Insert 85 #Samke Ibingathi andisa gqibi uku bhala phofu - TopicsExpress



          

Insert 85 #Samke Ibingathi andisa gqibi uku bhala phofu bendi gqibelisa Thursday beku Tuesday ngale mini bendi ngxamele uku goduka mna, no X kwelinye icala undi xelele ngo mama wakkhe ogulayo, ndandiyazi ukuba uzophila ngoba waye strong. Bekuse mini ke, bendisa thathe I break ngoba bendi funda, iphone yam yakhala ibingu Yolanda ndayi phendula, Me: “Yoyo!” Her: “hey friend unjani?” Me: “I’m okay wena?” Her: “ndi right, Guess what?” Me: “what?” Her: “khawu Guesse man” Me: “hayike tshomi uyayazi andikho good kuleyo” Her: “mxm, awudiki ndiya buya ke namhlanje” andavuya Me: “ Nyani tshomi?” Her: “ewe mtshana ndini phathele I box box le grapes no Mihlali ne fish” ndahleka Me: “krkrkrkrk yhooo sizotya sinxile mos, asaphelele phofu amazinyo wakho or agqitywe yi fish?” Her: “hahaha, uyadika yazi wena, asa phelele lovey akho apho aya khona” Me: “Khawu dlule aha e bloem torho sigoduke soyi 2 Friday” Her: “yhuuu Amahle ufuna undenza I vrawusha wena” kwa nkqonkqozwa emnyango ndaphakama ndayo vula Me: “ndiyaku cela torho, ndiku khumbule njani and yindlela, uza ngantoni?” bekukho u Asithandile nenye intombazana elingana nam emnyango, ndabolathisa uba bangene bangena bayo hlala phantsi Her: “ndiza no Sbu, ndizo thetha naye ndimve uba uthini” ndahamba ndayo hlala phantsi nam Me: “uphi yena?” Her: “nanku ecaleni kwam Me: “khawumnike I phone” Her: “sure” Voice: “mtshanam” Me: “hey you, unjani?” Him: “ndi right skhokho wena?” ndahleka Me: “ndi right, ndicela uzo shiya u Yolanda kum torho” Him: “kodwa Am-“ Me: “Pleaaaase, wena umqhelile mna kudala ndingasamboni, ndiya kucela torho tshomi yam” wahleka Him: “okay, nizoya nini eJozi kuqala?” Me: “Friday ndigqiba Thursday ubhala” Him: “yhooo! Okay ndizomshiya” yeeess! Me: “thanks mtshanam, uyayazi mos I flat yam indawoni” Him: “hahaha awungxame ngelo xesha kukhona sizo suka” Me: “ndizothini na, uyayazi?” Him: “ewe ndisayazi” Me: “enkosi vah” Him: “sho sani” I hung up, ndasheka ndingu smiley, yhuu bendiyi khumbulile I tshomi yam nesi gezo bekuzoba mnandi ngeza holidays sana bekuzabe kukho no Mihlali futhi. Ndlela ebendo nwabe ngayo ndade ndalibala nokuba kukho abantu endlini, Me: “uhm, hey guys” Them: “hi” Asithandile: “Samke nantsi ke la tshomi yam bendiyi celele indawo yokuhlala ngu Kanyisa” ebe bonakala engumntu o right u Kanyisa wakhona, Me: “Asithandile ndithe ndisezaku yicinga nje and ndiya goduka mna Friday” Kanyisa: “nam ndiya goduka Thursday, ndifuna nje ukuhamba ndizazi ukuba ndinayo indawo yokuhla xa ndibuya” ncooo Ivoice yakhe, ibi soft ingathi angahlala ethetha oko, ndase ndathamba intliziyo, mhlawumbi bekuzokuba mnandi ukuhlala naye Me: “okay ke ungazo zishiya apha impahla zakho, izitshixo uzozi fumana xa ku vulwa izikolo” Asithandile: “I rent ke y-“ Me: “wooo kusathetha mna no Kanyisa kaloku, Kanyi I rent uzoyi bhatala kum ngoba sendi bhatalele unyaka wonke” Kanyisa: “okay akho ngxaki” Me: “I hope so hlalisana kakuhle ke” wancuma, sa exchange I numbers bahamba no Asithandile. #Xolani Uphuma kwam esi bhedlele ndiye ndaya straight endlini, ndenza umsebenzi wam. Ndiye ndapheka ndiso nqena ndinjalo, kodwa besi ngazu hlalela ukutyana ne takeaways kuba umama engekho ndiye ndagqiba upheka ndabukela I tv. Baye bafika o Anoyolo u Ano wangena endlini sebaleka, wazo ndi hug bendingayazi ukuba ebe vuyiswa yintoni, wahlala ecaleni kwam ebephethe I phepha, Ano: “bhuti ndilenzile ke ela card” wandinika ela phepha ebeli phethe oh ibili card le phepha ndali funda, beli bhalwe “Get well soon mommy, we love you from your Kids: Mayoyo, X-man and T-man” ndamjonga ndicumile “so what do you think?” Me: “lihle nana, I’m sure umama uzoli thanda” Her: “soze angali thandi elenziwe ndim kaloku, yhuu andi dinwe andi hluthi” ndahleka, wabe ekhulula izihlangu Me: “oh, ziphi incwadi zakho?” Her: “ndizi shiye emotweni, u T-man uzoza nazo wethu” hamba T-man Me: “oh, so nithenge ntoni e mall?” Her: “I tablet, amakwayi kwayi amaninzi, ne..ne nenye ilokhwe efana naleya ka sisi waye yinxibe emngcwabeni, na ntoni enye kanene…oh ne zihlangu zesi kolo ezitsha, zininzi man uzozi bona xa u bhuti engene nazo” wabe sengena u Thobela nee plastic ezininzi, Thobela: “ke ngoku Mayoyo ubusithi ezi zinto zizoza nabani?” Her: “nawe tshini, ndidiniwe mna kudala ndizula kula mall” Me: “I tablet uzayenzani ke sisi omncinci?” Her: “wenza uyenzani eyakho?” yhe hake Me: “ndisebenza kuyo mna” Her: “ndizo dlala I games ndifote na ngayo” wandi bonisa izinto ebezi thengelwe, elinganisa ezi linganiswayo, ebendi gqiba xa enxibe lama kwayi-kwayi wakhona ebegoba amadolo simhleke no Thobela athi nifane nandi hleka ndizothi ku sisi andifundise. U Thobela uye wathi uzohlala ekhaya naye ade aphume u mama esi bhedlele, late siye salungi selela ukuya esibhedlele engase ngxame u Ano, sade sahamba samphathela impahla nokutya, sayo fika esibhedlele u Ano waba ngowokuqala ungena e wardini ka mama wabaleka waya e bhedini wa hug u mama, wagqiba wamnika ela card alenzileyo, umama wali funda wase waphuma iinyembezi wakhawulezisa wazo sula, Ano: “kubuhlungu mama?” Ma: “ha a mntanam, ndiyavuya kuba ulapha” Ano: “tears of joy ne” Me: “awukhumshi namhlanje use wandi xaka” Thobela: “ebexake mna kula mall, so nozala uphuma nini apha?” Ma: “ngomso nondoda” Me: “kuzo funeka siyo thetha no Auntie abuye, azo kwazi ukukugada” u Auntie ibingomnye umama wayencedisa endlini,u mama waye gula kakhulu ngoko so waye nakekela u Anoyolo, ibingu Mavis igama lakhe Ma: “mbizeni xa sibuya ezilalini man” Thobela: “ezilalini?” Ma: “akaku xelelanga u Xolani? Ndicinga uku goduka ndikhe ndiyo vela ekhaya ndagqibela kudala mhlawumbi ndizotsho ndifumane impilo” Thobela: “uzoyi fumana njani mama impilo apho unga funwayo khona? Uyozi vuselela amanxeba ase aphola kudala mos” Ma: “mhlawumbi bandi xolela wethu” Thobela: “ngabo ekumele baxolise kuwe, ngabo ababe kuphethe kakubi bagqiba baku gxotha” Me: “zinto zakudala man ezo bro, masi support(e ) I o’lady qha lenze lento lifuna ukuyenza” Thobela: “okay, kuhanjwa nini?” Ma: “xa uNongqiza evala eskolweni, uba konke kuhambe kakuhle sihlaleni noba yiveki” Thobela: “A week ezilalini? Yithi uyadlala ma, I 2 days I right” Ma: “yhe hake Thobela, nge 2 days uzokwazi ntoni ngento zasezi lalini?” Thobela: “andikho interested, especially izinto ezidibene nalamzi, I hope akho zincukuthu” ndahleka Ano: “zintoni ezo bhuti?” Ma: “bed bugs my baby” Ano: “ewww, mna ndizosheka kutata shem andicingi uzityisisa ngee mbungulu” sajongana no Thobela Ma: “azikho nana uyagula nje lo ungu bhuti wakho” Ano: “no sisi uyahamba ne, sizo zidla ngama kwayi-kwayi wethu” X: “andiqondi ukuba uzohamba usisi wakho yena” Ma: “ubumbuzile?” X: “no kodwa-“ Ano: “ndizombuza kemna ndiyamazi uzovuma” Thobela: “ndiyayoyika ke le nifuna ukuyenza, nifuna xa sijulwa ngemichamo pha sijulwe nomnye umntana” ndahleka Ma: “hayisuka akho mntu uzakusi jula ngomchamo man” siye sancokola zade zaphela I visiting hours sahamba, ndafowunela u Samke ndamxelela ngale trip yase eastern cape ebe excited, wathi uzocela kutatakhe… #Unathi
Posted on: Thu, 22 Jan 2015 21:28:13 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015