Insert 63 Khange abe saqhubeka nanto ke umfana lo emva kokuba - TopicsExpress



          

Insert 63 Khange abe saqhubeka nanto ke umfana lo emva kokuba exelelwe ukuba sizii sisters zika Sibulele.Hey ukuba sizisisters zakhe for the why andazi nam. Besendifuna ukuhamba ke ngoku mna,andimazi ke lo ungu Khush (Mikhulu) ka Nizzi wesigezo uba xa enxile eyile papa ayiyo ubezondigada njani.Kuba kaloku bebefuna size apha ngulo athe uzondigada,ndim kodwa ogade yena ngoku.Ndithe ndathetha nale friend ka Sibulele. Me : Uphi u Sibulele? Sbus friend : Usaphumile,uyeza ngoku.Uyamfuna? Me : Ewe,I want him to take us home.Uyababona aba babini ukuba banjani ngoku. Sbus friend : Okay,mandimjonge. Uye waphuma,few minutes later he came back with Sibulele nabanye. Sbulele : Hey Im back Me : Youre back,xa ubuxelele bani ukuba uyahamba? Sbulele :Sorry ngokunyamalala uyeva? I nodded..... Me : Ndicela usigoduse. Sbulele : Haa Iphendule kuse early njena. Me : Hayi jonga ooMikhulu,futhi ku early kuwe mna ngee past twelve sube ndiphupha okwesithathu. Sbulele : Okay maam, masihambeni ke. Siye saphuma saya emotweni yakhe,ebezawuphinda abuyele phaya ke yena. Mikhulu : Siyaphi? Sbulele : Im taking you home. Mikhulu : For the why ke ngoku,huh? Obona : kusemnandi mos apha. Me : Ngoku niziyoyo ninje. Bebengasathethi maan banxile ntoni ke. Sibulele : Ngenani emotweni kaloku guys sihambeni. Mikhulu : So udikiwe sithi Sbu?uyi friend enjani kanti wena Sibulele? Bazifriends na?..sise sajongana sahlela no Sbulele. Mikhulu : So uyasigxotha wena apha?usigxothela ntoni? Obona started singing Nisixoshelani oh iparty imnandi kangaka Mikhulu joined her eyitsalela kwelakhe icala Thina siyilaba bangafuni kuhamba,sizohamba makuphumilanga Mikhulu : Masijike Obona bayasiqhela aba,yi waste yexesha lethu silungisa sisiza apha kaloku le siyigoduselwayo. Obona : Yima kanene lengoma yayiculwa yiMalaika? Mikhulu : Oe umuncu,umuncu,umathile Obona.Wodlulwa nanguIphendule yiMafikizolo maan.Khwela emotweni sihambeni ndiyayibona lento siyigxothelwayo. Baye bangena emotweni,bendingasenantloni..uSbulele ubephelile yintsini ke yena...Siye sangena ke sonke emotweni yahamba. Mikhulu : Nguwe futhi lo Iphendule ufune sihambe andithi? Me : Benizawuhoywa ngubani ninje? Mikhulu :Rhaa uphambene Iphendule akho seday care phaya,kunini ndazihamba ezi zinto ungekho hay maan. Me :Mnxm Bendibawela nomkhumbuza ke ba kwixesha elidlulileyo wancedwa yi boyfriend ka siNamso ekwayile yoyo ayiyo.Qha ke besiphakathi kwabantu shame. Mikhulu : Oh uxolo mntasekhaya ungandixeli kutata ba mna ndikuhambisa ishow.Nomama angabuya ngesika cwethe ispeed xa enova ba untondo wakhe ndiyamlilisa..Uxolo ntombazana!! Wee cwaka emva koko,xa ndithi utiphile uMamchenge,akungoku ke watipha ke yena uObona. Sbulele :Iyoh ndingonwaba xa ndinohlala naba bantu.Bonwabisa besober,bonwabisa beshushu.. Me : Bayadinisa aba. Uye walayta wanyeka ngasemva kubo,waphinda wacima. Sibulele : Bahle aba bantu ingakumbi xa bezolile. Ndise ndancuma. Sibulele : Siyabulela maan ngeli xesha nisiphe lona sayokonwaba nani,bekumnandi. Me :Siyabulela nathi ukukhe sibethwe ngumoya. Sibulele : Ja. Me : Hee yazi ifriend yakho ngoku ubungekho,ikhe yathi sizi sisters zakho.Bekutheni? Sibulele :Ndithe ze atsho,uyabona amagenge ayathetha futhi ayaplanna.So ngokuthetha loo nto bendisenzela ukuba kungabikho mntu usondela kuni noba andikho secaleni kwenu. Me : Oh thanks,thats sweet of you. Hahaha I wanted to say Avulungile ndimshaye ngezika Kuphelele. Avulungile,avunomusa zizinto zakhe ezo. Sibulele: Ibinyanzelekile loo nto beniye nam kaloku. Me :Tyhini nenza loo nto kanti?Zintoni ezinye enizenzayo ebantwaneni babantu? Sibulele : Hay maan asenzi nto qha bendifuna ukuqiniseka ukuba ni safe?.. Me : Oh. Siye safika ke waqiniseka ukuba singenile,wahamba..Babanjalo ke ubusuku be show...Yaphela ke ne weekend wahamba uMikhulu,phofu kwakungathi kusemahlanyeni endlini ngaloo weekend. Kwasekubhalwa i end year exams ke ngoku,ethande ukunqaba uSbulele.Loo nto ke before ii exams wawungagqiba ukuba yibrother yam sifunda ePrimary.Ukhe ubone how protective are iibrothers zethu ngeliya xesha? Wayesenza sure that abafana endithetha nabo,bayazi ba ayidluleli loo nto. Athi kum Jonga ndinguyelo phambikwakho,ndiyayityisa iteam yamagenge.Ndikxelela izinto zawo,awalapha esikolweni ngoodlalani kuchithwa nje ixesha Enyanisweni ke umazi wendlela ngokhe wayihamba. He called me the other day ezondixelela ukuba ugqibile ukubhala,uyagoduka.Ndiziphathe kakuhle,nakunyaka ozayo.Hell keep in touch. Me : Wade wayibona ke lento,wawufuna ukuyibona kum? Sibulele : Ewe kudala. Me : Yintoni? Sibulele : Ufana kakhulu ne sister yam,your body structure ne peronality.Thats why bendiprotective kanje,bendibona my lil sis. Bekumnandi ke koswa ukumazi,noba belilincinci na ixesha...yaba ngu goodbye ke lowo... Xa ndigqibobhala,ndifownelwe ngutata. Dad : Ukuxelele udadewenu ukuba ufumene kulaa interview wayeze kuyo apho? Me : Hay tata Dad : Ufumene ke,next year uzawuhlala naye.Uyemka kuloo flat. :(
Posted on: Fri, 05 Sep 2014 15:16:56 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015