Insert 88 Banoze bathiweni ngubani oo Nizibone abasileyo - TopicsExpress



          

Insert 88 Banoze bathiweni ngubani oo Nizibone abasileyo bethuna..hahaa hayi kodwa ibingaqheleki maan lento ndigqiba kuyithetha. Me : Uhamba xesha nini? Nizzi : Hay ndihamba ngomso,noo sisi bebesithi bahamba ngomso. Mikhulu : Caba nisafuna ukutefela umama na? Nizzi : Ewe wethu akhonto imbi apho. Siye sagqiba,yakhe yangulowo wethu umntu wabussy zizinto zakhe...I called u Othandwayo wam (Phiko). Phiko : Nana Me : babe,how you doing? Phiko : Ndiright sthandwa sam,wena? Me : Nam ndiright,ndikukhumbulile nje wethu. Phiko : I miss you too nana,uyazi uba ndisakphathela isweet nangoku ungekhoyo? Me : Yoh hay babe,ha.ana ke wena. Phiko : Unowusele ucinga ke ukuba sezingaphi. Me : Six? Phiko : Ewe,xa ubuya uzawuvula ispazza sthandwa sam uthengise iisweet. Me : Awuse boet Phiko. Kuye kwangena u Mikhulu esithi siyabizwa. Me : I have to go babe,Ndizaphinda ndikfownele. Phiko : Ok baby ka Phiko. Me : U Phiko othandwa ndim. Phiko : I love you too wena baby. Mmh the little things uPhiko ubezenza,bezindenza ndimthande nangakumbi. He was thee best,umphefumlo wam ubuxola nguye.He didnt have much but his LOVE alone was everything to me. Ndiye ndaphuma,ndifike wonke umntu ehleli eliving room. Dad : Besele silinde wena ke ntombi,hlala phantsi. Nizzi : Yizohlala apha ecaleni kwam ntwana. Me : Ha.a ndizohlala ecaleni ko- kosisi mna. Hahahaa eshee ubengasancume uNizzi,ndimlayile ubecinga ndizothi ndizohlala ecaleni komama. Ndiye ndahlala ecaleni ko sis Kusasa... Dad : Sithethile izolo and I think sithethile ngako konke ebekufuneka kuthethiwe.Kodwa ke if you feel kukho apho sishiyelele khona nithethe.Okanye ukuba ninemibuzo ke buzani. Nangamso : Bendithe kaloku tata izolo ndingathanda xa kunokuthi kanti akukho nto ifihlwayo.Ingaba ayikho enye into ekufuneka siyazile? Dad : No,I cant think of any. Thaps? Mom : Hayi nam,siyitsho yonke into izolo. Nangamso : Okay. Kusasa : Ubuya nini ke ngoku mama ukuzohlala apha kwakho,ngoba kaloku ngoku awukabuyi.Useze nje nge visitor... Mom : Kuba ndinezinto ezininzi ekufuneka ndizenzile kuqala phambi koba ndize ngapha.Njengendaba yomsebenzi uyabona uba uzochaphazeleka njani ngokuba kwam kweli cala,nezinye ke izinto.We were thinking ukuba ndisele ndigqiba lo nyaka ngaphaya. Nizzi : Okay,kuzawuthini ke ngoku..kuzawuqhubeka ngoluya hlobo bekululo? Mom : No,ngeweekends endingekho bussy ngazo ndizawubuya.And you guys can visit whenever you want.. Nizzi : Okay, thats fair. Bebeyibuza ke loo mibuzo yabo,bephendula nabazali.I thought of something,bendinakho ukonqena ukuyibuza.Ndandikhe ndagalelwa amanzi ngayo kaloku ukugqibela kwam ukuthetha ngayo.Phofu ngumntu ongazinto naye ngayo,kwakumele ndizincame. Yayingu now or never... Yoh I didnt even know ndizawuqala phi,njani ukuwubuza.Ndavele ndawukhupha ke unjalo. Me : Ndingowenu nobabini mna? Bonke bandiqhalela amehlo,ngathi ndiphambene. Dad : Where is that coming from?kusuke kwathini? Me : Why dont I have a Sotho name ke ? Base bajongana nomama bancumelana. Mom : Zezinkani zikatata wenu ke mntanam,zange afune ubenamagama amathathu.Wathi azoba maninzi. But ke walithiywa nje mntanam eli lika Liyabukwa. Me : La esiXhosa kooMikhulu,ayethiywa ngutata? Mom : Ewe bathiywa nguye. Me : Mna likhona endathiywa ngutata? Dad : Alikho but- Me : U Iphendule yena? Dad : Your uncle,Nkosiphendule gave you the name. Yes,bendifuna kufiwe apho kanti.. Me : Ngoba? Ubengasandijonge usiNamso,inoba ubengakholwa shame uba ndiyibuza nyhani lento.But ke bendizawuthini na bethuna,sonke mos sifuna ukuthi sihamba nje phaya endleleni sibe sizazi iindaba zethu. Dad : Because he felt you were an answer to his prayers& solution to some of his problems. Me : A solution to his problems? Dad : Yes. Me : But how? Dad : Wakuthemba ukuba uzakwenza into awayekholwa ukuba wehlulekile yena ukuyenza. Lizalise : Hayi tata uya utshonela ngoku yho! Dad : Utatomdala wenu, wayezawutshata nomnye usisi.Ngelo xesha epregnant usisi lo,balinda wabeleka.Xa bebobabini no sisi lowo,babengenabo abanye abantwana.Lowo yaba ngumntwana wabo ekuphela kwakhe..Okay,ngenxa yesi sivumelwano besikhona apha ekhayeni.He decided to tell the lady ngaso,kuba esoyikisela ukuba umntwanomntu azibone sele engaphakathi entweni angayaziyo...Khandiphathele amanzi Palolo please!! Ndiyile,ndabuya nawo. Dad : Lo sisi esosiva ke,she called off the wedding.Esithi akanawuze atshate apho kuthakathwayo,watsho ke evalela ngaphandle utatomdala wenu nakwinto emdibanisa nomntwana.Xa wayezama into edibene necourt,wagrogrisa ngokuba uzavele anyamalale naye nasloo mtana ke yena. Kusasa : Hayi wayeqeqa ke ngoku loo mama. Dad : Usaqeqa nangoku... A year later kwazalwa uPalolo.Wamthiya ke uNkosiphendule,kuba esithi his prayers were answered.His child will get to know his family ngawe..Ngelishwa wasweleka ingekenzeki leyo,mna I had to fulfill his dream and Im glad kwenzeka ngokweminqweno yakhe.UPalolo ndamsa kwi pre-school eyayifunda umtana ka Nkosiphendule. Me : Mh? Dad : Kuphelele is your cousin!! :o:o
Posted on: Mon, 22 Sep 2014 20:19:54 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015