga mna ndabe ndingadikwe kanje ngaphakathi tjooo! hay shame.Ndakhangela ilokhwe yam endandiythengelwe nguMandlangisa ipholile qha yayithengwe inkulu kancinci ndaybeka, andaynxiba ,ngalamini ndayigubhulula ndathatha isLing bag sam ne Umbrella ndathi chu ndisiyokhwela iTaxi . Ndafownela uBhuti ndisesendleleni ndingekakhweli mna kqala, ndambuza ukuba uphi wathi uyaphuma endlini ndimlinde eshell Garage ndavuma ndahamba ndayokhwela iTaxi yahamba yayofika.Apha endleleni ndandicinga lento ka Likho kodwa ndathi ukuzixolisa ,uThixo uyandaz ukuba ndinjani angekhe andihlalise nesilingo endlini if siso ndicela andiphe amandla ndimelane naso. Ndayofika eTown ndadibana no Bhuti saya kwi ATM, wandipha iR700 wathi mntana wasekhaya yonke into ilapho, andzukuthi le yeyempahla le yeyokutya nguwe ozobona ba uthini. Ndabulela wathi if ndiyathenga mandikhalezise azokundipha iLift eya e Unitra ,kuba uyothatha iGirlfriend yakhe pha bazoya eLwandle ePSJ saya echeckers ndathenga sahamba.Apha endleleni ndafuma ichance ndamxelela ngalento yase Lilitha , yokuba ndilinde icall yakhons, wathi kungangcono ba ndingathathwa pha naye azocela imali apha kum naye sabe sihleka lonto wethu Yahamba yayokufika imoto eskolweni kangangokuba ubhuti wam wayegeza ethanda ukuncokola. Wathi ucela ndimbonise indlu yam uzomane ezondibona kwaye ize ndimzamele intombi, enzele angapheli ukuzondibona abe ezosose achecke intombi yakhe. Ndabe ndihleka ndibuza ba izobe iphi kengoku le aze kuye wathi ey! ngumntu nje lo kangangokuba andzuku introducer noku introducer kuba andfuni akunambele ngam, Yhoooo! andzange ndiyhleke kanje sahamba sayofika endlini wancoma wethu esithi ufuna apha kwa lo Likho tjoo! wafownelwa wahamba.Sasicliker no Buti andfuni kuxoka yaz ngalamzuzu ndandikhwele usuka eTown ukuya eskolweni ndahleka kwamnandi ndakhululeka dincikola zakhe zathi de ingxaki zam kancane.Qha ubhuti wayengathethi kwanto nge sister zakhe nam ndingazihluphi ngazo kwaye ndandihleli ndingabaqhelanga ndizazela uMandlangisa, Kube worse ngalo wayePhangela eGrahamstown watshintshelwa eBhayi ndamgqibela ngokuya sasijikiswa singazukuya eHoldayini kuba wayetshintshelwe eBhayi if ndikhumbula kakuhle kwakungoJune ka 2007 kwabe sele kungu2010 ngoko ndingazange ndimbone. Emva kokuba emkile uBhuti ndathatha ifowni yam ndafownela uSandisiwe nda mxelela ukuba sele ndsendlini uBhuti undizisile ,akabinangxaki wathi usekowabo kukhona into ibimlibazisile uzofika after an hour.Ngenxa yesithukuthezi ndathi makhe ndithi ngqi kancinci ndilale kuba ndandisiva nesinqe esibuhlungu ndalala .Ndavuswa yi call yentombazana esenze kunye interview indibuza ukuba andikafownelwa kuba yena ufownelwe ndathi hayi ndamva ukuba udanile shame wabhabhayisa, andizange ndiphinde ndilale kengoku ndifratsi ngeyona ndlela. Wafika uSandisiwe exhakazela endithengele igrocery wade wathenga ne pizza kodwa mna ndandingenakwa appetite he hug me wandibuza ba nditheni esandihugile ndamxelela then we broke the hug ,Wandixela ba ndizothathwa mandiphole .Sangqengqa nje phezukwebedi sincokola wethu wazokhupha ipregnancy test ndasukuma ndisiua ebarthroom xa ndifika pha ndiqala iperiod ,ndabuya ndamxelela ukuba akho need kuba ndikwiperiod ,wavuma ndabesele ndisiyohlamba ndazlungisa ndagqiba ndabuya, kwabe kuthe gingxi kengoku kum atlast ndide ndaya emaxesheni.Ndandingeka fownelwa eLilitha.Kwasele kusemalanga wathi uSandisiwe masiye eMyezo siyothenga i ice cream, yandibona ndiyahitisha ufuna ukundicoolisha ndavuma sazthela chu sekupolile ngoku kungasekho shushu kakhulu. Sahamba wethu kumnandi sizthele chu sele ingathi ayndim lo ebedikiwe efile engafuni aba eze uSandisiwe. Sathi nje sisagqiba ukuphuma eGatini yakhala iFown yam iyiPrivate call ndambonisa uSandisiwe wathi bendikuxelele ndaybamba Mna : Private number hellow Caller : Hellow Mrs Gidimisane mdingathetha no Imitha? Mna : Ewe nguye Mama Caller : Ndikufownela ndiseLilitha njengoko wawu applayile, uselectiwe ukuba uzoqala itraining yakho ngomvulo nge 08 ka February uzphathele imali eyi R1000.00 ,nengubozakho nembiza zakho, ungayishiyi i Id ne certificate sakho sika 10 bye! Mn : Enkosi bye! Ndandingakwazi nokuzibamba kukuvuya kaloku lacall yabutshintsha uBomi bam yona yodwa nje sele ndizbona ndiyinurse nyani. Ndaye ndacinga ukuba ndizoythatha phi kanene le R1000.00 ndathi ndawse ndijike if awuyi xa ndingenayo ,kuba ndandingazi ukuba ndizoythatha phi kuba ndandine R400.00 eshiyeke kulamali bendiyiphiwa ngu Bhuti.Sathenga i ice cream e Engine Garage sabuya ndimane ndincuma ndodwa yimincili , ndicinga ngaphakathi ndisithi Xa bendisuka phi , ndingubani khona ey uThixo unemimangaliso ndizobayi Nurse . Sayofika endlini wathatha iSling Bag yakhe usandisiwe akahlala sele kukhona uLikho ,ndamkhapha sahamba wakhwela iTaxi ndabuya. Ndandiziva ndifuna ukuthandaza ndibulele kuBawo ndide ndide ndineWirship song ngaphakathi ethi akekho ofana nawe wena uyingcwele Nkosi yamakhosi .Ndafika uLikho caba uyohlamba ndathandaza ndibulela ndisithi Enkosi Bawo ngokundithanda kude kubelapha ndiyaboñga Mzali wam zaqukuqela ndicinga ukuba ndisuka phi nentsokolo kanti uBawo wayeyazi ukuba undibekele ntoni kodwa udinga ukuba ndinyamezele.Kaloku ngoku ndanďizifanisa nentsimbi ebaselwe umlilo omkhulu iqiniswa ukuze ingagobi xa sele isetyenziswa , kumthandazo wam ndandingena magama amaninzi kodwa ndisithi Enkosi mzali Ndagqiba ndatya ndalala ndingakwàzi ukulinda kude kufike izkwata zam, ndiźothatha imali yabo ndidibanise nale yam kuzogcwala imali yaseLilitha. Kusuku olulandelayo ndaxelela uBhuti ukuba ndifownelwe kwaye kufunwa imali eyiR1000.00 wathi uzobona eMalanga ba uthini ze ndimfownele ndabhabhayisa .Ndahlamba ndisiya eCaweni eAuditorium kwakungena iCawe yase Wisile. Ndamxelela uLikho ukuba ndizobanezkwata zingafika anytime wavuma wayeyithula into shame bengathi ndihleli ndodwa ngoku akhoyo.Kaloku ndandiqhele indlu yethu noAkona no Nandi ndavele ndabaqhela ndisafika kuba babelive bethetha phandle. Ukubuya kwam eCaweni ndafika sele bekhona oo Wendi ndabulisa ndabamkela njengamastandi kwamnandi ,Kaloku ndandisendi planile ukuba ndizobashiya pha endlini, bahlale ndizothatha isgqibo sokuba ndizobaxelele everything xa sele ndibuya elilitha ndiyazi into yam ithini.Ndiqonda ukuba ndizo DEREGISTER after Easters. Bandinika imali yabo ndane R800 ndaxelela ubhutivukuba makandinike i R200 wayizisacnyani wabe esithi ebengekayzami la R10000.00 ndabe sele ndimxelela ukuba ndenze njani wabulela sele endibiza Nurse .Wayendithanda shame ubhuti wam, Andizange ndilungisecbto kuba ndandifuna uqale ndibone ukuba i situation injani yaselilitha kwakungathi akusi ndilala ndisothuka ekugqibeleni kwade kwasa ndahlamba ndahamba ndandisendiba balisele ke o Wendi ukuba ndibizwa e Lilitha kodwa bona bazobe behlala. Ndahamba ndayokhwela iTaxi ,ndafika kugcwele ngeyona ndlela abantu bevukele bexhakazela zingubo zabo sayothathandaza yey! yangathi sise high school kaloku ndandingenwe bubomi base University ndiygqibele ehigh school into yokuthandaza sa introduswa ke ukuba sizi 1st years sabuyela eClasini yethu.Kemna ndandicinguba sizakuya esbhedlela xa ndisiva kuthethwa ngencwadi le mali ibifunelwa incwadi ezidura ngolona hlobo. Kuthiwa iskolo singe ngo 06:45 siphume u 04:00 ey ngathi kuzobanzima sasayniswa izinto ezininzi kwabizwa i roll call sasiwa eNurses home sikhonjiswa indawo zethu. Ngenxa yala 06:45 ndaqonda andzulenza ixesha kuzofuneka ndihlale pha ngaphakathi ndahamba ndaya eUnitra ndiyothatha izinto zam.Ndafownela ubhuti ndim updater ayangena ifowni yakhe several times tjoo! ndavele ndanombilini unzimba wam uyandixelela ke xa kukho into engekhoryt.
Posted on: Sun, 04 Jan 2015 05:33:20 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015