Insert 8 Ndivele andayazi uba mandibheke ngaphi ,ndavele - TopicsExpress



          

Insert 8 Ndivele andayazi uba mandibheke ngaphi ,ndavele ndayindindi nje kuba ilitha eliluhlaza phambi kwam liya ngokusondela liphatha lajinga yangathi ngumlilo ohambayo...oluthando lwam luthande uba nzima lundihlanganisa nazo eziphorho. Ndadla ngendebe endala yamaxhego ,awayethanda ukusixelela ukuba asiphetshwa isiporo kufuneka uhambe ngqo phambi kwaso uqhubekeke nohambo ubulithabatha okanye uyakubhadula ubusuku bonke. Ndabhungca ngokuba ndivale amehlo am ndihambe nje ngoba abahlathi aphele tu,iliwa libheke umoya ndinawo namanwele ndava isandi somoya owuwuzayo ogqitha kude kufuphi nam...emzuzwini ndalithi nyi nje ulivula iliso elinye ...tyhini hayi andilahlekanga kuyaphi qha besele ndibugqitha apha ekhaya ...ndajika ndibuyela emva ...naaalooo liyotshona elilitha lesiphorho ndababeleka abasicatyana ukuvula isango ndingqale egumbini lam...ndaphula nalo kram yomnyango ndozijwila ebhedini phezu koMagcina. Ndinkwantya ngeyona ndlela ndilibele nalo blukhwe imanzi. Hee mfondini yinto waziphosa kumndive ngoMagcina sekhalaza caba ndimvuse ekobude Mna:Yhoo nkabakuthi awusoze uyikholelwe into endihlangene nayo kule hambo busuku yam Magcina:Ungabhadula ngeenzulu zobusuku, ubuyele nto bendicimba uzakubeka icala pha? Mna:Hayi kengoku uyabhuda Mgci, ndiyiqale ngaphi into yokudelela umzi ka Ncibane Magcina:Ndaziphi mfondini ulamba kangaka, lonto sendidikiwe mna nakufejwa nguwe ndikhumbula umkam...sekunziintsuku ndinganyunjazwa Mna:Nizolala phi umlangazelela kangaka nje? Magcina:Ubuya kwethu eNdevana ulala endlini wena Mna:Ohh Into eyayimbi ke ngexesha lethu kukuba awuphikisani nomntu omdala kunawe. Uyayamkela into ayithethayo ingakumbi xa ungenacembo limbi. Ndaphakama ndakhulula iblukhwe le indibandisayo neblukhwe yangaphantsi, kwanceda kuba kumnyama okanye ibizakuba sisikhindi sikaMagcina sehlobo lonto yam yokuzenzela. Magcina:Akanqabe umhlobo wakho ,yazi ndizive ndimcinga umsephi na? Anisatshayi nganqawa inye? Mna:Unqabele nam,seyilithuba ndingasamboni Magcina:Usazithanda iilokhwe nangoku? Mna:Hayi andimazi, sundincokolisa ulwimi mna wandenzu mfazi ngoku Magcina:Mxim unjalo kanene, ayilolwimi nje olu. Mna:Andithethi ngamagama abantu mna Magcina:Mxim...Yazi la mntana uMalompi ugqitha apha undinqikela iimpumlo akandibulisi Mna:Nam bendingasoze ndikubulise, umshiye umbambise iliwa omnye ,ugqiba ubuya nomfazi Magcina:Akayazi nje lonto Mna:Ziyawoyika umbethe kule lali, futhi uyamazi uNtsikane nawe...inoba seyigcwele nale yam noPamela Magcina:Ude wabe uyamyeka okanye nithethile? Mna:Andimyeki, ngomgqibelo ootata bazakuya. Ootatomncinci baka Pamela bazakufika, ngecawe ziqale iingxoxo, abasebenzi ngemigqibelo yisabatha kaloku Magcina:Indlu asisayakhi? Mna:Qokelela imali Magcina:Izakuba ngulo phantsi phezulu kaPamela nawe, nam no miliswa ? Mna:Thenga amzinki ndikwakhele elakho igumbi ngezazitena zodaka bendiziqokelelela ukwakha Magcina:Ndizakuniki mali uyowafuna ke ngomso Tyopo Mna:Kulungile Magcina:Kufuneka ufunde ukwenza ezekonkrethi izitena Mna:Inoba ndakuzenza ngee holide kuba nam ndibuyela esikolweni kulo nyaka uzayo Magcina:Uva lento ithethwa nguNcibane? Uyakuphangela kudala Mna:Andithi kudala ndakucela undizamele emgodini ,undibalisela amabali ...kunoba ndihlale nje ndingenzi nto mandifunde bhetele Magcina:Ndiyakuva. Ungakhaleli mna ke andizuba namali yobhatala kwanokholeji mna kusithiwa yintoko kaloliwe imali efunwa pha Mna:Hayi icebo lizakuzakha Mgcina omhle ungakhathazeki mkhuluwa wam Magcina:Mhmm, uthenge neelokho zibe ntathu ukwenzela pha kuronta nalamagumbi ethu ,ususe lekram maan Mna:Enkosi hahaha Ndazama ulala ndimane ndicinga ngesiganeko esisandokundehlela ndibone kusisa kanti buye bandiba ubuthongo. Savuka kuba bebeleka ukuvukela kuloMiliswa eNdevana, savasa ngamanzi abandayo kuyatshisa ehlotyeni. Ndavasa neblukhwe yam kulo manzi ndayipura ndayoneka. Sangene ndlini ixhekwazi lam seliphakile isidudu ndasusa ucwambu ndasibinza ,ndalandelisa ngamaqhekesa esonka nekofu kaloku ndingumntu osixabisileyo isisu sakhe. NoPamela kufuneka abe ngathi uyaqiniseka apha ekundondleni Mama:Kufuneka ndihambe ke nam ndizofuna amajarmani ndizomthungela umolokazana, ubiwe kaloku Tata:Ukrelekrele ke wena nkosikazi Mama:haike mandilungise nam Mna:Mama naka Pamela ke uzakuwathenga Mama:Hayi kaloku uPamela uzakuza nawo kowabo yena , kuba uyocelwa Mna:Ndiyakuva, unxiba bani esihlangwini sisi? Miliswa:U6 bhuti Mna:Oh Saphuma silinde umama elungisa kwade kwafika noNtsikane, umamam emhle kwimibhaco yakhe. Kaloku ebenawo umatshini wothunga ,wawuphathelwa yinkulu yakhe . Sayokhwela ijikara/mpempe(taxi) songena eQonce. Ootata sohlukana baya eNdevana mna nendlezana yam sayothenga amalaphu, neentsimbi zohlohla ,iikhetshemiya nexakatho. Ndayofuna amazinki,iifestire namacango sazilayisha kwi jikara ,ndaqonda masithenge. Ndasole ndithenga nesitovu separafini ,kaloku uPamela uqhele igesi kowabo, nomabonakude odlala ngelahle(battery) nto leyo ke angazuyifumana eMagcineni uyakunyamezela. Laphela iwaka ebesilinikwe nguMagcina, salinda yagcwala ijikara. Emva kwemini sahamba igcwala kade kaloku inqwelo mafutha yaselalini. Safika endlini sathula izinto zethu, iba nombono ke bazonke ezizinto zokwakha igumbi. Miliswa:Senibuya ma Mama:Ewe molokazana Miliswa:Ndiyathemba intlanzi aniyilibelanga Mama:Hayi bulela ubhuti wakho yena usenengqondo ekrelekrele Sangena endlini wenza oonqiyoyo uMiliswa nesonka necabana satya. Ndayokhangela uNtethelelo azokundincedisa ukwakha igumbi lika Magcina. Ndafika ndayonkqonkqoza kwigumbi lakhe...kulo Nte kukho izindlu ezinkulu kwaye zeze samente zonke ngaphandle koronta nje omnye. Nte:Ngena Ndavula ngangena esezingubeni Mna:Hee mfondini awunqabe Nte:Bendimkile kaloku oko ndisebhayi koosisi ndahamba ngesiquphe Mna:Ubutheni Nte:Bendithakathwa apha, kubuhlungu umhlekazi kunzima nokuntsontsa Mna:Yhoo, unyangiwe kengoku? Nte:ndisiwe kumntu wesintu, wathi ngumama onomona kuba owakhe unyana engafumani mantombi mna ndingudlalani Mna:Zambi ezondaba, hayi mfethu bendizokucela sakhe igumbi lika Magcina Nte:Ubuyile lowo? Mna:Ewe ubuyile Nte:Masiye ndinqatyelwe nayimali, oko ndilahlwe nguBubu Mna:Ukulahlile? Nte:Yha wase wafika ndisebenze omnye umntana pha kwakhe Mna:Hayi nawe wawudlala ngomlilo Nte:Xa ezifunela ibe indoda yakhe iyibharu ndizakungamniki iilekese zika ta Nte? Watsho enxiba ,wondlula sahamba. Ndiyamazi ke ngokhuthala uNte ,ifawundeyishini sayibetha kwamininye ukuyigrumba sayigqiba. Iveki yaphela sesilixhome nolixhoma igumbi lika Magcina wafaka ibhedi. Umama segqibile nokuthunga amajarmani. Nakulo mfazi ka Magcina yamkelwa ilobola nokumba intombi yabo, kwagqitywa ekubeni ngomgqibelo uzazokuyalwa ngabantu bakowabo Ngokuhlwa kwangolwesihlanu kwafika abantu bakulo mama aba basemthatha wanxityiswa umfazi ka Magcina wathiywa negama ,Nolumanyano. Abakulotata bathe bazakubuya ngekrisimesi. Bafika bantu bakulo Nolumanyano ngomqibelo bezomyala bashiya nesitya namacephe. Kwayothengwa igusha baxhelelwa bahamba kwabe bekusilwe nosilwa. Abaza uzokugqitha ngam ngomgqibelo ooMakaPamela andaya ke nam necaweni ndazimasa ulwamkelo lomfazi wooXhamela. Ekuseni ngecawa emva kwebrakfesi ootata baya kulo Pamela banyanzeleka belele, kuyalalwa xa kuyocelwa intombi kaloku. UMagcina ebesegumbini lakhe, livila umkhuluwa wam ,ndiyamazi . Mna, umama,Nolumanyano noomakazi bam sihleli kuronta Makazi:Yhuu hayi surhuqa iinyawu molokazana iyanuka nalepalafini ambophemba umlilo phandle Mama:Hayi sisi ikhona nje iplayima(prima stove) Makazi:Lonto ayithi mabahlalele ubasa yona Mama:Hayike ngabam omolokazana ndixolele ujinga iliso Makazi:Ninje ke ubamosha, Mama:hayi mandibamoshe, soze ngomolokazana wam...uzakuyenza into ephungwayo nokutya Mna:Hayi ndingayenza oko eme imi nobusuku bayizolo...waphinda wavuka wasebenza yhini umfazi womkhuluwa wam Makazi:Uzakuvasa nonomtidili wena Lwandiso ndiyakuxelela. Nisiqashe gqithi isilungu Mama:Akho kuqasha silungu yintombi yam le, fanele ndimphathe njalo. Akasosicakazana salapha jonga iinyawu zidumbe Mna:Yeka sisi, ambo phumla kumyenakho ,sewucoce indlu wavasa nezitye hayi phumla Nolumanyano:Hayi ndizokuyenza bhuti Mama:Unqandwa ndim ke ,uzakuphikisana nam? Wabe ejonge phansi umka mfowethu emhle kwezo khetshemiya ndacinga ngowam uNkosikazi tsiii ,wancuma waphuma waya egumbini . Ndiyamazi uzakuhlala ngokonwaba kuba owam umama intliziyo intle, unobubele gqithi andinalonexhala. Ndenza lo kofu imini yonke emane ngopheka uNolumanyano. Ndaqonda ingathi akusasi kubuywe nowam unkosikazi ndimbone xa ephuma engena ndimane ndimnqandela xa exhatshazwa. Ndimane ndiphosa iliso kulo Pamela , ndibone ootata bemane begqugula ngasebuhlanti baphinde bongena endlini. Haziba iyozala nkomo ni na kulo Pamela...masithandazeni singayeki zinkosi zam. Noko kunini ndisiya esabatha uMdali ndinalo ufifi lwakhe noba andimchani ncam ngoba asijongi naphezulu thina, asolathi noko latha siyawugoba umnwe wogabha siyawugoba. Kodwa siyazi imvula siyicela kuQamata. Makenze adume ngazo
Posted on: Sun, 26 Oct 2014 19:46:30 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015