Insert 84 #Xolani Siye safika kulala mntana wehla, wavala - TopicsExpress



          

Insert 84 #Xolani Siye safika kulala mntana wehla, wavala icango akavalelisa u Ano wakroba nge festile, Ano: “awutsho noba enkosi” Lauretta: “Thank you Anoyolo” Ano: “mxxxxxm, masambe bhuti” ndahleka nda starter imoto sahamba, Me: “kodwa Ano esi sigezo sakho asikho right, uyamthuka omnye umntana xa usithi umuncu” Her: “u sweet ke?” Me: “andimazi khange ndim taste(e )” Her: “heee yho, ndi lambile futhi mna” Me: “ha a uzotya endlini” Her: “yhu ha a bhuti, funeka ndicenge oko na apha kuwe” Me: “ndifuna ube nendlela yoku thetha xa uthetha nam ucele unga funi” Her: “okay, bhuti wam endimthanda ngentliziyo yam yonke ndicela undithengele I burger” Me: “good, ungatshintshi ke ngoba andizuku khumbuza oko” Her: “uyabu thanda ubu serious nawe man” ndancama ndahleka, sadlula e Steers sasebenzisa I drive thru ndamthengela I burger ne drink sagosuka esitya, ebezi chithela nokuzichithela, sayo fika ekhaya segqibile ukutya intliziyo yam yabetha fast xa ndibona I ambulance ime phambi kwendlu bekukho ne moto ka Thobela, nda jonga u Ano ndabona amehlo wakhe egcwala iinyembezi ndapark I moto ngase gatini, u Ano waphuma kwangoko wabaleka waye endlini, ndamlandela ndayo ngena endlini, umama ebese bekwe kwi stretcher efakwe I oxygen mask ne drip, u Thobela ebe thetha nenye I paramedic, oko umama xa egula ndivele ndibe ne ntliziyo ebuhlungu, ndicinge xa enosweleka ndizokwazi ukukhulisa u Anoyolo ndindedwa ngoba u Thobela uyi sephu emanzini, akabambeki. Baye baphuma naye u Thobela wathi uzobuya futhi azosixelela ukuba umama unjani, u Ano waza kum ndamfunqula esinda enjalo ndaya naye e roomini yakhe ebekhala ndachopha ebhedini yakhe naye phezu kwam ndamthuthuzela, Ano: “bhuti umama uphinde wenza lanto yakhe?” Me: “ewe, nana uzakuba right yeva” Her: “ebe right nje umama ekuseni ngoku ndiya eskolweni” eish Me: “ewe baby, uzophinde abe right abuye aze kuthi” Her: “xa u Thixo anomthatha bhuti sizakuthini? I tshomi yam u Melissa wathi no mamakhe waye gula then God took her away from them” Me: “suyicinga nokuyi cinga lonto, u Thixo uyasithanda, ukuthanda kakhulu futhi wena akanoku thathela umama wakho umthanda” Her: “uyandi thembisa umama uzakuba right?” Me: “I promise” ndamoshula iinyembenzi, ndamncamisa empumlweni she giggled, Her: “hayike bhuti” Me: “xolo ke, tshintsha I uniform ndizayo landa iincwadi ndiku ncedise I homeworks” waphakama wakhulula I blazer, I phone yam yakhala ndayikhupha ibingu Samke, ndayiphendula…”Mamekhaya” Samke: “tatakhaya u right?” Me: “ndi sharp wena?” Her: “ndi right, awuvakali u right kodwa wena” Me: “uhm yeah, ngu mama usesi bhedlele” Her: “hayi wena uxolo nana, uphi u Mayoyo yena?” Me: “nanku apha phambi kwam” Her: “khawumnike I phone” ndamnika I phone bathetha ixesha elide waphinda wayi buyisela kum ndayithatha ndaphuma ndithetha ne phone. Bendi worried ngumama yayingase akhawuleze aphume esi bhedlele ngoba u Ano ebezokundi buza yena oko. Ndiye ndahamba ndayo ngenisa imoto ndyifaka e garage ndaphuma ne schoolbag sika Ano, ndafika segqibile ukutshintsha sayo hlala kwi dinningroom table ndamncedisa I homeworks sagqiba, ndayo checker I emails bekune board meeting ngemini elandelayo e msebenzini. U Thobela uye wabuya, ebonakala ediniwe wazi jula esofeni u Ano wabaleka waya, wachopha ecaleni kwakhe, ndavala I laptop ndayo hlala nabo nam, Ano: “kutheni unga buyanga no mama Bhuti?” Thobela: “ndimshiye elele mhinxi” Her: “uzobuya ngomso ke ngoku?” Him: “ha a baby, andiyazi uzo buya nini” Her: “akathathwanga ngu Thixo right? Ubhuti undithembisile uba soze amthathe” uT-man wandijonga ndanyusa amagxa Him: “err…akamthatha nga nana, awufuni ndiyoku thatha ngomso eskolweni, siye emall?” Her: “ndiyafuna bhuti wam uzondi thengela into endiyi funayo kuqala?” Him: “yeah, ngaohandle kwe moto ne aeroplane” wahleka Her: “hahahaha ndizoyenzani imoto ndingaka, hayi sundibaxa wena X-man uzondisa eskolweni ane?” yhe hake sajongana no Thobela, Thobela: “no uzazo landwa yi transport yakho entsha” Her: “NO andifuni ndifuna usiwa ngu bhuti mna” Me: “okay ndizokusa” besi vuma yonke into u Ano ayithethayo sasi cenga ngoba besiso nqena ukuba alile asi fune umamakhe, ngoba wayengonqeni ukukhala ade alale and akakhali kamnandi ke Siye sa order I pizza bendingeyo tshomi nembiza satya uThobela wahamba endixelele ukuba u mama ukweyiphi I ward, u Ano wandicela ukuba ndimfundele I bedtime story ibingumsebenzi kamama lowo wofunda amabali,uye watshintsha wanxiba I pyjamas ndamfundela walala ndingeka gqibi ukufunda ndamncamisa esibunzi ndaphuma ndishiye I light I on ndaya e roomini yam ndakhula ndangena ezingubeni ndafowunela u Samke…. Ekuseni nda vuswa yi alarm ngo 06:00am ndayo hlamba ubuso namazinyo beku mele ndilungiselele u Anoyolo ukuya eskolweni ndahamba ndayomvusa wayo hlamba ndabe ndimondlulela ndamkhuphela ne uniform e clean, ndagqiba ndayo mlungiselela I breakfast waphuma segqibile ukunxiba ndamnxibisa I tie kakuhle ndamnika ukutya ndagqiba ndayo hlamba ndanxibela ukuya emsebenzini bekune board meeting ngo 09:00 ndagqiba ndathatha Ibag ye laptop, phone, wallet, nezitshixo ndaphuma ndafika e livingroom u Ano selinde mna ebe bonakala engekho right Me: “masambe ke nana” Her: “umhle bhuti wam” Me: “enkosi baby, thatha I bag yakho kaloku sihambe” Her: “awundenzelanga I lunch bhuti” oh flip…bendiyi libele nyani Me: “uhm, ndizoku nika imali uthenge eskolweni” Her: “yesss!, uzandipha I R30 ke bhuti, I R20 ye burger ne R7 ye drink nge R3 ndizo theng-“ Me: “ewe nana thetha uhamba kaloku soba late” wathatha I schoolbag sakhe saphuma ndatshixa endlini safaka izinto emotweni ngemva sangena, nda fasa I safety belt before ndixelelwa sahamba oko ethule, apha endleleni bendi mana ndimjonga ndancama ndambuza, Me: “utheni baby girl?” wajonga phantsi wadlala ngezandla aka phendula “nana?” Ano: “ndi-ndikhumbula umamam mna” iyo Me: “sizakuya kuye namhlanje late yeva” Her: “u bhut’Thobela soze avume nje” safika eskolweni sakhe Me: “uzohamba nam hayi naye” wandijonga wancuma amehlo ebegcwele iinyembezi Her: “ndizomenzela I card ne ndimnike namhlanje” Me: “okay nana, come here” we shared a hug ndamncamisa esibunzi “I love you okay?” Her: “I love you too” ndakhupha I wallet ndamnika I R30 Me: “ndicela uzame ungacingi kakhulu ngo mama yeva, ufunde” Her: “okay, bhuti bye bye” Me: “sharp nana” waphuma wakhupha I schoolbag sakhe wahamba ndamjonga wade wayo ngena eskolweni, nda starter imoto ndahamba. I meeting iye yakhawuleza yaphuma ndaqala endlini ngezinto ze o’lady ndadlula e mall ndamthengela ukutya, ndayo fika esibhedlele kanye ngo 11:00 xa kuqala I visiting hours ndayo ngena apho akhoyo, ebevukile ebonakala ekude ngeengcinga, ndangena ndabeka ezazinto bendimphathele zona phezu kwetafile encinci ebi pha ebengandiboni noba ndipha, Me: “O’lady?” wothuka wandijonga wancuma, bekubonakala nelincumo oba liya fake(wa), wolula I sandla ndasondela ndasibamba ndachopha phezu kwebhedi ecaleni kwakhe, Her: “my boy” ebethethela phantsi Me: “uziva njani?” Her: “ngumzimba obu hlungu qha mntanam” Me: “uyaziva xa uzo xhuzula?” she nodded, Her: “nge lucky izolo bendihleli no Thobela” Me: ‘kuzofuneka siku funele umntu ozohlala nawe oko, ngoba thina asihlali sikhona” wahlunguzela intloko Her: “ayenzek-“ Me: “no mama sizokumfuna, and u Anoyolo ufuna ukuzozoku bona ndizoza naye late” Her: “oh u Nongqiza wam ziNkosi, ndimkhumbula ngoku” Me: “ayimphathi kakuhle lento yoku gula kwakho” Her: “ndizoba right ndoda ningakhathazeki, yazi bendicinga” Me: “intoni?” Her: “nge khaya lam, ndagqibela nini ukuya ekhaya iminyaka eyi 22 yonke ndingayi, andiyazi noba lisekhona na elo khaya, o tata basaphila na?” Me: “anditsho wawuthe wagxothwa” niyasazi I story sika mama mos u Samke wanixelela Her: “ewe, kodwa kwakukudala ngoko” Me: “ubucinga ukuya nini ke ngoku?” Her: “nextweek xa kuvalwa izikolo ndizo hamba no Nongqiza” Me: “sizohamba sonke ma, ukwenzela xa uphinda ugxothwa sibe sise caleni kwakho, zikhona I hotels or bnb phaya?” wahleka Her: “azinongabikho etown qha ikude ke” siye sancokola no mama ndambukela esitya, uphela kwe visiting hours ndamncamisa ndahamba. Bendi excited ngale trip yase Eastern Cape zange ndaya ezilalini oko ndabakhona ndazalelwa e Jozi ndakhulela khona ndade ndaba ngakaya, nokoluka ndolukela esibhedlele...yeah ndiyi ndoda andiyiyo I nkwenkwe ningandiqheli ;) . #Unathi
Posted on: Tue, 20 Jan 2015 10:44:05 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015