Insert 68 Ngenye imini kushushu maan kakhulu sikuloo Lwazi - TopicsExpress



          

Insert 68 Ngenye imini kushushu maan kakhulu sikuloo Lwazi noPhiko&their cousin sisters.Bathanda ukuhlala bonke ke bona,akuthunywana manzi apha kuyaselwa qha.Ndibathanda benjalo ke,bandonwabisa ukufa mna...Sihleli phandle,kube kukhala intaka maan. Lwazi : Oh nisongeza abatshana ngoku?oo Lona nithi basashota. His cousin : Lento? Lwazi : Nimithi ngoku. His cousin : Simithi? Lwazi : Ewe maan,kungakhala ingangane ukhona lo umithiyo. His cousin : Uqalile ke wena nale mpambano yakho. Zahamba iintsuku hey ndanezinto ezifunny ebusuku ndivele ndishushelwe..Amabele abuhlungu,ndaqonda sezikufuphi iiperiods.Ababuhlungu amabele am xa zisiza....Yi weekend,azondithatha uPhiko late... Ndibe ndisiva ke ukuba ubesele kodwa liqatsele namhlanje ivumba eli. Me : Ndicela ujongise kwelinye icala torho,bunuka kakubi obutywala ubuseleyo. Phiko : Haybo kususela nini? Mh yangathi ndizokhupha. Me : Ndicela futhi uvele ulale pha emazantsi. Phiko : Hayke ayikho ke le uyithethayo,andizuyenza futhi. Me : Ndim ozolala khona ke. Phiko : Haybo Iphendule. Me : Ndicela undiphindise endlini ke. Phiko : Okay ndizayolala emazantsi. Walala nyhani emazantsi,kwasa ndaphinda endlini.Late uMikhulu waya eshowin,ndashiyeka mna.Bendingenayo nebattery,ndiye ndachrger iphone icimile.Pha ebusuku ndayivula,I had a text from si Namso Kwenzeka ntoni na kuni,uvale iphone wena.UMikhulu akayibambi.Ndifuna lowo unguMikhulu,when you get this message mxelele andifownele Ndifownele uMikhulu akayibamba,ndamyeka. Few minutes later my phone rang ibingutata. Me : Tata Dad : Uphi uMikhulu Palolo? Me : Ulele kwi friend yakhe tata. Bendingazu kwazi kuthi useshowin,ndingazukwazi nokuthi ukhona.Ukuba uthi mandimnike iphone bendizontanyaza ndithini. Dad :Mamela ke mntanam ndimdala,loo nto ithi namaqhinga la wenu awekho matsha kum. I kept quiet.. Dad : Ndimfownele uMikhulu akandiva kuyangxolwa kule ndawo akuyo.Ndiyaniyala animameli,nizawuhamba ezi zinto zenu.Nidlwengulwe,nilimale nizobayingxaki kuthi ngobuclever benu.Okanye nimithe,uyabona mntanam andikamboni apha kuni futhi soze abekho onokuza nesisu kwam aphinde ahlale khona.Abosele ehlala kulendawo asithathe kuyo. I kept quiet... Dad : Uyandiva Palolo? Me : Ewe tata Dad : Ndakuze ndimphuce nesipeliti,uxelele lowo afownele uNangamso.Ibaluleke gqithi into amfunela yona. Me : Ok tata ndizomxelela. Dad : Lala ke ntombi. He hung up... Wabuya uMikhulu,ndamxelela konke okuthethiweyo ngutata,ne text ka siNamso.Bafownelana ke. Okay this day kusemini andinaziclasses ndihleli endlini,ndicinge ukuba sekulithuba maan ndingasayi eshot left,indihlale lento.Ndiqaliswe kukoyika,ndijonge iphone yam ireminder nge next shot.xa ndisithi,ayikho caba zange ndiyifake. Ndiyojonga kwi card lam ndifike kuyi 3rd week ka January.Yoh! Izule intloko,kaloku ndiqale ukulala noPhiko ngo February,but sisoloko siptotected maan.Ngu first day apho zange sisebenzise condom,kodwa singaba bayeka phakathi kungekho iserious yenzekileyo.So theres no way that ndingapregnant.Inoba zise delayed nje. Ndidibane noPhiko sincokole ke,ndimbalisele ngayo yonke le ndlela ndifeela ngayo.Ndibe ndisitsho kodwa uba andiqondi ba ndimithi. Phiko :Masilinde ke nana. Me : Okay. Zahamba iintsuku,asilali kanje noPhiko.Asinamini asinabusuku,ikhe ndaya kowabo noba kusemini sivele silale cum sobabini.Apho ndihamba khona andiyidhiyi isanitary towel incase zindifike ndisendleleni ezi periods zam. Nangobu busuku ndikuPhiko ndiyiphethe,we made love..Fine... then when he pulls out,the condom had a blood on it. Oh Buoy!! :) Andavuya,kwee xibilili.I quickly wore that sanitary towel,kusasa ndavuka wandikhapha.Xa sisegaten umama wakhe abe ephuma naye esiya enkonzweni. His mom : Uphilile Iphendule? Me : Ewe mama ndiyaphila,unjani wena? His mom : Ndiyaphila nam sisi. Phiko : Yide udlule kaloku mfondini tyhini asizuhamba nawe thina. His mom : Uyaphapha ke Phiko,khona bendizohamba nani ndiyephi? Phiko : Yho hamba kaloku. His mom : Iphendule lelantoni sisi iqhakuva eli lingaka ebusweni? Me : Ndizobakwi periods mama. His mom : Okay sisi. Wasishiya sahamba ke noPhiko,xa ndifika endlini akho kwanto kulaa sanitary towel.Ndahlamba ndanxiba enye,kwayolalwa akho niks nakuyo.De ndayeka nokuyinxiba...Cravings aziyekanga,ndimelwe yile tomato sausage,nobushushu xa ndilala abuyeki. Kukusasa ndiyahlamba ndizoya esikolweni,nako ndiphalaza.Hay I called Phiko ndimxelela,sagqiba kweloba ndithenge ipregnancy test.Ndayithenga ndaya nayo kuPhiko,andabinamandla okuyenza.Wathi mandishiye umchamo uzayenza ngokwakhe andixelele andifownele.Ndenza njalo,ndaya endlini oko ndingqunga..Late he called me ethi uzazondibona,weza ke. Me : Zithini iiresults? Phiko : Haybo sothetha izinto zethu ngoku endleleni? Me :Ndihleli ndijika nje. Phiko : Ndicela uyolala endlini. Me : okay,kodwa thetha ke. Phiko : Masiye endlini. Me : Ndiyakucela Phiko Wathula! Me : Ndiyakucela. Phiko : UPregnant baby. :o :o :o!!!
Posted on: Sun, 07 Sep 2014 22:34:13 +0000

Trending Topics



stbody" style="min-height:30px;">
Swaps deals on these or swap both for something else Swaps

Recently Viewed Topics




© 2015