Insert 83 Obvious xa singenayo inye indawo esasinokuya kuyo - TopicsExpress



          

Insert 83 Obvious xa singenayo inye indawo esasinokuya kuyo kukulomama,infact kulo makhulu nd ke besekuhlala umalume neamily yakhe qha. Saphuma satshona ngaseThina,kwakunyanzelekile siyowela eThina ngoba xa sizokuhamba ngendlela yemoto kwakuzoba kude. Mna ndandiphethe nje ibag enkulu enye kunye neyomtwana ndibeleke umntana emqolo. As 4 uLolo yayilusizi kuye,wayebeleke iwele emqolo,elinye elibeke entanyeni elixwayile eneebags andazi zazingapha kodwa zazinkulu zonke kukhona nepheyile elinezitya ngoba wayemane ethenga esithi ufuna ukuzizamele indawo yakhe nabantwana bakhe. Sithe singekaphumi elalini sabonwa ngumninawekazi kamakhulu sidlula ngakwakhe noomakhelwane bakhe,I guess sasingumbono ombi kuba zange bakwazi ukusiyeka sidlule beza kuthi bebaleka Haybo! Nasindwa kanje niyaphi? kwakubuza lo mama. Mna ndandingakwazi nokuthetha ndibindeke kungathi kunento elapha emqaleni emileyo,inyembezi zazizihambela ebusweni sekusehla nemifinya. ULolo uye wabalisa sonke istory kwaba mama,then lo ungumninawekazi kamakhulu wathi masihambeni ke bantabam siye kusisi khe sithethe naye sive uba kutheni kuye ndavele ndanikina intloko kuba ndandingasakwazi nyan ukuthetha. Lolo: hay momnci asizukwazi. Abantu bomzi kamakhulu besibabiza ngale ndlela babizwa ngayo nguncin so lo ibingumomninci wakhe. Moncinci: phungulani impahla lena ke nizophinda nizoythatha enye. As 4 uLolo she has a very gud heart kodwa mna ndandizazi kakuhle ba soze ndiphinde ndilubeke olwam unyawo phaya. Lolo: ndicela uzigcine apha kwakho ke momncinci ndizazozilanda. Watsho ebanika ezinye ibag zakhe. Mna ndangashiyi kwanto. Monci: Nkcubeko phungula nawe uyasindwa. Mna: soze ndiphinde ndize kwalapha mna. Momnci: haybo mntanam uzoza apha kuthi singabazali bakho nathi. Mna: hay ndiryt andisindwa. Ndandimbona shame ba ugcwele usizi bt ndandingafun nyani ukuphinde ndibuye nd zazindilingene noko ezam ibags,uLolo yena wayesindwa nangabantwana babesele benonyaka abaya bantwana nd bebakhulu. Saphubeka nokuhamba, apha endleleni ingqondo yam yayizama ukucinga uba inoba umakhulu lo simenze nton na le ingaka,kwakungona ndiyicingisisa yonke lento da thot of my bby ebetheka edongeni ade awe naphantsi,ndavele andakwazi kuzibamba tu I bursted out ndalila nyani,wothuka uLolo wandjonga Lolo: hay maarn Nkcubeko uzogulisa umntana xa uzokhala oko thula ngoku. Watsho wabeka ibag phantsi wama wandijonga kabuhlungu shame umakazi wam. Ndabe ndingathuli tu sendide ndinesingqala. Ukhe uyive lanto yokukhala uphele ilizwi,uve ba ingathi koma namathe la kwa umqala wome?? Kwakunjalo ke kum inyembezi zizihambela qha. Trust uLolo ke sana ngenyembezi sahlala phantsi wabe sekekhala ngk naye kwasuka kwakhala nabantwana bakhe owam wayengazi noba kuphi. Sasingenayo ne50c le yothulisa abantwana ngesweet aphendlelen xa bekhala nd babezakulamba ke sana ngoba yayinde le sasiyihamba. ULolo took out iplastic ejijiweyo wayiqhaqha wanika abantwana bakhe umkhupha ogqiba wakhupha ibhotile enenqodi. Yhuu ndasuka ndaziva ndinentsini ngoba andimazi ba walithathaphi ixesha lokweba umkhupha nenqodi kwakunzima nje. Lolo: yhoo ndiyicingile ba bazofela aphe ndlelen abantabam matakabawo Mna: uzincedile.ndatsho ndimncumele. Saphinda sathathisa sahamba sihambe siphumla kancinci phinde siqhubeke,kwakungaveli nemoto le ezosihikisa kwakunzima kutho cz afta siwele iThina sasihamba elalin nd zazinokuba khona iimoto kodwa zazingaveli tu. Sithe sisahamba uLolo wathi yenayhoo umthungo wam ubuhlungu. Yhoo! Kanene lomtu usindwa kanje une operation. Ndavele ndoyika yinto endizakuythin nale?? Uba uyaqhaqheka apha ndizothini?? Yhoo ndavele ndahlala phantsi Lolo: yhe mfondin kuyarhatyela. Mna: ucimba andibon na? Lolo: masihambe? Mna: uzolimala Lolo izoqhaqheka operation Lolo: ingoba sode sithin? Mna: sapha omye umtana uthathe uZeze wna nale yam ibag noko ilula mna ndizothwala le yakho. Nyani senza kanjalo saqhubaeka sahamba,besekurhatyele ke ngk sendiqalela ndilila futhi ngoba ndiyasindwa kodwa andikwazi kuthi uLolo makathathe into zakhe ngoba uzolimala yena. Saqhubeka sahamba noko besekukufutshane ngk phambili besendithandazela uba sibone noba ngumntu oya ngaselalin asiphathise ngk. Sithe sisahamba ndeva kuduma imoto. Mna: yho hay sizaymisa ngeke. Lolo: unayo imali? Mna: hay uzose asishiye ba uyabona ndizamxelela ba asinayo. Yade yazofika imoto ndayimisa xa ndijonga,,Yho yeyakuloVuyo yabe ihamba utatakhe Mna: besicela ukuqabela tana tata asinamali. Him: niyaphi? Mna: kule lali engaphambili pha KwaNksosi Him: ngenani. Satsiba sangena ngemva kwesi skheqe singena canopy safaka abantwana,yahamba imoto. Yayingase ndithi kuye xa ndisehlaNgumzukulwana wakho ke lo kodwa ndandingasoze ayiqheleki la ndoda tu. Safika yasehlisa egatin kulomakhulu safika umalume eme egatin ezidlele into zakhe Malume: oh! Nibetha udadobawo le ugqiba aninantloni nibalekela apaha kwam? Hehehhe hay ninezibindi. YHOOOO! HAY NGATHI KUZOBANZIMA.
Posted on: Fri, 10 Oct 2014 07:21:12 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015