Insert #83 I was surprised to recieve an invite from her. It - TopicsExpress



          

Insert #83 I was surprised to recieve an invite from her. It has been a while singasobonani, ndothuswe nayilento yokuba usalazi igama nefani yam. I went through her profile to confirm ukuba nguye nyani, it realy was her. I accepted the invite then browsed through her pics, ebemhle engusisi omdala. awusancumanga Lwandile said and i told him why i was smiling. Siyesaqhubekeka sincokola sade sayokufika eMthatha. Lwandile called uMusa wamxelela ukuba sihambe kakuhle. I also called uNamhla mos we exchanged numbers before ndihambe, i told her ukuba ndifikile wabe endixelela about how much she misses me. Heeh haikengok uNamhla, asihlelanga nexesha elide sobabini kodwa seyendikhumbula.. Siyesaya kwaLwandile safika sahlala kancinci then i started cooking. I took his phone ndangena kufacebook ndafika ndinenqwaba ye inbox messeges and they were all from Zenande. She was telling me about how much she misses me and that kudala endikhangela and she wants us to meet. I replied back and told her that i miss her too. We exchanged contacts wandifownela ngoko nangoko. Me: chomie yam we both screamed. Zen: kunini ndikubhuqa shlobo Me: yhuu hayi lona she laughed. Zen: heeh awusaphaphi Amahle sani Me: zizinto zokhula sani Zen: ukhule nyani chomi yam.. Ndiyakuva.. Yhuu i cant wait to see you.. Uphi? Are you still in Mthatha? Wenzani phi? How have you been doing chomie yam Me: woow... Yima kancinci sisi ngemibuzo she laughed. Zen: hayi Amahle sani... Awumdala she screamed. Me: uyangxola marn Zen: uphi chomie? Me: ndiseMthatha sani..Wena? Zen: ndatshipha eJozi chomie yam..Kodwa ndiyabuya namhlanje..Ndizele nje wena chomie Me: khawutsho kesisi..Undifumene njani? Zen: yhu sundibuza sani..Yeey ndiyendakukhangela ndade ndakufumana..Kwakukdala ndikuzama kufacebook chomie ndingakufumani so ndiyendaqonda ukuba mandijonge wonke loAmahle ukulofacebook ndande ndayofika kuwe chomie yam..Besendikuncama sani yhoo...Khona kutheni uyibhale kanje ifani yakho? Mxm yiyo lena yenze ndisokole kangaka.. Ndikwazi unguAmahle Jiza alokmna..Andimazi lo umbhalileyo ukuba wawumve ngabani..Awuphaphi chomie..Ndibona ipics zakho sani..Awumhle chomie yam. Lonto uske wamdala nalapha kum i laughed. Me: suphosisa Zenande sani we continued talking kwade kwayophela iairtime yakhe. Bendingasavuyi bethuna ndincokole noZenande. After few minutes she called again, ndiyendamfaka kwispeaker yenzele ndizokupheka kakuhle. She told me ukuba at 16:00pm she will be driving to Mthatha. Siyesancokola for a very long time ndade ndagqiba ukupheka. Ndiyendaphaka ndayonika uLwandile ukutya kwangona siyekayo ukuthetha noZenande. I washed dishes ukugqiba kwethu ukutya ndaya in his room ndalungiselela ukugoduka. Lwandile: ungayilibali itreatment yakho Me: i wont i sat on the bed next to his phone. He leaned towards me and we kissed for a very long time. His phone rang akayibamba coz we were kissing. It rang again for a very long time yade yayeka. It then beeped. I broke the kiss. Me: i love you i realy meant what i was saying. Lwandile: i love you too he knelt in front of me and we kissed again. He then broke the kiss and took his phone waphakama. Me: ndicela undikhaphe i took his car keys and my bag sabe sesiphuma. We went to his car then he drove off. Me: ndicela iphone yakho Him: itheni eyakho? he took it out of his pocket wandinika. Me: andina airtime Him:mmh.. ok he took out his wallet from his pocket wandinika. Him: ndicela ukhuphe ibankcard yase FNB i did as he asked. Him: i want you to keep that card with you... Uzuthi xawudinga into noba yintoni. Uyithenge ngelo card... Ndizokuvulela ne account yempahla on Monday Me: yhoo Him: yintoni? Me: uzosebenzisa eliphi kengoku wena? Him: ndinawo amanye Me: ndizoyenzani iaccount yeempahla kengok mna ndingaphangeli? Him: uzothenga iimpahla Amahle Me: yhoo.. Hayi Lwandile akunyanzelekanga undinike icard lakho. Ndicela uyiyeke ne account tana Him: bendingakubuzi bendikuxelela Amahle Me: youve done so much for me Lwandile. Kodwa lena yamakhadi into ayikho right.. Izokundimosha Him: ndicela siyeke ukuphikisana tana i took the card ndalifaka kwiwallet yam. He parked ezantsi kwasekhaya, sincokole kancinci, kissed then ndagoduka. Ndifike endlini umama ekhona, i told her yonke into ebendiyxelelwe nguMusa ndambonisa netreatment andinike yona. She said zendibulele kuLwandile about everything and i called him ndamxelela. Umama ebeseyamkele into yam noLwandile engasathethi kakhulu ngoku. I took a bath ndabe sendilala coz i was tired. I woke up at 09:30am in the morning. I went to the bathroom ndafika ndahlamba my face and teeth ndalungisa into etyiwayo satya nomama. I took my phone ndafika igcwele zimissed calls, most of them were from Zenande ezinye izezika Lwandile ezinye zisuka kuNamhla. I sent all of them ocallback ndabe sendiyokuhlamba.
Posted on: Mon, 03 Nov 2014 17:18:53 +0000

Trending Topics



iv class="stbody" style="min-height:30px;">
NOONG nung nag join ako sa SWA, almost 50% ng friends ko dito sa

Recently Viewed Topics




© 2015