Molweni Ke :) Ndicela ukucacisa ngendlela esiqhuba ngayo apha - TopicsExpress



          

Molweni Ke :) Ndicela ukucacisa ngendlela esiqhuba ngayo apha ekhaya malunga nee Get2gedas zethu, Parties, Outings or ngalondlela uyibiza ngayo.. Okokuqala mandicacise apha ngale Grup uba yavulelwani, yintoni iinjongo zayo neligama lithi Masonwabeni eGoli.. I know kukho abantu abahamba besithi saba I idea ka Jola savula le grup, of which bubuvuvu obo & ayenzi sense lonto.. Sasikwi grup OLD RE-UNION iyiminyaka & yayingekho active, after si plane I G2g enye sayolelwa sibona ubumnandi sisenza enye emva kwenye then kwacaca uba siyagxothwa ngoba asiqali ku Admin n senza qho ezindibano zethu... Nextime if umntu ukuxelela ngoba basa I Idea yomntu oboke umjonge emehlweni umbuze ubhadlile na!! Ingaba lonto ithetha uMalema waba I idea ye ANC njeba wagxothwa kuyo wayozvulela I EFF, ingaba lonto ithetha ukuba ukuqhubeka nento oythandayo kukuba (common sense) IGrup ke le yavulelwa ukuba sonwabeni apha eGoli.. Njeba sonwaba apha eGoli ayithi lonto umntu ose Bloem, Mpumalanga, Limpopo, DBN nezinye iindawo abomkelekanga ukusi join - if banayo imali yokuza kuthi xa sisonwaba then its fine.. Ukonwaba ke kuzindidi ngendidi ezininz, kuxhomekeka kuwe mntu.. Kodwa apha eyonanto sigxininisa kuyo nesivumeleke kuyo uba masiyixhome koludonga ngeyoba siphume, sihambe ii party, sifunisane imisebenzi, sicebisane ngezinto ezakhayo, siphane nee recipes zokupheka :) ... Etcetera!! EyeziJolo, nokuhleba sicela iphelele private.. Kumba we GTg awuqali ku Admin xa une idea, uyayibhala I idea yakho kwi wall uba Bakhaya bakhaya how about siyeni endaweni ethile ngexesha elithile, yindawo enje nanje then if akukho enye ibiseyi planiwe kuyavunyelwana nge date & time kuyiwe.. But ukuqala ku admin kunceda kwinto yokuba if ibisesekhona into abayiplanayo qha ingekaveli ngaphambili ungathi wena xa uzisa I idea yakho kuthiwe hayi asizokwazi ngoba siya endaweni ethile.. Xa usi invite kwakho, party, baby shower, mtshato or wateva nto eyiyo ayiyongxaki siyaya & akukho need yoba uvumelane nathi nge date (Ndithetha nge party mhlambi ubuhleli uzenzela,wether siyeza or asizi uyayqhuba) qha ube usi inviter njee or ufuna inxaso yethu.. Ii Gtg zalapha xa sisiya kuzo uza neziselo zakho, then sikhuphe iR50 ye plate le sizakuyitya.. Umzekelo njeba Saturday sisiya e Zoolake, yindawo egabalala leya eyi park - uzoza ne Camp chair yakho or towel yokondlala kunye neziselo!! Ii R50 ezi sizozinika umntu we DKSK lo uzobe eqokelela ngoba sizobe siphekelwa ngabo.. IDKSK yi Drees A Needy School Kid iswetye apha ku Facebook nayo, nabantu bakhona nabo bakhona apha e grupin.. Liphulo lokuncedisa kumakhaya angathathi ntweni, xa siphekelwa ngabbo ezamali sizikhuphayo ziabanceda & qho ngo July sihamba nabo kulo ndawo baya kuyo - siqale kulonyaka siqokelela izihlangu zesikolo sadibana nge Mandela Day.. Kuphinde kuxhomekeke uba asiyi ngaphandle na, ngoba the time siye eLimpopo Belabela yayiyi R490 yonke into, n kwakumnandi kakhuluuuuu :D AZIVUMELEKANGA iiGTg uba mazibembini ngemini enye apha, ngoba lonto yenza uqhekeko lwe grup.. Xa kusiyiwa kumba we transport, xa sisiya kwi ndawo abantu behleli bebhala apha day b4 or ngalamini kuhanjwa ngayo kusasa uba akho bantu basuka endawen ethile ba liftane, naxa kubuywa ngokunjalo.. I Masonwabeni eGoli ayinalo ucalucalulo, ayiyo grup yamaXhosa QHA le ngeyomntu WONKE!! If ufuna ukuya kwi GTg nomntu ongengomXhosa uyaya naye, qha niyaz uba asizotolika sizothetha ulwimi lwethu.. Nabantu abangezo members apha kwi grup nabo bavumelekile ukuba ba attend. Okokugqibela!! Xa siye kwi G2g siyathanda ezakhona ziphelele khona, or nizihlebe ecaleni.. Ukuba ubani ebenxibe ilokhwe ekrazukileyo !asinamdla wayo apha, ukuba uNoloyiso ebewinwe ngu Nomajola asinaxesha layo leyo ingazi kule I wall.
Posted on: Mon, 29 Sep 2014 05:34:08 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015