Ndingulo sisi bekebethe ibest friend yakhe kuba ibilele ne bf yam. - TopicsExpress



          

Ndingulo sisi bekebethe ibest friend yakhe kuba ibilele ne bf yam. Ndiyile ecourt izolo ndinikwe isigwebo se 16hours community service kwipolice station eseduze nalapho ndihlala khona. That means ndizosebenza pha for 2days 8hours a day ndizaqala this coming Saturday and Sunday kuba ndiyaphangela during the week otherwise ngabe ndiyenze today and tomorrow ndigqibe ngayo yonke le nonsense ndizifake kuyo. emva koko izacinywa icase yam. As for lono nkroyi we friend yam kuthe kanti kudala belalana nalomntu endimbiza nge bf yam. Abathandani qha umsebenzi wabo kukuphana xa berhalelene. Lonto ke indenze ndambona ukungalungi nokuba week kwakhe athi eyitshomi yam kodwa abe elala nebf yam behind my back (ndithetha nge best friend apha hay itshominyana nje). Phofu ubf uyaxolisa yaye andimfuni nalapho ahambe khona ndibaxelele mabasose beyenza official into yam they deserve each other. Enkosi kakhulu kwabo abayibonile ubuwrongo bayo into yokutyela ifriend yakho indoda. Kwabo abangayibonanga iwrongo kucacile ke nani ningabanye babo abatyela iitshomi zenu. #Zaza
Posted on: Wed, 04 Sep 2013 15:56:09 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015