Insert 84.. Bingamalungiselelo omtshato kengoku. Bendisaphumle - TopicsExpress



          

Insert 84.. Bingamalungiselelo omtshato kengoku. Bendisaphumle ngase glassin kuba ebesithi uInathi if ndiyasela akazonditshata. Ifamily yam ibiluncedo kakhulu ke. Yonke into ibisele ikhona. Nee invites besele sizikhuphile. Its been 3months singenzinto no Inathi. Ebethe utata masizile till sitshate. Ibingathi yiminyaka ke kum leyo. ***************************** Ibiyilamini enkulu kengoku. I was wearing my black suit with black all-star. Umakoti ebezofika ngo 10 ezoziswa ngu tatakhe. Bekuyilonto ke ekhaya kugcwele ngabantu. Wafika ke umakoti utatakhe wazondinika. Yhu akandijamela latata. Ngoku andinika uInathi he looked at me and said Uzudlale ngaye. Bendingcangcazela man. Umaka Ndoda ebekhona. Bekungekho nento ethi thiki ngoku xa ndimbonayo. Waqhuba kakuhle ke umtshato engesalili umntu wam bethuna. Well yes nam ndiye ndalila ngoku ebendinxibisa umsesane. Uthethe kabuhlungu man izinto ebezindenza ndilile. UBee ebeyi partner ka Ano. OMandisa no Tom babo bebekho. Bebe nice ku Inathi ngoku. Umama oko elila ubunofunga uthi ku Bhujiwe. ..... ************************ Besisendlini YETHU eQonce kengoku nabantwana bethu. Ibileno xesha li right loba mandixelele uInathi ngababantwana ndandibenza eMossel Bay. Me : Baby. Kukho into endifuna ukuxelela yona andiyazi noba ayizoyichitha ne lento yethu isentsha. Inathi : thetha lov. Ebeleli phezu kwam. Bendisoyika man. Ndamxelela yonke into. Inathi : Kuzofuneka uyobakhangela abantwana bakho. Andifuni ibengathi ndim unobangela woba ungabahoyi. Me : Im not sure noba ngabam na abanye.. She Kept quiet. Bendimbona iyamkhubekisa lento yoba kubengona ndimxelelayo ngababantwana kodwa nam bendifuna ukudlala indima yam kubo.. ************************** 6 months passed. Besizokwenza itraditional wedding kengoku. Besihlala nabo abantwana but mna bendibase Bhayi ixesha elininzi. Bendibuyele etywaleni ke. Ewe siyakhonza no mkam kodwa andinokwazi uvele ndiyeke njeee usela. UBee ebemithisile ke and ebe fast nomntu wakhe. Ebethengelwe imoto ngu tatakhe. Besisenza uqhusa almost every weekend. Besine maid ke eKing. Ibingumntwana wase Dimbaza ebekula age ka Inathi. Ndandithe makathathe umntu omdala ke akafuna. Ebemhle umntana wakhona rhaa. UInathi ebengekho kengoku eye ko Simnikiwe ePretoria. Bendishiyeke nabantwana no sisi wabo. Abantwana bebeyolala kengoku ndishiyeke no Sima. Besibukele imovie. Andiyazi nam into ebangela ndibukele iromantic movie nomntu ongengowam. Ozosebenza apha endlini. Me : So unaye umntu? Sima : ewe Bhuti. Me : Nenza ntoni nomntu wakho? Sima : (Smiling) hay bhuti yintoni le uyibuzayo ? Me : ndibuza nje. Sima : wenza ntoni wena no Inathi? Me : Senza abantwana fondini. Sima : Oh ok.. Bendimbona lomntwana uyandibawela naye. Ndayohlala ecamkwakhe. Kwakutheni uInathi athathe umntana ocute so? I kissed her neck. Sima : ha.a Bhut Lamla angathini uInathi xa enoyiva lento? Me : Uzova ngabani? Sima : Xa sinobhaqwa ngabantwana? Me : soze bayithethe kumama wabo. We kissed for a while then saya eroomin yakhe. I cant sleep with her ebedin ka Inathi kaloku. Ndayothatha icondoms. Yes we made love. Salala sobabini.... Sivuswe ngu Lulama ke apho. Lulama : Haybo tata walala apha ngoku? Thixo !....
Posted on: Sat, 12 Jul 2014 07:30:09 +0000

Trending Topics



6/MBMAH1 Industry:
Our American history is not to clean and other nations know it...
Ogni tanto, fra mille mugugni, bisogna pur segnalare qualche

Recently Viewed Topics




© 2015