Kungo Musa – Chapter 32 It was not funny anymore, - TopicsExpress



          

Kungo Musa – Chapter 32 It was not funny anymore, ebesisilingo umakaSizwe period, probably for a purpose , may be this was Gods way of testing our patience. It did not make sense to me ukuthi I should leave umyeni wam ngenxa kamama wakhe, but I had started to think towards that ngoba ibisisihogo somzi esi blendendele kuso.Hayi nokuba sekuthiwa emzini kukwanja zothu mlilo, akusathethwa le. It felt like Im fighting a loosing battle, instead ukuthi izinto zibe ngcono, they were getting worc, its true when then say, you must pray for the family that you are going to marry to as well,kubi phandlapha imizi ayifani tu. So many things are happening behind peoples wall. Going back to the phone call Wanga ngengatshongo umakaSizwe , ukuthi ufuna iPrivate hospital, her son went mad Sizwe: Inoba andikuvanga kakuhle , uthini umhlawumbi? MakaSizwe: Eeer, Uhmmm , yhuu ndiyaqaqanjelwa bonanje, kuyabanda nobanda apha nyana wam. Sizwe: Ndithe inoba andikuvanga kakuhle, ubusithini kanye kanye ? MakaSizwe: Hayi tshini Sizwe, wandigragramela, bendisithi, noko andinode ndilale kwi zibhedlele zika wonke wonke ukhona, zizakuthini itshomi zakho ? and kaloku esasingcoli somfazi wakho asisekho nasebomini bakho, andithi ngulo ubusithi uyohlukana naye, ufumene umntu omtsha. -- Sizwe: Cacukuba apha kuwe ndiyi Toy nje yokudlala , ndiyinjana onokuyisa naphi na apho ufuna khona ? undenzi sithunzela sakho nhe mama, Do you still have a heart kodwa? When are you going to open your eyes and realise that uZuko is not going anywhere ? if ubungelilo eligqwirha ulilo , ubuzakundivuyela okokuba ndinomfazi ondonwabisayo and ondithandayo. kuthiwa uyasifuna nje ngamapolisa, kanti usibizela obobubhanxa ? You are so right, you dont even deserve a public hospital, rather you deserve public hell. Noba unolala ehokweni nee nkuku andingekhathali, usisikhohlakali somama esingenamvandedwa. Asisazanga nakwesosibhedlele. MakaSizwe: Yima Sizwe, ngulomfazi wakho okwenza uthethe njalo nam ngoku, ndingumama wakho ndikuzele, I am the one obesihla enyuka nawe engekho lomfazi Sizwe: Does into yokundizala nokundikhulisa kwakho gives you i- right to do what you are doing in my life? You are destroying my marriage, my home, ufunu bulala nabantwna bam… Ma why ungcole ka so? Isasebenza ingqondo yakho kakuhle? I don’t want you to ever phone me again, I don’t want you to ever call me your son? In my entire life, no one has ever hurt me like you, the sad part is you keep on adding more to this pain. Kunini undivuyelela Kwanele Ndithi Kwanele Even if you can die now , I won’t even come to your funeral , Phofu usahlelele ntoni ungafi kakade? Yifa mpukundini There was a scream at the background from her mom side, Sizwe dropped the phone after that, He was in tears kukucaphuka. Sizwe: Kanti why ndizophila like this ngenxa yomzali ? Where did I go wrong baby? I am trying to be the best dad to my kids and the best husband to you , but then why is God punishing me? Kucacile morc if , I had married someone else , umama ngekukudala wandibulala ndalandela utata, akakufuni ngoba uyamsinda , because you are a praying woman Asisayi kwesosibhedlela my Love , Lets go to your appointment and then we’ll take the kids kumaGames. Me: Ungamsoli uThixo myeni wam, le yimisebenzi kasatana, not ekaThixo. God is not punishing you, You’ve done nothing wrong Tshawe ,ngamahlandinyuka nje obomi qha, iyedlula nale , again ndisathi asisongowomntu , singabakaThixo. Mna ndithi masiye kwesasibhedlela and hear ukuba uthini Sizwe: Uphambene Baby, ebetheni umakhulu kuwe? ufuna ukutyisa umntwana wam lo umthweleyo ngelagqwrha Ndithi asiyi apho, masiyivale lengxoxo if awufuni ukuxabana nam Though I was not happy with his decision, I could not say anything after that. This was bigger than us nyani. Later we went to see the gyno, who confirmed that I was 10 weeks pregnant, he was suspecting a girl, but says he is not 100% sure. The 3 D scanner will give us a much clearer picture For a moment we were lost with thoughts and excitement about our baby. Then we drove back home, the whole stress came again. Xa sisendlini , I was a bit quiet than I would normally be. Sizwe: Haibo Love , kutheni ingathi akuvuyi, everyone is excited about the pregnancy but you don’t seem to be happy? Me: I’m fine and I am happy Sizwe: But you don’t look the part nor sound happy Me: I said I’m fine Sizwe. He knew if I address him like that , that means something was wrong. Sizwe:Talk to me Baby, you can’t be stressed ukwesisimo , did I say something wrong may be? Me: I don’t feel your love anymore Sizwe, lento kamama wakho is just too much for me to handle . Not long ago, I was trying to help ndisithi masiye esibhedlele, wathi ndiphambene. This marriage and pregnancy thing is too much for me. I need to go to KZN nabantwana bam, sort out lento kamamakho and uyeke ukulandelelana nam Sizwe: Awu Sthandwa sam ,sowulapho? I am sorry for neglecting you, In the midst of all this thing kamama ndiyazama nje baby ukusoloko ndinawe. Ndiyatsho kwakhona Love , le ufuna siyenze siye esibhedlele uyaphambana ngayo and asizokuya. Manje why are you now a coward? Why are you running away ?Ill rather you go home under normal circumstances not because kuyatshisa emzini, lets face this together Love, please dont go. Me: The problem is kubuhlungu worc because nawe uyabasela kulomlilo. I told you not bring your mom to our home, did you listen to me ? No, look where we are now ? We have to start afresh again until when Sizwe? Ubomi bam abuyindawo bujikelezana nawe nomamakho. Sizwe: I said I’m sorry nje mfazi wam, ndiye ndavuma kuwe ukuba ndikonile , I am the cause of this whole thing, kanti akuxoleli na Sthandwa sam ? What should I do to show you that I am sorry Me: Let me go ndiyokushaywa ngumoya ekhaya ke Sizwe: Why ungayi kuGcina ke ? ebekubizile morc baby , ungafika uphole morc naphaya, if abantu bakokwenu could hear all the recent events , they won’t allow you to come back to me. Baby now I need you the most, I can’t deal nalento kamama plus nokushiywa ngumfazi at the same time. Not ngoku baby please Me: Andifunukuya kuGcina Sizwe, andifuni anything ezondidibanisa nawe , ever since nje ndahlangana nawe, there is too much drama in my life. I need peace, If ayingumamakho, ngo Isabel Sizwe was hurt yhoo, He looked at me with teary eyes. Sizwe: Undivisa ubuhlungu baby kodwa, ukuthi usandibambele inqala ngento kaIsabel. I thought salungisa sayingcwaba. Hamba ke Sthandwa sam , I think kusekuninzi osandibambele kona. I know I have brought nothing but unhappiness in your life. I know its because of me that you have gone through what you’ve gone through.. Just know mna andiyi-support le yokuhamba kwakho, once we create i-distance we will be opening up some doors for more attacks, which might not be uMama in this case. Let her win baby , I’ll be fine Me: ndiyahamba mna baby, ngomvulo lo singena kuye He looked at me, took his car keys wathi uyaphuma , Hee akasabakhuphi abantwana na? Ndazithuelela ndamyeka wahamba.
Posted on: Tue, 04 Nov 2014 18:57:26 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015