Insert 88 Ndiye ndakhulula impahla ndanxiba I pyjamas ndabopha - TopicsExpress



          

Insert 88 Ndiye ndakhulula impahla ndanxiba I pyjamas ndabopha intloko ndathwala nda gqiba ndakhupha I simcard e fowunini, bendinga rhalelanga ukuthetha namntu bendi funa ukuzi mamelela umculo qha ndakhupha I earphones ndangena e bhedini nda plug I earphones ndazimamelela I Gospel ndagqumathela. Ekuseni ndavuka ndondlula ndayo hlamba ubuso nomlomo ndafaka I sim card e fowunini andayi layita ndanxiba I slippers ndaphuma ndaya ekitchen ndafika kukho u Lihle, Me: “Morning” Him: “hello, u right?” Me: “yeap” ndakhupha I bowl, ndazenzela I cereal, Him: “uqumbele ntoni ke?” ndahlala phantsi ndatya, Me: “andi qumbanga mna” Him: “awukwazi ukuthi awu qumbanga ubuvale I phone ubusuku bonke uzi tshixele e roomini, ukhalisa I Gospel” Me: “ndene I mistake nje eyi 1, ndilibele uxelela utata ukuba andizulala endlini ngoku sesithi ngeke ndisa phinda ndiphume andisayi nase eastern cape” Him: “eastern cape?” Me: “ewe, kulo maka Xolani, ngabo abafune uhamba nam” he chuckled Him: “ngoku uqinise ubuso kanti uqumbele ukuya endodeni” Me: “mxm, awuncedi yazi” Him: “okay, lungisa obo buso ndizo zama ukuthetha no tata” Me: “please” Him: “ndicela ubona I smile ke” ndahleka “ndithanda ubona obobuso ke” Me: “mxm” ndatya ndagqiba ndaya e roomini ndakhulula ii pyjamas ndayo hlamba ndanxiba ndagqiba ndavula I phone yam zangena zilandelelana I messages ezichaza ukuba bendi fowunelwe ndaqala ngo fowunela u Xolani, ndamxelela into eyenzekayo wa understand(a) kodwa ebevakala edanile ndangqengqa nda chat ne tshomi zam ndaba balisela ekundehleleyo, bengasahleki u Yo wathi uzazo qhatha u tata athi ndiyo lala kokwabo. Bendinga funi nokuzi nika ithemba ngoba u Luzuko ebe bhadle gqithi ebezakulikrobela elo qhinga. Ebengandi nqanda apha utata andi control(e ) ngalendlela afuna ngayo, kodwa pha e bloem bendingazukuba namlawuli futhi no X ebezakube engaphaya bendizakuzi busa mtshana. U Lihle wazama uthetha no tata kodwa zange afune nova, ebendiyeka ndiphume emini late awutshixe ngokwakhe umnyango xa egqiba athathe nesam, beku ngekho noku phuma nge festile ngoba I room yam ibi upstairs bekukude phantsi ngaphandle, kodwa keee ngubani owathi I LMS(love making session) ayibikho emini…besizi visa nomntu wam ngeli xesha silinikiweyo emini, ebusuku bendingabi naso kwa stress bendi phola apha e head, bendizazi uba ndimfumene mos u vitamin Z emini. Zahamba intsuku kusenzeka lento inye endlini, bendingasa qumbanga futhi, bendimbona u tata uba umangalisekileyila ndlela bendiyiyo. Beku Thursday late ke ngoku ngemini elandelayo o Xolani besiya e eastern cape, bendinayo intliziyo ebuhlungu andifuni u xoka, okay besesi gqibile ukutya ndade ndahlamba nezitya ndaya e roomini yam ndakhulula ndanxiba I pyjamas xa ndizongena ezingubeni kwa nkqonkqozwa emnyango ndathi makangene, kwangena u tata ndachopha phezu kwebhedi wavala wazo chopha ecaleni kwam, Him: “oh sowulala” Me: “ewe tata” Him: “ngowupakisha phambi koba ulale uya hamba ngomso” intliziyo yancuma kwerin “uya ku dabs wakho e Kapa, sendiku book(ele) I flight” yhuuuu Thixo wam yayingase ndisitsho esofelweyo ngoku bendicinga ukuba ndiya e eastern cape, bendinga funi ukuya kulo Kapa yakhona mna Me: “i…kodwa tata andiba qhelanga o dabs” Him: “yi chance yakho yoba qhela le, pakisha ke Mamaya” Me: “ndizo hlala ixesha elingakanani?” Him: ‘ufuna uhlala ixesha elingakanani wena?” Me: ‘2 days” Him: “no baby, Iveki ke kudala u dabs wakho omncinci u Thembeka efuna uye kuye” Me: “okay, ndizo pakisha izinto ezizo lingana I veki ke” Him: “ungalibali ukufaka izinto ezi shushu kuya banda ekapa” Me: “okay” Him: “sharp ke mntanam, oh ngo 07:00 ube sowu ready u 08:00 kuzo mela asibethele sise airport” akathi uyadlala yintoni na lo tata, Me: “okay” Him: “goodnight ke Manana ka tata” Me: “night dad” he kissed my cheek, waphuma ndayo tshixa emva kwakhe, bendinga funi esinye isiphazamisi ndakhupha I suit case ndakhupha nempahla endizohamba nayo ndaqinisekisa ukuba ndiyi khuphe yonke into endizokuyi dinga ndapakisha, iinyembezi zize hlela bendingayazi ukuba kutheni utata enjeya, mhlawumbi ebe phethwe si stress usi khuphela kum, yona eyoya eKapa bendingayiva tu shem, ufikela ebantwini endingaba qhelanga, kude nakanjeya. Ndiye ndagqiba u pakisha nda sendela u Xolani I sms ndamxelela ngoku hambo lwam, wa fowuna kwa ngoko ndayi phendula, Me: ‘baby?” Him: “nana, uthini na?” ndase ndane ntliziyo ebuhlungu, Me: “utata uthi ndiya e Kapa ngomso ku Dabs I worse akandi buzanga nokuba ndiya funa ukuya na, uvele sendi xelela ukuba ndi pakishe ndiya hamba ngomso” besendi fixiza ngoku, Him: “sukhala kaloku baby” Me: “mna shem ndifuna ubuyela e Bloem” Him: “uzobuyela nana, ndizobe sendipha futhi ndizoqala nge 2nd week ka July usebenza” intliziyo yam yancuma, phofu bendindi ncume kwamna nee nyembezi phofu Me: “nyani baby?” Him: “yeap nana, bendifuna ukuxelela sendi pha qha, andikwazanga ngenxa yoba uyakhala bendiyazi ukuba izokonwabisa” ndosula iinyembezi Me: “sendo nwabe ngoku uba ubuyazi, andisavuyi yhuu” wahleka sancokola ezethu ixesha elide savalelisana, ndangena ezingubeni nda seta I alarm yango 06:00 kuthiwe ngo 07:00 ndibe sendi gqibile mos…ndalala Ekuseni ndavuswa yi alarm, bendi ngafuni ukuvuka shem kodwa ndazi ncama bendi nga funi ude ndizo vusw angu tata ndaphakama ndaya e bathroom ndahlamba amazinyo ndakhulula ndangena kwi shower ndahlamba ndagqiba ndanxiba ndayo nxiba umoya wa ubu phantsi, bendinga funii tu uhamba, qha ke utata ebesethethile ibingekho into endinoku yenza. Ugqiba kwam ukunxiba ndondlula I bhedi yam ndathatha I phone ndaya e kitchen ndafika kukho u tata, ebe thetha e fowunini, Tata: “ewe, hahaha okay” wandijonga “see you soon, sharp” he hung up, “morning” Me: “morning” bendinga rhalelanga nothetha naye ngela xesha, ndazenzela I cereal, Him: “u right?” I nodded ndingamjonganga nomjonga, ndagqiba ukwenza I cereal ndathatha isitya ndahamba naso, Me: “ndiyo tyela e roomini, uzandibiza xa ilixesha lo hamba” Him: “okay” ndahamba ndaya e roomini ndachopha phezu kwe bhedi ndatya, I phone yam yakhala ibingu Xolani ndayi phendula, Me: “hello” Him: “baby, unjani?” Me: “ndi sharp wena?” Him: “ndi right, uhamba ngabani ixesha?” Me: “uthe u tata, u 08:00 kumele abethe sise airport” Him: “oh, yhoo asizu kwazi no bonana ke ngoku, sothetha e fowunini yeva” Me: “okay, ndizoku fowunela xa ndifika” Him: “okay nana, uhambe kakuhle ke” Me: “nawe uhambe kakuhle” Him: “Love you” Me: “love you too” Him: “sharp” he hung up, ndabeka I phone ecaleni kwam amehlo agcwala iinyembezi, bendinga funi nyani ukuya kula Kapa ka tata, bendifuna ukuya e eastern cape qha or ndihlale ekhaya ke, ndavele ndahlutha ndabeka isitya ecaleni kwe bhedi ndalala ngesisu ebhedini ndazi gquma ndalila. Ndiye ndeva umntu ongena e roomini, ibingu tata bendiva I cologne yakhe wandishukumisa ndaphakama ndosula inyembezi ndachopha, wachopha ecaleni kwam wandi brush umqolo, Tata: “yintoni ngoku maMaya?” Me: “andifuni ukuya e Kapa mna tata ngcono ndihlale apha endlini ke” Him: “besivumelene ngoba uya hamba nje, ku tshintshephi?” Me: “nguwe tata o-“ Him: “hambo hlamba ubuso my baby seyilixesha lo hamba” yhu lo tata ndaphakama ngomsindo ndayo hlamba ubuso ndazi jonga espilini amehlo ebebomvu kukhala ndagqiba ndazo sula, ndayothambisa e roomini, ndathatha I handbag yam, phone ne earphones u tata wathatha I suitcase, saphuma ndabe ndilandela emva wakhe safika e livingroom kukho u Lihle, Sibahle,X, Thobela, Ano no mamaka X, bendingayazi ukuba bazo thini bebehleli phantsi, ndabulisa bavuma ndama ecaleni kuka tata ngase sofeni ebihleli u Lihle Ano: “sisi ubukhala?” nda jonga kude, Me: “ha a nana” utata wajikelisa ingalo yakhe wandibamba egxeni, Tata: “wonwabe emakhaya ke Manana yeva,I hope awusazoyiki ikati” andi lost)i) Me: “uthe ndiya e K-“ Tata: “bendiku test(a) nana, bendi funa ukubona usandimamela na, uyi pasile yilento ndiku vumelayo uba ungahamba noo Ano uye e Eastern Cape” bendingazazi noba ndithini,yhuu lo tata ngoku sendi khale kangaka, ndazigquma esifubeni sakhe wandihug wandi ncamisa entloko “uyakhala futhi?” bahleka, bendingayazi ehlekisayo, yena u tata ebecaca uba zange aye e creche before aqale I skolo. #unathi
Posted on: Sat, 24 Jan 2015 13:29:13 +0000

Trending Topics



consistent life.
Drink 2 Cups of Iaso Tea / Delgado Coffeee Day ,,,,lose 5lbs in 5
OK all..I need a thought here. Out of the following terms, which
It just makes good sense not to depend too heavily on our ability
Willy Vega No voy a dar nombres, cada quien sabe para quien esta

Recently Viewed Topics




© 2015