Insert 60 Xa ndifika e ndlini u tata uphuma e roomini yakhe - TopicsExpress



          

Insert 60 Xa ndifika e ndlini u tata uphuma e roomini yakhe enxiba I biker jacket e black, wabe enxibe ne jean e black, Me: “uyaphi?” Him: “out, ubunga lelanga na?” Me: “nah, ndiye ndaphuma, uqale nini uphuma ebusuku wena?” Him: “ndiyo khangela u Junior” Me: “Andile Junior?” Him: “yeah” Me: “seku late tata, akasekho” Him: “njani?” Me: “yena ne girlfriend yakhe bafunyenwe emotweni ka Andile beswelekile” bendinayo indawo ene ntliziyo ebuhlungu, Him: “ayilento ndiyivileyo leyo” Me: “tata, sisuka kulo girlfriend ka Andile, I cousin yakhe isixelele” Him: “hambo lala manana sophinde sithethe, I love you” he kissed my cheek wabaleka waphuma, ndasheka ndikhamisile…mhm maybe uyo hlangula isidumbu ndacima I lights ndaya eroomini yam ndakhulula ndayo ngena kwi shower ndanxiba I pyjamas ndaseta I alarm yango 00:00 ndangena ezi ngubeni, ubu thongo bebu ngazi tu, bendi zama ucinga inoba o Asanda babulewe yintoni. Yes bendingafuni, benndibazonda kodwa bebe nga fanelwanga kukufa…heee u X what if nguye obabulele, ngoba ngulo waye vutha ngumsindo ephethe ne gun aphinde abeli gintsa futhi…oh Bawo ndinukelwa yi WAR ngoba utaka Andile ubuya kwakhe uzo funa lomntu ubulale umntana wakhe ambulale…oh I wish ayinguye Thixo wam ndingayi ntoni uswelekelwa ngu njunju…ey nabo o X izinto abazenzayo. Bendimana ndiguqu guquka babe bunga fiki tu ubuthongo ndancama ndaphakama ndakhupha incwadi ndafunda, yakhala I alarm ngo 00:00 ndafowunela u Lihle, yakhala akayi phendula ndaphinda futhi wayiphendula, Caller: “nana” ebesesebuthongweni” Me: “happy birthday to you” ndamculela ndade ndagqiba, Him: “awu man mntase, enkosi mikityi yeva” Me: “uyayi chamela ke ngoku xa undi biza ngelo gama” Him: “uxolo ke manana” Me: “sharp ke bhuti wam, ube ne mini emnandi” Him: “enkosi baby” Me: “sharp” I hung up, ndaphuma ndaya e roomini ka tata ndakhangela iipilisi, ndatya zayi 2 ndaya e roomini yam ndangena ezingubeni nda seta I alarm yango 05:30 Ndiye ndavuswa yi alarm, bendisase nobu thongo ndavuka ndalungiselela ukuya eskolweni ndagqiba, ndayo nkqonkqoza e roomini ka tata, ndiyo jonga ukuba ubuyile na, kodwa akwabikho mntu uphendulayo ndavula, bekungekho nto itshintshileyo, ebengekho naye into echaza ukuba khange abuye, I wonder uphi…ndayo landa I schoolbag sam ndaya e kitchen u mamGladys wandinika ukutya ndatya ndagqiba ndayoqabela I taxi ndaya e skolweni. Bendingaziva kamnandi tu ngalamini, umzimba wam ubutyhafile, ndafika e classini u Yo sekhona, Me: “nana zam” Her: “hey love” we shared a hug Me: “u right?” Her: “yeah, wena?” Me: “ja, bendicinga ukuba simxolele u Mihlali, udinga I support ngoku, uyabona nawe akana tshomi apha eskolweni” Her: “yeah unyanisile, la mjita u Sathana uzode enze I braai ngathi” sahleka Me: “bendingayazi uba baya geza abaya” Her: “u worse umntu wakho sani, kahle kahle niyafana” Me: “andi gezi noba kufiwe mna” kwangena u tishala elandelwa ngu Mihlali, wayo hlala phantsi,zaqhubeka izifundo, Xa kuphuma I break saya ku Mihlali,sahlala phezu kwe desk yakhe…abanye abantwana bebe phuma, u Olga wama ngenyawo Olga: “iyadika ke shem le niyenzayo” Yo: “khawuthule wena namabele ingathi u advertise(a) inkomazi” sahleka no Mihlali, ayemakhulu amabele ka Olga, Olga: “ndakuqhekeza ngempama mhlathi kanyoko” Mihlali: “okay guys yekani ngoku, Olga ndi right ndicela ungazi khathazi” Olga: “andiyazi uzoyika ntoni ezi ngcongconi zimbini, uziyekela ntoni zikuhlukumeze” siyaqheleka kodwa Yo: “utheni na lomaxwebe thambisa womleqwa, uthakathwe ngathi or kuthanda uzinakisa…khawuphume sani awunuki kamnandi” watsho evale iimpumlo sajongana no Mihlali, saphela yintsini Olga: “mxm” wathatha incwadi zakhe waphuma, Me: “ha a Yoyo, khayeke isigezo sani” Yo: “makanga qheli kaloku naye, sekutheni sesizi ngcongconi ngoku” Me: “hahahaha, awuboni sinqinile” Mihlali: “ayikoku nqina oku” Yo: “uyasi qhela kodwa” Me: “masimyeke uthanda I attention” Yo: “mxm, anyway unjani Lili?” Mihlali: “ndiyazama guys” Me: “jonga nana, siyaku xolela ne ngalanto wasenza yona and nathi siyaxolisa ngoku hlukumeza ne” Yo: “wawuyi good girl sani,usengaba yiyo nangoku sicela itshomi yethu back” Mihlali: “enkosi guys, ndiyazi sola ngayo yonke into endayenza, ndiyayazi ndani visa kabuhlungu especially wena Samke, ndiyabonga ngokundi xolela kwenu, ndeva ngo Olga ukuba nini abagalela I glue estulweni sam nandithathela nokutya, andini soli bendiyi deserve(a) yonke lonto, ndajika ndingu mntana ka Thixo ndaba sisi sebenzi sika sathana” ebe phuma iinyembezi Me: “u Thixo kudala waku xolela sisi zibuyisele kuye qha wena, akukabikho late for ubuyela endleleni e lungileyo” Mihlali: “enkosi” Yo: “group hug?” Us: “yeah” we group hugged Yo: “the YAM (Yolanda, Amahle,Mihlali) is back baby” sahleka, we high fived… Me: “ndiyathemba sophathana kakuhle ke guys” Mihlali: “ndiyathembisa soze ndiphinde ndini phoxe” Yo: “good girl” u Mihlali wasinika I number esizomfumana kuyo After school sayo qabela I taxi sonke, umntu waya kokwabo ndafika ekhaya kukho u MamGladys, Me: “molo ma” Her: ‘ewe sisi” Me: “utata ebekhe wabuya?” Her: “ndimgqibele izolo” Me: “oh okay” ndahamba ndaya e roomini yam ndakhulula ndagqiab nda fowunela u tata yaya straight kwi voicemail sana ndase ndane stress, nda fowunela u X wayiphendula, X: “mntanam” Me: “hey, u right?” Him: “ndi right wena?” Me: “ndi sharp, sowu phumile emsebenzini?” Him: “yeah ndisendleleni ebuya khona ngoku” Me: “ndicela udlule apha ekhaya tog” Him: “okay nana ndizoku fowunela xa sendifikile” Me: “okay baby” Him: “sharp” I hung up, bendi safuna u buza u X uba ayinguye na obulele o Asanda, ngase andiqumbele ke, ndathatha I phone ndaya e kitchen ndazenzela I sandwhich ne juice ndahlala phantsi ndatya…10 minutes later, u X wa fowuna wathi use gatini ndaya kuye, waphuma emotweni wagqiyama nge moto ebenxibe formal ebefaneleka shem, ndayo fika kuye ndamhug, ndamncamisa (babykiss), Me: “nana kukho into endi funa uku buza yona, ndicela unga qumbi ne” Him: “okay andizu qumba” Me: “wawuyombona nini u Andile saterday?” Him: “kwakuse mini, ngoku ndandi sukobeka wena” Me: “wamfumana kokwabo?” Him: “yeah, ndiya bona ukuba uyaphi nezi questions zakho, andinanto yokwenza nokufa kuka Ace ne girlfriend yakhe” iyo Me: “kodwa wawu phethe I gun ngala mini” Him: “yeah, ndaku xelela ukuba bendiyi phethele ukuzi khusela…no Mihlali utshilo izolo uba ayaziwa uba baluwe yintoni khange athi badutyuliwe anditsho” Me: “ewe” Him: “nana ndingaba lilo I gintsa kodwa akutsho ukuba ndihamba ndibulala and andiyenzi into ndinomsindo ngoba ndiyayazi ndizakuzi sola eku gqibeleni. Wawuna nawe ngalamini umsindo endandi nawo, ukuba bendingomnye umntu ngendaku nyisa” okay ndiyamkholelwa u X uba akenzanga nto, Me: “okay ndiyakuva” Him: “uyandi kholelwa?” Me: “ewe baby” Him: “thanks” Me: “askies ngokucingela ububi” Him: “its okay detective Fini-Stuurman” ndancuma Me: “sundiqala ke ne suit” wahleka Him: “usile wena yazi, ndizoku bona late ke yeva” Me: “okay nana” we shared a hug, wayo ngena emotweni mna ndayo ngena ekhaya
Posted on: Sun, 30 Nov 2014 11:21:18 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015