Phambi kokuba ugqibe ngobomi bakho,phambi kokuba uzincame,phambi - TopicsExpress



          

Phambi kokuba ugqibe ngobomi bakho,phambi kokuba uzincame,phambi kokuba ungaliboni ingomso lakho khawume ujonge emva.Khawume ufane nalamadoda ayefakwe kwizikho lomlilo,zufane nalandodana yayifakwe emhadini wengonyama,uzube ngula mfazi wayequqa ebuyelela etempileni.Xa ezizilingo zikasathana zisidlikidla kobu bomi uzume ujonge kwimbangi nomgqibelelisi wokholo lwethu.Zijonge zonke ezizinto uThixo akudlulise kuzo,cinga nangalamini uThixo wakusindisa,isenokwenzeka wakugcina uThixo wakukhusela kwingozi yemoto,kwizihange ezi zathatha ifown/mali/moto nayo yonke into owawunayo Kodwa uTHIXO wakusindisa waphila wakwazi ukuqhubekeka nobomi.Khumbula ukuba ubunzima bobomi esibuphilayo lwenzelwe ukusibumba,Kwaye uTHIXO unenjongo ngawe.Watsho naye uYesu wathi Andiceli ukuba ubasuse emhlabeni,ndicela ukuba ubagcine kuzo zonke ezingxaki uzibaselwa bubomi uzujonge emva,nankuya uTHIXO ume kunye nawe ukugcinile.Ukupha amandla ukuze uyazi ukuba nale iyodlula.Akukho nzima ingedluliyo,akukho ntlungu ingapheliyo.Cula ela culo uthi Zezithunywe nguwe zonke,mayenzeke intando yakho UTHIXO onoxolo,onothando nenceba,onozuko uhleli ekunye nawe kwaye uyasazi isizathu sobukho bakho apha emhlabeni.Suzincama ngoba yena akakuncami.Hlala kulo ndawo uTHIXO akubeke kuyo.Thula wazi ukuba unguTHIXO yena.Nawe uzakulibona lizaliswa idinga lakho.Zeluthi ufefe lweNKOSI yethu,UTHIXO wethu ahlale ehleli kunye nathi sonke ngoku kude kube semaphakadeni #AMEN
Posted on: Sun, 30 Nov 2014 18:54:32 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015