Insert#45 Ndazama ndancama ifowni ka bhuti ingangeni ndade - TopicsExpress



          

Insert#45 Ndazama ndancama ifowni ka bhuti ingangeni ndade ndalala ndathi myb kusuku olulandelayo zobe iryt myb inengxaki.Ndafownelwavngu Sandisiwe endibuza ukuba bekunjani ndamxelela wabe esithi ndizoqhela akho nix, wabhabhayisa ebabaza ukundithanda nokundikhumbula, nam ndingayekanga ndibabaza mna kuqala. Ndandisele ndipakishe everything yam nokutyakwam ,kwaye injondo yam yokufownela ubhuti ndandizomxelela ukuba ndihambe njani ,ndisose ndimcele andiphathise kuba zazininzi izinto zam kwaye iTaxi ikhwelelwa kude .Ndalala ndisete i alarm kuba ndandileqa u 06:45 esbhedlela kwaye ndinempahla ezininzindacela uLihle no Wendy bandiphathise bavuma.Ndavukacekseni ndaphinde ndazama u Bhuti but steel zange ndimfumane, ndahlamba ndagqiba ndabavusa oo Wendi bandiphathisa ndayokhwela itaxi. Yayinditya kakhulu into ka Bhuti ongafumanekiyo efownini yakhe indithathe indipose kude ngengcinga kodwa ithemba ndsenalo. Yahamba itaxi yayofika ngasesbhedlela ndagcinisa kwaba Mama befruit bangase Gatin ndazphatha ezinye ndaya nazo e Nurses Home kodwa andzange ndimenze u 06:45 ndabalate. Ndafikisana nabo eclassini xa bebuya emthabdazweni ndakhawuleza ndazxuba kubo.Engqondweni yam yayingekho into endandiycinga yayingubhuti qha kodwa ndazama ukuy ignora yabe ifown yajhe ingekangeni kwaye ndandisele ndine denial ke ngoku .Senza izinto ezininxi siphotocopa ezinye sanikezwa neforms ezizakuyogcwaliswa eBank, pofu mna andinakwa card le Bank kufuneka ndiqale ndenze icard kwaye zange ndakhe ndalenza before. Andinamali ndiyigalele kula mali yencwadi ,ebiyisilver ishiyekile ndikhwele ngayo ndathenga ilunch ,andina etime efownini nguBhuti akakafumaneki efownini yakhe. Andiqhelanga bantu apa zaqukruqela ezshushu ndathi ndinentloko kulentombi yayisecakwam, pofu nayo iwrongo yona kqala kudibene izikade zodwa.Yhoo! isgqukru sasindigqiba ndenzela uSandisiwe ucall back wafowna kwangoko ndabe sele ndilibeka ibali wathi uyeza esbhedlela cz uhleli enesyali undiphathele imali yha! kwatsho kwangcono. Akazange athathe xesha lide wathi use Gatin sele efikile, wandinika R200 endiphathele ne etime. Ndabulela ndabe sele ndimbalisela ukuba ubhuti akafumaneki efownini kwaye sele kulithuba usuku usuku luphelile kuba ndamgwibela Sunday mna kwabe ku Tuesday ngoko.Futhi andazi nendlu yakhe ukuba indawoni andaz ne no yomntu endingamfumana kuyo ,wathi lets hope for the best nana, tjoo wathi ukuba tsho andakwazi tu ukuzibamba inyembezi zazehlela zigijima, ndibabgazama utwaba twabaza zehla qha, ndaveke ndakhumbula u Mandlangisa indlela awahamba ngayo.Ndabhabhayisa ndingxididi zinyembezi ndazosula ndahamba wathi uSandisiwe usuke wandenzela i worry uzobsnesa njani abantu utefa kangaka na,?ndathula ndahamba naye wahamba. Ndafika abantu sele bemkile eClassin kusithiwa kuyacleanwa ndathatha incwadi zam ndaya eNurses home, andazi kwamntu kubi kuncamile ndondlula ibhedi yam ndazposa kuyo. Bancokola abantu ndizogqumile andilelanga bay2 ngamantombazana ekucaba iyafrikha kwaye bebehamba noBhuti, ithi kuthiwa eKopano eKhwezi kuxabane abafana bahlabana basweleka ngeCawe late, i Worse ba ndiyamazi lomfana uSwelekileyo Ngu Sandile qha ndilibele ifani yakhe, ngowangapha ko Gcuwa Ngqamakhwe andikho sure,Caba lo omnye akakhumbuli .Athi Nanku chomi enomhlantla umhlophe, uhamba nge Polo e silver Grey ,mde kwaye unebody eryt kwaba sasiye nabo ePSJ ngomgqibelo ndandikhe ndajola naye, qha kwacaba uthanda ichery yakhe gqithi .Abe sele ekhuza kengoku omnye haibo! chomi lamfana uryt kanje what a waste? .Athi omnye iworse kuthiwa ayilili kanje ichery yakhe ,kwaye wayesithi unomntwana wakowabo ofunda eUnitra uSandile, uyazqhenya ngaye kuba akekho phandle apa, andisamsizeli shame.Ndavele ndangathi showkiwe kuba kwakuthethwa ngam kwaye lomntu bathetha ngaye yayingu Brother wam q exactly qha bengazi ujuba bathetha ngam kwaye ndandinyamezele ukuva i information yonke, qha basuka bahamba bathibaya eSavoy Spar. Xa bephuma nje ngomnyango yatsho ifowni yam Yabe iyi no ka Mavalela ndayibamba Mna : hellow Caller : Imitha uBhuti wakho uSandile usishiyile sive ekuseni phezolo uhlatyiwe etywaleni eMthatha askawazi umngcwabo ungazenzakalisi sikhona sonke ntombam, nathi sonakele kuba kaloku nguye yedwa indoda phakathi kwamantombazana inxeba esinalo linzulu. Mna: yhooo!ndsakhuza ndilila Mavalela wadropa ifown .Ndakhala apho ndizifihla kuba ndingazi kwamntu kule Holo sasihlala kuyo e Nurses home ,ndade ndaviwa ba ndiyalila.Bazama ukundibuza kodwa ndandingakwazi kuthetha ndingena kwamandla .Ndazama nje ukuthi ubhuti wam uswelekile uhlatyiwe ekopano babe sele bezidibanisela kulanto babeyiva uncokolwa ngalawa mantombi. Bazama ukundinika amanzi aneswekile bendicenga ndawasela kodwa ndingayeki ukukhala.Kaloku ndandinemibuzo emininzi apha ngaphakathi kum, ukuba mna ndenzani le ingaka kanti?, ndawze ndonwabe phi na mna xa kulunga ngapha konakala enye?.Kwaye kutheni bonke abantu abandincedayo nabandithandayo besuswa ecakwam?, Ey! odenial yayindibambile ndikhala kodwa deap down nasengqondweni yam ingathi ndsephupheni.Ey kubuhlungu ufelwa andinaxhala kwaye ndikhule kanzima mna, Ndibethekile ebomini kwaye noba kuthiwa wonke umntu unento yokubalisa ,akekho onentlungu efana neyam.Andiyazi ukuba yayisenziwa yintoni kodwa xa ndikhathazekile zazibuya zonke ezimbi starting from the day yokuva uba umama wam uswelekile kubengoMadala (uTatomkhulu wase Lusikisiki) kubengoMandlangisa,KubengoThembakazi ey bundintlithile ubom andnaxhala. Ekugqibeleni ndade ndalala wandirepota uclass Rap ko Tutor ekuseni kwathiwa mandiyokwenza icard ebank ndanikwa izinto ezizokusaynwa ndazisayna zonke.Kwathiwa mandigoduke ndinikwa iFamily responsibility leave, andinolunga uhlala phakathi kwabantu ndiswelekelwe zandibiza ke i Tutor zam zandithabdazisa, bandikhulula.Ndabubona ububele babo shame bengathi bayandazi ngoku ndinosuku ndihleli nabo bandikhula ba mandihambe. Ndaya eNurses home ndapakisha impahla zam endzokuzidinga,ndafownela uSandisiwe ndamxelela ngojwehlileyo wandiconsoler ndabhabhayisa, .Ndafownela uMavalela wathi basendleleni badlula eLubode babheka eNgqamakwe kwaye ispace sikhona kulemoto kuzongcwatywa Sunday nge14Ka February2010, ndathi bandifownele xa bengena eMthatha ndizobalinda kwi Bus stop engasezi Robotini eSavoy wavuma. uMzimba wam wawuphantsi ngeyona ndlela ndazthela chu ukunyuka eNusres home ndisiya eGatin .Ndicinga ukuba kanti nge Cawe ubhuti bebdingqibela ukumbona ngiku ebeyokundinikeza iR200.00 ,yini khona ukundizimela kanje? ziphalale inyembezi ,kanti ubomi bunjani na ?, ndizixolise ngelithi ekudliweni kobom kukhona ukufa.Ndathi chu ndayifika bandifownela sendipha ndabe ndibaxelela ukuba ndinxibe izinto ezinjani.Akuzange kubekdala bafika bekhwele uSiyaya saybetha ebheka eNgqamakhwe. Sahamba kakukhe sayofika senza umthandazo kazi owayekhe wamkhulu .Wazama ukusibopha umfundisi owayekhona, kodwa sasingabopheki ingxaki yonke lanto yayingakholeleki ingathi yintsomi or Liphupha ukuba ubhut Sandile is no more ismile sakhe sasihleli engqondweni yam kuba sasincuma ngikufanayo.Zahamba intsuku babuya oosister baka bhuti sandile boy3 enziwa amalungiselelo omngcwabo agqitywa kwathiwa ndizofunda ilitye ngemini yomngcwabo.Yafika imini yangomGqibelo emalabga yokubonwa komzimba,Ey!akukho nto ebuhlungu ngathi yileyo moment, mna ndaqala ukhala u Avbob esa revesa eGatin.Kwaculwa ke yothulwa i cofin ka bhuti kwangena umthandazo .Kwathiwa ke kuzobalithuba lokubona umzimba siyacelwa ize sizame ukuzibamba .Mna ndandilila kodwavndandingafiki kuMama womntwana wakhe ede eFainta wakhutshelwa pandle wabe umntwana ekhala gqithi kuba wayengazi mntu apha kuthi ekhalela unina ofaintileyo kwamiwa awabonwa unzimba kwathiwa sizakuwubona ekuseni kwahoywa uMama wontwana nombtwana wakhe inoba umntwana kabuti wayepha ko 10 or 11 months .Wahamba wayolaliswa usisi Nokuthula nomntwana wakhe wabe erongo engekabiry, Zabe zibhideke ichomi zika cc Nokuthula(mamomntwana ka bhuti) zifratsi. Waqhuba umlindo kwasa phandle sabotshwa ngunfundisi owayethetha pha ,sashiyeka sixolile simkhululile umntwana KaTata. Ekuseni kula nkonzo yikuba kuzoyiwa eNtenteni sawuboniswa unzimba ndabe ndingconwana kunangezolo, kodwa kusebuhlungu.Kwaphunywa kwayiwa e Ntenteni waqhutywa unngcwabo zathetga ichomi zika Bhuti shame ziqale zazirhashaza for isbindi before zithethe . Kwafikwa kwi Turn yam yokufundwa kwelitye wandinceda uBawo ndaqina andakhala, ndafunda ndayogqiba Waphumla ngonaphakade uBhuti Sandile sahlamba izandla sabuyela ezindlini.Ndathi xa ndijonga ifown ya ine Missed call ne message from IBrother yam saseNgqeleni that reads as followHey Imitha uMakazi uSwelekile apha kwaye akukho neqalayo ndithi mandikwazise akukaziwa imini yomngcwabo bye.Ey! ubomi banunganfiyolele kwam ndabe ndingazi noba ngomphi lo Makazi uSwelekileyo, kwaze kwandichonga ukufelwa kubikwa omnye umngcwabo ndikomnye Thethelela nkosi!
Posted on: Sun, 04 Jan 2015 21:12:49 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015