Insert 6 Zihambile intsuku ke umama samxelela imali so wathi - TopicsExpress



          

Insert 6 Zihambile intsuku ke umama samxelela imali so wathi akazuyinika uAnty imali yethu besizifihlela. UAnti ebevele athi xa enika uAsa imali yesikolo kum. Anti:awuzuva mali wenaaa ngoba unyoko wayeka undiinika eyophatha kwakho. Mna: akhongxaki Anti ndiright ngeskhaftina. Sogqiba ke noAsa eschool sishare. Kule kamama sasithatha iR5 Plus neR5 awayeyinikwa so sasibangabelungu. Izihlangu ndandizinxiba full time ngoku ngoba kaloku umama wayilungiselela. NgoJune sapasa sobabini noAsa. Imeeting zethu zingayekanga emva kwendlu. Ukupheka sasivele sithi omnye xa epheka omnye abe ehlamba ishirt cz uAnti wayenento yokuba sifike engekho xa sibuya esikolweni. Xa sifike ekhona yayibangathi kwenziwa ndim konke ngoba wayesoloko elele ebhedini yakhe moss yena. Wakhawuleza ke unyaka sabhalela uDec imeko isenjalo kwa Anti. Umama engayekanga ukubuya imali wayesinika izi R5 ezininzi kuba samxelela indlela esasiphatha ngayo. Eyivuyela shame umamam lento yoba uAsa endithanda kangaka kowabo. Xa umama ekhona yayiba yisure case ke ba siyathutha siye ekhaya phezulu kwifreedom. Sapasa ke mna ndizokwenza ugrade 8 u Asa yena ugrade 7 the following year.mna ke ndandinguposition 1, uAsa yena engu position 5. Ngalemini sibuya nereport ke asikazivuli sanika uAnti wazijonga. Anti; yhe Athandwa kutheni ukhohlakele njena. Mna: nditheni Anti? Anti: wafumana u1 uAsa yena akamfumana. Yho ndivele ndixakwe ke ngoku ndingekaphenduli. Asa; asifundi classini enye moss mama and nam ndipasile nje. Anti: thula Asa andithethi nawe. Mna: uxolo Anti. Phofu andiyazi nendiyixoliselayo. Anti: next year nipase ngokufanayo okanye wena Athandwa uyomnka apha kwam. Asa: ndizohamba naye ngoba wena mama ndiyabona awumfuni uAtha. Mna awufuni ndenze nto apha ekhaya kuba uthi ndimncinci kodwa siyalingana noAtha and nempahla zethu osize bayafana. Anti(othukile)uyithathaphi lento uyithethayo Asanda? Asa: andithi mama uAntana yena yonke into yam no Atha xa sikuye uyenza ifane wena awenzi njalo? Nemali awumniki kodwa uAntana usinika sobabini? Wavelw wathula owam uAnti esiva iziqebheyi kwintombi yakho. Ndabe mna ndithe mlomo wam. After that waphuma uAsa. Anti: umelebi wena wenza ububi ngathi wazalwa nekaka ungayojonga uAsa? Zange ndiphendule ndandimazi ba uAsa ukwisport sethu. Ndafika elila. Asa: kodwa usathandaza moss ngalandlela? Mna: ewe sulillla marn mntase. Asa: hayi uyaxmcotha sheim utata uThixo kwakunini ngoko umama akafani nomamakho. Mna: masihllale ethembeni silinde kubuye umama sobuza kuye. Masiye endlini. Nyani saya safika uAnti eme necornish enjani utyeba wathy yeka Asa kuba epasile wqthi uAsa akayifuni. Whoaw akaphoxeka sheim uAnti, ndabe mna ndivinjwa as always.salala ngesonka noAsa namanzi aneswekile uAnti wamokamokana nalocornish wayigqiba after 4 days futhi sasingayibi noyiba. Zabe zivaliwe izikolo wabuya umalume(tata kaAsa) for Christmas nemfumba yempahla sika Asa nam endithengele. Nomama naye ethengele mna noAsa. Semka kwa Anti sayotyela iholide ekhaya. UAnti wasala nomyeni wakhe kwabe kubuye nosister kaAsa omdala uAmanda nobhuty wakhe ohlala egoli kutatkhe. Usisi ka Asa yayingu Amanda ubhuthi ingu Andile. Sabashiya bonke apho bengafuni sihambe sabe sisithi thina siya eholideyini phezulu ekhaya ke apho. Ekhaya kwakukhona ibrother yam endala uButi Lunga owayehlala emzini weStep sister sam qha i was nt close wi th her kuba wayethanda usibetha ndongxola kuba emdala igama lakhe yayinguLizeka. Kodwa yena wayengekho wethu and ndandivuya cause ebethuma lamntu. Mna i was ilast born ekhaya.yayimnandi shame iholideyi nge 26 umama waya nathi elwandle eDwesa. Wabe wayesithengele neuniform entsha. Ubhuti kanene wafika neDouble bed ngoku wayefika isuka kusisi nomyeni wakhe, so mna noAsa sasilala kulabhedi ibilala umama yena elala kwiDouble. Ubhuthi wayenayo ibhedi kweyakhe indlu elala ngomnye uRound osecalen mntakabawo. So iphantsi ndandisaphumle kulo. Yaphela iholideyi isemnandi njalo. Sova unyaka omtsha usiphatheleni on the next insert.... Ndizogxothwa kumlungu kunini ndisefonini hahahahahah #team_no_sleep
Posted on: Sat, 18 Oct 2014 22:50:23 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015