Insert 62 Sangena kwimarquee kwavulwa ngomthandazo - TopicsExpress



          

Insert 62 Sangena kwimarquee kwavulwa ngomthandazo ngutakaSvuyile emva koko waphakama uSizwe wanguM.C of the traditional ceremony. Kwaqalwa nge introduction of the families lucky wonke umntu wasekhaya ebekhona ndafumana ne opportunity yokubona abantu bakuloSvuyile bendingazange ndibabone iextended family yakhe. Abazali basipha iblessings from both sides samkelwa yi married couple ayirelative kaSvuyile, emva koko abantu abangakhange babenachance yoku sipresenter bafumana lochance abafuna ukuyala bayala. Emva koko kwatyiwa ndasiwa emndlini ke mna eroomin ndakhulula ezampahla bendizinxibile ndanxityiswa impahla zobumakoti iskirt seblou ishirt ebaby blue itowel ewhite nexakatho neqhiya emnyama kanye kanye leyamakrwala iquality kwathwa mandinxibe isihlangu esicomfortable kuba ndizakusebenza ndanxiba my pierre cardin pump eblue. Ndagqiba ukunxityiswa ndasiwa endlini enkulu kwabe kugcwele kuthe qhu endlini ndabekelwa ikhukho elitsha ndahlala phantsi ndizisongile. Kwathwa kwindodakazi yam as Nomonde makandithiye igama. Ndesh: igama endimthiya lona ngu Ambesa. Waphakama utatakaSvuyile. Tatazala: mandithathe elithuba ndizibulisele kumntu wonke okhoyo apha ngalemini intle kangaka, mna ndifunyenwe luvuyo ngaphakathi uThixo undigcinile ukuba zendiyibone lemini yanamhlanje. Ambesa mntanam ndicela ungajiki tuu uhlale ulento uyiyo instead of that uthi chatha. Uphi uSvuyile makazohlala apha ecaleni komkakhe ndizothetha nabo bobabini. Mna into endizakuyithetha kuni ningamlibali uThixo bantwana bam, kunzima kumnandi kodwa uThixo nihlale kuye. Ungadikwa mntanam ubuzithathele ngokwakho lomfazi ngokumthanda ndingeva kuthwa umolokazana ulala ngenyembezi. Ambesa umzi wakho ize ibengumzi wabantu mntana kungenwe mntanam, mna nonkosikazi sibadala sibangaka sesithembele kuni bantwana bam. Svuyile andikayeki kubangutata ungaziboni umdala ngenxa yokuba unemizi embini ke ntanga ndehlile. Kwaphakama umakazi kaSvuyile lowa ndandiyohlaliswa kuye ngokuya ndandikhulelwe uLwandle. Makazi: maRadebe, Bhungane, Mthimkhulu siyabulela ngawe mntanam ubukho bakho apha izibebubumnandi usambese mntanam. Umfazi ke Svuyile akabethwa uyathandwa umfazi umbonise uthando umfazi kungathi kuba sewunabantwana ababini kuAmbesa uqonde hayi uphelelwe kabe mtsha everyday umbona lona. Ambesa tshomi yakho mayibe ngumyeni wakho mntanam lefaskot uyinxibe ngaphezulu yiyo ezakuqhuma amabibi alomzi ungahambi utshayela lelali ngawo. Umazala wakho akabuthi ke mntanam imbutho ingaqalwa nguwe. Andizothi ke mna unyamezele ngoba andiqondi ukuba kukho into ezakufuna ukunyamezelwa ke kodwa ndifuna ukuthi uze wonwabe Ambesa ndehlile. Baphakama nabanye abantu belali bayala ndabe ndingafunyenwanga likhukho lindityabula kwagqitywa ukuyalwa emva koko ndaphakanyiswa nguSvuyile ndaya eKitchen because kwakufuneke ndenzele wonke umntu itea. Ndafika amanzi sele imisiwe nguNomonde nge urn ndasika icake into piece ndongeza nange swiss rolls ndahambisa itea uNdesh wahambisa icake emva koko ndayovasa izitya bezikhona kakade ndayojoiner omama bebesebenza phandle ndabizwa nguNomonde esithi ifamily yasekhaya iyahamba so kufuneke bethethe nam before bahamba, ndayongena endlini ndaphindela kwasekhukhweni waphakama umamam. Ma: Ambesa siyahamba kengoku maRadebe kukokwenu ke apha singaboni ngawe ngomso ungaleleka kuthi uhlale apha emzini wakho uthobele iinlaws zakho mntanam ungabina cheeck ube ngulamntana wam ndikwazi unguye sisi noba uyakhubeka vele uguqe ngedolo uthandaze uThixo uzakunceda. Asifuni zifoun calls zakho ulila ke thina sifuna ukuva ukuba hayi mama sonwabile nangoku saba nosana lwesithathu. Kwahleka wonke umntu yileyopart. Ma: nontombi make proud uzuyazi ukuba uzakujongwa ngamehlo abomvu ke mntanam kulelali kodwa uzujonge phambi. Siyakushiya ke Ambesa uhlale kamnandi emzini wakho ndiyakucela uthande umazala notatazala wakho mntanam please. Wahlala phantsi umama amehlo segcwele inyembezi apha kum uyandazi mos ndingu nokulila mna. Bemka abantu basekhaya ndashiyeka ndingumakoti osebenzayo. Ndapheka isupper for abantu bakuloSvuyile ndayolala emva ko11 ebusuku.
Posted on: Sat, 02 Aug 2014 19:26:11 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015