Molweni Bakhaya Ndiyibhala lencwadi ndilila bantwana basekhaya - TopicsExpress



          

Molweni Bakhaya Ndiyibhala lencwadi ndilila bantwana basekhaya ngenxa nje yeemeko zobomi (Ungathembi namnye kubo). Bendiyshilo kuni ukuba i #relationship_yam_inguqhu_saaa! ndibuya kuni ngawo loh mzuzu ndidithi inene ndinikezele emva kokuba ndimane ndifouna iringe yodwa ingabanjwa akugqiba athi uccza xa ndimbuza kwenzeka ntoni athi kuye ayiringi kodwa kuya iya ringa 4 to 6 times before voicemail... Uphindile keh wabonakalisa ukudikwa wadropha ifouni ndakumkhuza uburongo balento ayenzayo. Wavele wathi masohlukane, nam keh andiphozisanga maseko ndavuma kuba ndanele kukuphathwa kabuhlungu kangaka ngathi kuphele abantu emhlabeni ndingatsho keh phofu noba ndijongile kuba andinawo umdla wokuviswa kabuhlungu anymore. Siphendulene ke bakhaya nge smsz ndibona keh ukuba ucatshukiswa yebendimsendele yona ndisithi uyakubethwa nguThixo wakho ngenye imini ndibhekisa kwi mpatho yakhe keh phof. Uye wabila keh emva koko wabhala engayeki ukuphendula kwezam i smsz. Ndimbuzile ukuba ingaba umntana ngowam na nyhani? kodwa nkqi ukuphendula kuba ngoku nam umnqwazi wam awuqini xa eza kundenza kanje after yonke into endimenzele yona kuba ndifuna onwabe abonakale naye kuba yathandwa. Ndenza impazamo bakhaya yokwazisa ihlabathi ngokumthanda kwam usisi lonto yamenza wacinga ukuba angenza nantoni na kwaye angafuni kuba rongo nokuxolisa xa erongo. Injongo ngathi mna bendinazo kwakude kudala qha ndingekami kakuhle financially kodwa ngoku nam ndilahla itowel pha kude. Kudala ndathandana kodwa zange ndeva kabuhlungu kanje ebomini bam. Ndisandula ukuswelekelwa nguMalume wam apha endlini phambi kwam ndimjongile... Ndikulo ntlungu ndisamelwe kukuyomngcwaba kodwa kukho umntu ebendimthembile yena ukhetha ukundifulathela. Mna xa weyevelelwa zingxaki zobomi ndandibambisene naye kodwa yena mna uyandijikela, akunani. Before abe preg ebeba namaxesha adikwe ndim, kudala keh wangafuni kuzibona iimpazamo zakhe nokuxolisa. Ndiyamthanda loh cc bakhaya kodwa andikwazi kunyamezela noba kuthwa zi hormones na. khawuve ke mkhaya intlungu endikuyo uqale uqonde ukuba ibanzi njani. Every mans dream is have a functional family whereby love, care, respect, trust and honest are equally share... Every mans weakness and soft spot is a family but without it that man has got nothing to live for and to lose myself. Ndixhelekile ngaphakathi xa umntanam ezakukhula kusithwa uyise yinja kodwa ngunina owafulathela uyise... Inkosi inga ingadlala indima yayo, ukuba usapho lwam luyandifulathela Thixo unga ungandibizela ekhaya emazulwini ndiyokuphumla qha. Uxolweni nge ncwadi bakhaya... Ndicela ingcebiso zenu ndenze njani kule meko ndikuyo ndakuyenza kodwa andinakukwazi ukunyamezela umntu ogezayo mna... Nokuba lomntana asingo wam if ayingo wam ndakumthanda nje ngowam ndimenzele yonke into endifikelela kuyo kodwa nje nandiyaziswe inyaniso ngowam or ayingo wam?.... Bakhaya ithwani into enjena??? ndim ndedwa loh uzakubulawa yintliziyo kwimeko enje??? Iingcebiso bakhaya bam please... Uccza naye ukule page uyifan enkulu. Ndiyakuthanda #Magatyeni ngentlizio yam yonke nokuba namhlanje undibulala ngentliziyo ndiphila... Oh! yhini mntanomntu ukundenza kanje ndikuthanda (Elila inyembezi enaso nesingqala) Ozithobileyo Nozulu Previous story-Ndicela uku #Fihlwa Admin Molweni nonke bakhaya... Ndicela amancedo kule ngxaki ndikuyo phambi kokuba i #relationship yam iphele... Loh cc una21 and preg with 7 months ngumntana wam. Yonke into endiyenzayo ndimbeka kuqala kwaye yonke into ndiyayi sharisha naye kodwa yena unamaxesha angandixeleli izinto funeka de ndibuze. Unamaxesha adikwe ndim adrophe nalofouni ndithetha, angayihoyi, ayicime kodwa sivumelene ngoba ndizakuyombona engingqini yakhe. Nam andikho perfect kodwa ndenza yonke into ngathi uyi vrou kodwa uyi gf. Zonke iingxaki abakuzo mna ndiyamsupporter kodwa yena xa mna ndigulelwa ngu makhulu kunzima noba aze kum xa ndi off eSpani azokundomeleza yonke lonto injalo. Mna ndibila ndisoma ndiphangela unon-stop yena akabuva ubunza endibuvayo kodwa akabinawo umbulelo. Ndine 3 months ndiphangela kwi retail as #Front-End_General Assistant paying R13.43 per hour kule 3 months ive never bought anything for mna ndithengela umntana wethu andinazo izihlangu nempahla as I want kodwa andikwaz kuzithenga bcz ndithengela usana lwethu oluseza kubakhona around Jan to Feb... Yena uyakwazi ukuba athenge ifouni edurayo kodwa asikazithengi nezinye izinto zomntana, akandixeleli naxa esiya kule town ndiSpana kuyo ndisuke ndibene nhlahla yomfounela kanti uphaya... iSalary yam weekly xa ingena imessege ndiyamthumelela then ndithethe naye ukuba sibonisane ukuba imali isebenze njani... Ekhaya zange ndathenga nehamper leh ye R350.00 kuba umama uya understander ndamxelela yonke into. Nomntana ndamvuma ba ngowam without doubts... Ndazise ihlabathi lonke ukuba ndiyamthanda loh cc kuba kwi social networks zam zonke uyaziwa by everyone nasrkhaya nah. Indlela andiphethe ngayo iyandilimaza. Ndine veki ndilala ndivuka ngenyembezi... Amaxesha amaninzi uthi xa onile xa ndimlungisa ndimbonisa aqumbe athi mna ndikhohlakele, athi andimthandi abuye athi akandithandi casba mna kufuneka ndivume noba into irongo nabethuna??? Ndiyamthanda u ccza kakhulu kwaye every day ndenza inzame zokufouna ndibuze impilo kungenjalo bengu callback or message kodwa if andenzanga nenye yena akaboni nesizathu soko... Xa esiya eclinic eyohlukuhla ndiyamkhapha oko de ndi dodge naseSpani kodwa still akabonakalisi mbulelo. Apha kuthi ambalwa amadoda akhapha occ xa beyohlukuhla kodwa mna i do. Ndizamile ukuthetha naye ndimbonisa nange njongo endinazo ngaye kodwa yena undenza kanje... Indoda kuthwa ayikhali - engakhaliyo ifelembelekweni (mna ndiyalila nangoku kuba andifuni kuba luza uccza no nyana wam) kodwa andifuni kuphathwa kanje... Ndicela uncedo bakhaya ive put n sacrisficed everything for le relationship. Ndenze njani xa umntu endimthandayo kakhulu no ndizama ukumenzela yonke into esenza kanje yena??? Nam ndingumntu ndiyabuva ubuhlungu. Naye ke u #ccza uyi member yale page. (Ndicela uyifake urgently Admin pls) Uxolo ngeSummary nto nje bendifuna ukuyi nabisa... Ncedani bakhaya pls pls pls nge #advices
Posted on: Mon, 22 Dec 2014 12:59:48 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015