Ndicela undifakele apha Zaza. Ndingumama wabantwana abathathu - TopicsExpress



          

Ndicela undifakele apha Zaza. Ndingumama wabantwana abathathu bonke ootata babo bahlukene. Isizathu nditshate kathathu. Owokuqala ndatshata sithe sina 6years sitshatile wa cheata wandishiya de wayohlalisana. Ndahlala 2years ndingenamntu, ndithe xa ndifumana umntu wavele wandithanda kakhulu that engakwazi tu kuhlala ngaphandle kwam, walobola satshata. Besina 4years sitshatile wasweleka kwi car accident. Kulo wesithathu uthe endicela umtshato ndathi ay masike sime kancinci kuba ndandisoyika ukuba what if naye ndiyamluza. Kodwa siye saba commited to each other that we both wanted to be under one roof so we decided to get married, kwenziwa amalungiselelo omtshato. Kuthe kule veki sizatshata ngayo kwafika iindaba zoba he was hijacked and wadutyulwa watshona same time. Kanti ndikhulelwe ndingazazi ndina 6weeks. Zange ndadandatheka kangaka in my life. Ndazixelela uba andifuni kwanto ekuthiwa yindoda ebomini bam. Ndihlalile 4years ndinganamntu. Umntwana wam naye uzakwenza i4years apha kuDecember. Nantsi ingxaki ndiziva ndilonely ngoku and kunalo bhuti endisando dibana naye worse userious kakhulu that indaba yomtshato yipriority yakhe. Ndiyoyika andazi and andikhululeki tu xa ementiona into enomtshato phakathi. And ngoku lento yenza abone ngathi andimthandi kanti ndiyamthanda. Ndithini ndivume sibe serious or ndimkhulule ahambe. #Zaza
Posted on: Tue, 05 Nov 2013 05:43:08 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015