#Insert101 Ndathi ndiqala ukuzigquma wabe endityhila. Mna : - TopicsExpress



          

#Insert101 Ndathi ndiqala ukuzigquma wabe endityhila. Mna : ha.a marn, ndicela ulala torho. Khaya : Ngubani lo ubuthetha naye? Mna : Yi friend yam. Khaya : Eyindoda? Mna : Baby ngumntu endandikhula naye lona. Khaya : Kuqala ibiyinto ka Luvo ngoku yile. Andiyithandi ke le friendship yenu, khona lixesha lofowna eli? Ingathi ngowuqeqesha itshomi yakho ke sisi. Ngoba andizoyihlekela noba ayihlekisi. Watsho eguquka endizela ngomva, nam ndajonga kwelam icala salala. Zahamba intsuku kusemnandi, u Khaya elala kum xa engekho busy. ndaye ndamqhawula ke lo Sakhumzi kunye nalo Aya nakakade, abaphinda bafowne ndazixelela futhi uba andisayi kwakulo Aya bendithe ndizombona nge weekend. So kwaku friday ndizohamba no sis Thozi siye kulomtshato. Ndathi sendisithathile i sgqibo soba u Maso akazoya kwakulo Luvo kuba emtha umoya ombi umntana, ndaphinde ndazinqanda ndathi ndizomyeka ahambe ekugqibeleni ke ungu tata wakhe and umntana une right yokumazi u Yise wakhe. But ndamxelela uba uphinde wathetha ezizinto azithetha kuye soze aphinde amve ngoba lomntana mncinci gqithi lomntana for ugcwala into zamchuku. And noba angaphinde amxelele iyafana uhleli ezophinde ayithethe u Maso so ndihleli ndizoyazi. So waye wathi ke uzomthatha ngo 07:00 then ambuyise ngo 17:00 akwabikho ngxaki. Ndavuka ke saturday ndavasa u Maso u Luvo wafika ngala 07:00 ebethe uzomlanda ngawo bahamba. Wafowna u Sis Thotho esithi sesendleleni ezayo ndabe nam ndigqibezela. Inoba emva kwe 30mins wafowna sesithi mandizovula. Ndahamba ndayovula nyani wabulisa wa hugger wabe ehamba nenye intombazana efana no nwabisa but engathi indala pha ku Khaya. Ndayibulisa yaphendula ngathi ayikwazi kuthetha. Thozi : Awusemhle marn, ubuzithungisa phi ezizinto? Mna : Komnye u mama ose mdantsane endiqhele ukuthungisa kuye. Thozi : Uzuke undise kuye or undiphe i number yakhe ndiyazazithanda marn. Mna : (ndihleka) hayi ungakulinge uthungise ezifana nezam. Thozi : (ehleka naye) hayi tshini. yinto ezofika ithini leyo? Azizofana ncam kaloku and asihlali kunye. Ungazoba no mona wena. Mna : Umhle nje nawe, uyabona indlela ezikufanele ngayo ezizinto. Wahleka, yabe intle nalentombazana ahamba nayo but ndaqonda andizoyincoma tu keyona. Njembe u Sis Thozi ethetha ehleka lantombazana yayime emnyango ingathi isinekile. Ndaqonda uba icinga izontantazelelwa ndim iyobe iyazibhanxa. Ndizomyeka agcabe kulamnyango. Wangena u Sis Thozi wema ngakwi counter wabheka intombi yakhe. Thozi : Yintoni na wena Sizeka wabe ume emnyango, ungajiki nje uyosilinda emotweni xa ungafuni ukungena. Wangena senyoshoza wahamba wayohlala e sofeni. Ndahamba ndayokhupha i drink e fridgin. Thozi : Susipha sisi, masambeni singade sibe late. Mna : okey. Ndahamba ndayothatha i purse ne stixo semoto, ndabuya seyime ngasemnyango lentombi. Thozi : Yoh kanene anazani, Lizzy ngu Sizeka lo usisi ka Khaya. Ndazibona uba ndiyakwazi ukuzala kulonomvotshololo ume apha. Ndathi xandimjonga wasuke wayinto ende ebhityileyo ndaqonda inoba uvotshozela nyani lo xa enxibe izinto ezinkulu. Zange ndikwazi ukuzibamba ndayothula phezulu intsini wabe ehleka no Sis Thozi. Ndayibona uba idikiwe intombi yabantu. Mna : Ndiyavuya ukubona Sisi. Sizeka : mxm watsho ephuma ngomnyango. Thozi : ungamhoyi sisi uneqonya entloko lo. Khona usisaphi istixo? Mna : kanti ndizohamba ngantoni? Thozi : hayi sizohambani sonke, beka esostixo. Andathanda ke ndizohamba nalo Sizeka undidike ndiqala nombona. Ndabeka esistixo ndatixa sahamba. Safika lentombazana seyisemotweni. Ndangena e back mna yabe i qhuba lentombi u Sis Thozi wangena kwi front passenger. Sizeka : hmmm lonto niyavana. Watsho endijonga espilini. Thozi : Ungakulinge undidike Sizeka, xa ulapha funeke isgezo sakho usibeke ecaleni. Ndabe ndicofa iphone, ndiqonda xa ndidikwe ngoku singekahambi nohamba kothi kuphi kube kuphi. Thozi : ungamhoyi sisi. Yaphinde yandijonga espilini yafike ndiyijamele. Sizeka : hmmmmm akusenzima. Watsho e stater imoto ehamba. Apha endleleni oko kwakuthetha u Sis Thozi, lo Sizeka ethule. Ndabe ndingamhoyanga nohoya ndihleka no Sis Thozi. Safika kwilali Ese Quzini sekuphithizela kucaca uba kuzoba mnandi kulomtshato. Sathi sifika kwabe kusiza omnye usisi ebulisa ezazisa yabe iyiletshomi ka Sis Thozi. Wasithatha wasisa kwenye indlu wajika no Sis Thozi, ndasheka nalo Sizeka nabanye omama ababini. Ndancokola naba mama then baphuma. Ndasheka nalo Sizeka qha.
Posted on: Sat, 25 Oct 2014 16:13:06 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015