S2 Insert 21 Yho Mesiya olungileyo ndase ndomelwa - TopicsExpress



          

S2 Insert 21 Yho Mesiya olungileyo ndase ndomelwa ngumqala. Siya: “enkosi ngosi xelela inyani” Lut: “akho smoko” Me: “kuzomela sihambe bengeka fiki abantu abazoku bona” Lut: “yerrr andifuni visitors nje mna” Me: ‘usentweni ke bhuti, kukho no bhut”Mzwandile” Lut: “Jesus Christ bazothini abo? Hayi ndizozi lalisa mna xa be siza” sahleka Me: “funeka ucele U Siyabulela aku sedate xa kusondele I visiting hours” Lut: “ndifuna uphuma mna apha, u sbari kumele enze icebo” Siyanda: “yho use ngxakini mos u gama” Lut: “akho ngxaki tu, undikhupha nje apha yena then ndimnika I discount kwi lobala” sahleka Siya: “hahaha masikushiye man” they fist bumped, I kissed him sahamba, sayo qabela e motweni sagoduka, apha endleleni besi shukuxa lento besigqiboyi xelelwa ngu Luthando, safika ekhaya ndehla u Siya wafaka imoto egarage sadibana no Mzwandile etshaya phandle Mzwa: “yintoni le niphezu kwayo nina?” sajonga phantsi no Siya Me: “yingca” Mzwa: “fokof wena ucinga uyachaza?, nditsho oku ku khekheleza nikwenzayo niphethe iibag?” Siya: “that’s none of you business” sahamba wasibamba sama samjonga Me: “ucinga wenzani?” Mzwa: “ndinijongile” wasi yeka sayo ngena endlini bekubukelwe I music video we Ncandweni sayohlala phantsi nathi, u Mzwandile wangena wazo hlala ecaleni kwam andadikwa Tata: “nivelaphi na boNtondo bam” Siya: “besiye emangcwabeni wo Mazoe” Malume: “no Amahle enxibe I bhlukhwe” Me: “bendiphethe I skirt ne qhiya’ Tata: “oh, nenza kakuhle nimana niba vakashela’ Malume: “funeka ndiye nam phambi koba ndihambe” Mzwa: “bayaxoka aba tamnci, kukho lomshika shika bawenzayo bebengayanga mangcwabeni wanganto apha, ndibone u Siyanda evela emva kwendlu ne bag u Amahle wayo khupha imoto” esheeee Siyanda: “Lilonke bhuti ufuna ukwazi ukuba la bag ibinantoni” Me: “well ibine flowers ebesizokuzi beka phezu kwama ngcwaba, nelaphu ebendili bhinqe xa sifika phaya” Siyanda: “thina sazi flowers ozozisa emangcwabeni zinga ngeni endlini yilonto besizi beke ngaphandle” Tata: “hayi kuya vakala bantwana bam” ndajonga u Mzwandile nge kona yemehlo uphapha gqithi. Mzwa: “iphi ke ngoku I bag” Me: “isekhaya e daveyton ufuna sihambe uyoyi bona?” Siyanda: “andonqeni ukuku khapha futhi” Malume: “anilambanga Siyanda” Siya: “hayi malume” waphakama wanyuka ndamlandela ndayo ngena e roomini yam ndazi jula phezu kwe bhedi. Bekumele sibuyele e bloem ne girls obhuti baphilile ngoku. Bendisozela kamnandi ndaphazanyiswa yi phone, ibingu Siyabulela ndayi phendula., Me: “mntanam”he laughed Him: “hayi suphapha, u right?” Me: “ndi right wena?” Him: “ndi right, ndicela ukukubona” Me: “uphi ngoku?” Him: “ndiphuma emsebenzini” Me: “okay zo dlula ngam” Him: “sure” he hung up ndaphakama ndayo hlamba ubuso ndasendela o Phindile I whatsapp message ndabaxelela ndiya ku Siya ababina ngxaki, ndaphuma ndafika e gatini imoto ka Siyabulela seyimile ndayo qabela , Me: “hey” I kissed his cheek wa starter imoto sahamba Him: “kunini ndiku khumbula” Me: bendiku khumbula nje nam, futhi sendizo buyela e bloem” Him: “ewe, bendithi ndizaku nigxotha futhi o bhuti bakho baphilile ngoku kumele nihoyane nesikolo” Me: ‘caba sesini dikile” Him: “hayi kanjalo, imfundo ibalulekile” Me: “yes sir” sahleka safika kwakhe. Beku Late ndibuya kwa Siya ebendihlise egatini ke u Mzwandile ebe phandle ndadlula kuye Mzwa: “usukaphi?” Me: “ubhalisa abasukaphi wena?” Mzwa: “unamadoda ane moto ne” Me: “mangaphi?” Mzwa: “ndihlale ndisiva kusithiwa imigqakhwe iyageza, hayi ndizibonele apha kuwe nalanto ingu Siyanda”heee uyasiqhela nanku u bhuti Me: “esssheee, kuxa ubufuna nto ezindabeni zemigqakhwe seyiku gezela nje?” Mzwa: “ndaku dibanisa nela gumbi andiyo ntanga yakho kutheni sowuzothetha nam kanje” Me: “usabalisa” Mzwa: “mxm” wahamba wayongena endlini ebese ndidikile mna lo bhuti ha a ndayongena endlini, ndaya e roomini ka Siyanda ndankqonkqoza wathi ndingene ndangena wabe ebusy kwi laptop ndahlala ecaleni kwakhe wayivala wayibeka ecaleni Siyanda: “utheni wa pink” Me: “ayilanto ingu Mzwandile” Siya: ‘wenzeni ngoku?” Me: “undibona ndisihla emotweni ka Siyabulela undibuza ukuba ndivelaphi ndithi kemna ubhalisa abavelaphi, uthi uhlala esiva ukuba imigqakhwe iyageza uzibonele ngam nawe” wahleka u Siyanda Siya: “uyasi qhela lo bhuti ne, ukuba ebengangeni izinto ezingamfuni bekungekhe simgezele funeka simfundise uphila nabantu” Me: “ndizomxela kutata mna” Siya: “ukhathazwa yilento athi ungumgqakhwe?” Me: “andikhathazekanga undidikile qha” Siya: “no masingamxeli masimbeke endaweni yakhe bayandi chaza abantu abafana naye”
Posted on: Wed, 08 Oct 2014 10:07:40 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015