Insert 64 Ndiye ndapheka nje kwatyiwa, oko umlmkz ezihlelele - TopicsExpress



          

Insert 64 Ndiye ndapheka nje kwatyiwa, oko umlmkz ezihlelele ekamereni ndiye ndayomnika ukutya kwakhe watya. Kuthe kwakufikelela ixesha lolala sayolala. Sivuke ekuseni xa ndiqala uxukuxa gangqa uBuhle ehamba yedwa. Buhle: Uphi lomfazi? Uphi Asanda andifuni nombona apha ekhaya makahambe Me: Hayi kwawume Cuzzy kutheni ngoku wanje? Buhle: Ndithi uphi Asanda? Waphuma umalume sisangxamelana noBuhle etyhoboza efuna ukuya ekamereni Mlm: Buhle khawume, yinton ngoku mntanam? Wabe sephuma nomlmkz Buhle: Tata andimfuni lomfazi wakho apha, anoneli na nina zinyembezi? Nisafuna ukhala futhi? Huh? Soze ayeke ungcola umama Mlm: Khohlale phantsi Buhle sithethe Mlmkz: Myeke takaKamva makenze nantoni na kum ndiyamkhulula kuba kakade ndizenzile sekunje nje kungenxa yam. Wahlala phantsi uBuhle nomlm Mlm: Ndiyazi mntanam kunzima kuthi sonke kulendlu, we trying ukuba kubeluxolo, kodwa ndicela into enye kuwe khawuzame ukwetyisa yonke lento, okwangoku kusamele abengcono uNosange azokwazi uyobeka ilitye ebantwaneni asobaright. Okwenzeka make sikudluliseni. Buhle: Tata ndiyakuhlonipha futhi ndiyakuthanda njengotata wam kodwa lento endizoyithetha ize ingakulimazi kuba kumele ndiyithethe. UMama lo eselapha awusobe uphinde undibone ndibeka unyawana lwam kulomzi, kokokugqibela namhlanje never again, nantoni na eyokwenzeka in future ngenxa yakhe ningandazisi mna. Kuba ndazi into enye isiqhelo siyayisa ingqondo. Ndinefamily ngoku that I should worry about not lento yenzeka apha ekhaya. Me: Hayibo Buhle awucingi lento uyenzayo izolimaza umalume umoya Buhle: Well if iyamlimaza ngaphandle kwale yoba ebuyise eligqwirha then tough him, ndimkile Wasukuma wemka. Sashiyeka endlini sijongana singazi noba sithini, umalume oko ezihlalele. Azange ndambona uBuhle ekwate kangakaya empilweni yam. Ibingase ndiwatshove amalanga noba ndibone sekungoJune just to see uba kuzobe kunjani na. Malume called him akaphendula phone. Mlm: Yho kodwa Nosange!!!!! Wasukuma umalume wathatha izikhiya zemoto wahamba. Ndashiyeka nomlmkz noKamva endlini. Singamazi noba uyaphi umalume. Bendingazi noba ndithini kwavele kwaTense endlini nje, wasukuma umlmkz wayoqoqa ekamereni yabo. Noko ebeseyiba ngcono noko ngoku kungasafani nalamini wafika ngayo. Ndiye ndalungisa isidlo sangokuhlwa sebuyile nomalume satya Das went by, kwafika umakhulu kuba besekusondele intsuku zovulwa kwezikolo. Was so afraid woba umakhulu angabi involved kuletension yalamzi. Kodwa umalume uye wahlala nabo phantsi wachazela umlkz uba kungani esamqhubekisa nosebenza kuba ke umakhulu ibingumntu obezihluphekela. Noko umlmkz ebesekwazi uzenzela izinto and epholile noko kuba ebesengasalali nakuMattress. Umalume naye sele ebuyele emsebenzini. Kuye kwafikelela ixesha loba mandihambe nam ndibuyele esikolweni. Ndiye ndahamba ndibashiya ke endlini kungekuhlanga ncam. Impilo eRes ibisemnandi noLethu noBukie ingunyaka wethu wokugqibela. We were so excited couldnt wait uba sithweswe ezozidanga zethu with the experience of ababantu basikhulisileyo, was so proud of malume wam :) ngento andenzele zona ndingasenabazali. UBuhle bendincokola naye through iphone and he made it clear that wayengaxoki ngezinto awazithethayo esekhaya so uba siyafuna thina umbona sitsho uzosifakela imali siye kuye. Ndamcenga ndamncama engafuni kundimamela. Ndiye ndavala ngepasika, kwiweekend yepasika besinecawe eBhayi so siye saya apho kodwa xa ndibuya ndabuyela endlini. Xa ndifika ndifika kuSunday late umalume uhleliswe esofeni ubile umanzi bamvulele ifan, ngumlmkz noKamva. Me: Kwenzekeni mlmkz? Kamva: Uthe utata uyatsha yena ufuna umoya Mlmkz: Yhe andazi mtshanam uthi akeva nto ebuhlungu qha uyatsha Me: Masibize iAmbulance mos Ndatsho ndifouna, within 30 minutes yaseyikhona, samqabelisa sahamba naye, ebengasakwazi uthetha ehefuzela qha. Sithe xa sifika esibhedlela bamthatha bayomtsala igazi for tests and wathi ugqirha masimshiye iresults sozithola kusasa. Sahamba sabuyela endlini. Xa sifika sayolala ndabe ndidiniwe. UKamva uye weza ekamereni yam Me: Yintoni Kamva ndifuna ulala ndidiniwe Kamva: Yhe sisi yazi utata ubeshushu xa sigqibotya inoba kukhona into ayityileyo. Me: Hayi Kamva inoba kunyube iswekile zakhe kaloku uhlala engekho right kulamalanga umalume Kamva: Kodwa umama...... Me: Khohambe uyolala ndiyozela mna and ndidiniwe Wahamba wandishiya ndalala.
Posted on: Tue, 20 Jan 2015 12:11:39 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015