Insert 64 kwelinye icala bendivuyile kuba ndigoduka! Ndizobona - TopicsExpress



          

Insert 64 kwelinye icala bendivuyile kuba ndigoduka! Ndizobona abazali bam endabagqibela kudala kunye no Sisi wam. Kubekho elicala ndiqumbe kulo, Kaloku ndishiye izinto zimbi phakathi kwam No Vuyisa, Inoba uzojola athi Shu ngoku ndingekho ngakumbi enomsindo of what I did!! Ndatsho ndacinga u Xolela, He is such a nice guy, Phof I cannot be sure about that you never know kwenzeka ntoni kwingqondo yendoda, But anqabile amadoda anovele nje akuthande still ngoku uthwele umntana wenye indoda. I bus ibihamba kamandi. My unborn baby was so restless yaz,bendimane ndibrush(a) isusu sam. yahamba ixesha elide I bus imane e garaji imisa kugxidikwe kuyochanywa, abanye bayothenga, mna bendiphuma nje ndiyochama ndibuye ndime nje ndibethwe ngu moya. Akhonto bendiyidinga evenkileni, u Xolela undithengele izinto ezinintsi kakhulu so I didnt wanna waste my money. About past 8 in the morning yafika I bus. Yho beku funny maarn kulendawo ngathi zange ndakhulela kuyo,ibixwebile kugcwele amatyotyombe more than before. Bendime phandle e garaji ne bags zam, ndakhupha I fown yam, ndayilayta!! Bekukho I message eziyi three.. One from Xolela and two from Vuyisa, kange ndizihluphe ngozifunda. Bendifuna ufownela u mamam ndimxelele ndifikile. Mama: hello Mna: hello ma ndifikile Mama: ohk ndizothumela u Cikizwa azokulanda ukweyiphi indawo? Ndamxelela,then we hung up. I think emvakwe 30 minutes kuye kwa misa imoto ngakum,kwagxidika umntu ongu Bhuti, wow then u Sisi wam, bebelaqaza kubonakala bayakhangela. Ndaphakamisa isandla u Cikizwa wandibona wancuma. Cikizwa: yhoo mntaka mama We hugged for Long, Yho ndamgqibela nini lomphefumlo I never thought ndoze ndiphinde ndimbone since wavele wanyamalala nje engaziwa noba uphi. She looked more beautyful dan before I guess wonwabile shame. (We broke the hug) Cikizwa: yho uryt mntase Me: ewe ndiryt.. Nawe ndiyakubona uryt umhle no bamhle Wancuma, she was so excited. Nam bendivuya yho. U bhuti lo ebehamba naye uye wathatha my bags wazifaka ngasemva. Saqabela and we drove off. (Inside the car) u cikizwa ebehleli e front mna ndihleli e back straight naye. Uye wajonga ngakum. Cikizwa: oh mtase where are my maners.. Ngu Mzwandile lo ndihamba naye umntu wam. Wajonga ku Mzwandile. Cikizwa: Zwai bby ngu Sister wam lo bendikuxelela ngaye u Alizwa U Zwai uyewaphakamisa nje isandla engandijonganga. Emvakoko kwathuleka sade sayofika. Indlu yasekhaya ibingatshintshanga. It was still the same RDP house. After sigxidikile u Cikizwa uye wathetha no Zwai ekrobe efestileni. Then u Zwai wahamba kwabe sekhuphuma u mama wama ngxi emnyango, bendimbona wothukile ebekhuphe amehlo. Cikizwa(ejonge kumama): hee wama nje kuthen ungabulisi intombi yakho? Kwaphuma abantwana ababini intombi ne kwekwe besithi: mama ubuyile bebebambelele ku Cikizwa. Mama: yhoo hee molo Alizwa(wajonga isusu sam) Mna: molo ma(ndijonge phantsi) Mama: bendingayilindelanga kele(wahlukuzela intloko then wangena endlini esishiya sime phambi komnyango) Siye sajongana no Cikizwa. Yho ingathi andamkelekanga nje apha? Ku Mama.. Masiboneni.. Few minutes later besihleli ekamereni ka Cikizwa. Phofi it was our bedroom ngoku ndandisahlala apha, besichophe ebhedini. Mna: ngabantwana bakho aba? (Bendibajongile benentloni bezifihle ngo cikizwa) Cikizwa: ewe mntase Mna: banangaphi? Cikizwa: 5 ngamawele Mna: oh ndatsho ndababona ngoku bayafana Cikizwa:(wancuma ebaphulu iintloko) Mna: u mama..(Then ndathula) Cikizwa: dont worry ngaye usothukile nje ukubona umithi Mna:(ndathula) : hee nina kanize ngapha yintoni nazivalela ekamireni (ibingumama ekhwaza) Cikizwa: masambe(wama ngenyawo) Mna:(ndaphakama nam) U Mama ebehleli e Living room yedwa. Bendizbuza Inoba uphi u tata ngoba kange ndimbone oko ndifikile. Mama: Alizwa uyakubiza u Tatakho Mna: uphi ma? Mama: yho awusayazi ikamere yethu ngoku? Mna:(ndathula ndajika ndaya ekamereni yabo) Icango belivuliwe, ndangena!! Andothuka xandibona u tata wam elele ebhedini ebhityile emnyama nange bala. Amehlo am akhawuleza agcwala inyembezi! Yhini u tata wam!!. Ebejonge kwelinye icala, ndashixiza ndisondela kuye. Uye wajika intloko wandibona! Oko endijongile engathethi. Mna: molo ta(waza uncuma kodwa bekunzima) Tata: m--o--lo nto--mb---i Ya--m(ebethethela ezantsi) Mna:(ndaguqa ngamadolo phambikwe bhedi) Uye wazama ukhupha isandla kunzima, ndamcedisa wabamba isandla sam esiqinisa, inyembezi besezisehla emhlweni am ngoku, emvakwe mizuzu embalwa endibambile engathethi nto endijongile qha. Isandla sakhe saya siyekelela, Ndasibona sindiphuncula. Xandimjonga emehlweni akasaqhwanyazi,ndazama umshukumisa kancinci. Mna: tata (ebeshukuma wonke) Mna: tata tata!!(besendikhala nyani ngoku) Yho ingaba u tata wam undishiyile nyani nah ngoku?.. Alizwa!!
Posted on: Fri, 21 Nov 2014 10:44:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015