S2 Insert 97 Beep! Beep! Ibisiya isitsholo kufutshane lento - TopicsExpress



          

S2 Insert 97 Beep! Beep! Ibisiya isitsholo kufutshane lento ingxolayo ndavula amehlo, bendise ndlini ene gumbi elimhlophe intloko ibuhlungu xa ndijika intambo yam ingathi iqinile, kwangena I umntu onxibe impahla zo nurse,oh ndisesi bhedlele, ndavala amehlo ndizama ucinga ukuba kwenzeke ntoni…ndakhumbula…my heart rate increased yangxola ne monitor, what if lo Loyd uza apha azondi gqibezela. Nurse: “nana u right?” Me: “uhm..mgmm ndicela amanzi” wawa galela wandiselisa nge straw Nurse: “uziva njani?” Me: “kubuhlungu intloko ne ntamo” Nurse: “ufakwe I neck collar, yithi ndibize u doctor” waphuma emva kwe xesha kwangena u Nkosinathi, Nathi: “Maam how are you?’ Me: ‘I don’t know” wandi assess wandi khupha I neck collar Nathi: “u lucky awu limelanga kakhulu” Me: “ndine xesha elingakanani ndilapha?” wancuma Him: “few hours” Me: “ndilimele kangakanani?” Him: “ungene apha u unconscious ngaphandle kwalokho,si scratch esibunzi qha” yhooooooooooo inoba ndinjani ndine scratch esibunzi ke ngoku, Me: “tjo, dankie” Him: “umyeni wakho uzoza xa ephuma e theatre ke” ndancuma Me: “okay enkosi, ndicela into ye pain ke” Him: ‘ufuna u Siya afike ulele ngoku?” Me: “mxm, ngubani ixesha?” Him: “01:00 am” kwangena u Siya u Nathi waphuma, wazohlala phezu kwe bhedi, wandibamba isandla Siya: “uziva njani?” Me: “ndine ntloko ebu hlungu qha” Siya: “mhm what happened” I took a deep breath, ndamxelela yonke into, wazi gquma ubuso ngezandla, Him: “so this Loyd guy zange afe?” Me: “kubonakala kanjalo, ndiyoyika mna ndifuna uphuma apha” Him: “okay, ndizo thetha no Nathi, ndiye buya ne” he kissed my lips wa phuma, bendisoyika nyani shem, wabuya u Siya wathi sihambe wandincedisa unxiba, sayo qabela emotweni saya kwakhe apha endleleni beku thulekile bendimbona ukuba unomsindo, emana ebetha I steeringwheel, safika e khaya wa fowuna yavuleka I gate, sayo ngena endlini bebehleli bonke, ndithe xa ndingena ndaqala u hug(wa) ngu Siyanda, balandela abanye Siyabulela: “Luthando yiza ne phone ka Amahle sivaye, ndiya qheleka ngoku” eish Lut: “what’s up?” Siyanda: “nam ndiya hamba” Athulile: “nam” Siyabulela: “sizo ringa endleleni, masivaye san..baby ndizoku bona ekuseni ne” Me: “okay, nibe safe” Siyabulela: “sure” he kissed my forehead waphuma no, Luthando, Siyanda and Athilile ndahlala esofeni bendi lambe no lamba, Luya: “kwenzeke ntoni nana?” ndamxelela, wathi kuzo lunga u Lilitha wandenzela ukutya ndatya ndagqiba ndasela iipilisi ze pains ndaya e roomini yam ndakhe ndaguqa ndathandaza ndagqiba ndanxiba I pyjamas ndangena e bhedini andayi cima I light. Ndavuka seku phume ilanga, ndafaka isandla phantsi komqamelelo oh kanene andina phone, ndaphakama ndiziva ngcono ndayo vula I curtains ndondlula ibhedi ndagqiba ndayo hlamba. Bendi naso I stress so Luthando, ngase kanti ba safe..ndahamba ndaya e kitchen kwabe kukho u Asange no Lilitha be pheka ndabulisa bavuma ndahlala kwi high chair Asange: “uziva njani?” Me: “ndi right love, ndi lambile qha” Her: “okay ndizoku fudumezela ukutya kwakho” Me: “enkosi, abaka buyi o bhuti?” Lilitha: “babuye ngo 05:00 ekuseni, basalele nangoku” Me: “mhm okay” u asange wandi nika ukutya ndatya kwabe ku thulekile bendithanda kanjalo, bendingekho semdleni wengxolo, ndagqiba ukutya ndabeka isitya e sinkini ndaya ngakwi swimmingpool ndakhulula izihlangu ndafaka iinyawo, ndazi cingela opoqo bam kamnandi ndeva ngomntu ondibamba emagxeni, andothuka, ndade nda tswina, ibingu Siyabulela, Siya: “yho uxolo nana” Me: “yhu ndiphantse ndazi chamela” Him: “hahahaa askies man, kutheni uhleli wedwa?” Me: “ bendinga funi ngxolo” Him: “oh, ndizoku ngxolela kemna sisi wachopha ecaleni kwam” Me: “eyakho ingxolo iyandi chaza” Him: “mhm okay, khandi jonge” ndamjonga, wasondela he kissed me I kissed him back, we kissed ixesha elide besendi moshakele he broke it Him: “I love you” Me: “I love you too nana, so iphi I phone yam?” Him: “ise ndlini iya charger, siba fumene o Loyd” ndamjonga, Me: “yena na bani?” Him: “namanye ama outy ayi 2” Me: “zange afe kanti u Loyd?” Him: “no, kwasweleka u Bathini qha …u safe ngoku nana” Me: “zange ndaba safe mna, ndithi sendisithi ndonwabile baphinde bavuke” Him: “akho mntu uzophinde akuhluphe nyani ngoku nana trust me” Me: “if you say so” Him: “uyandi themba?” Me: “ewe” Him: “good” Me: “so imoto yakho iphi le nditshayise ngayo?” Him: “unga worry ngayo sendiyi lungisile indaba yayo” Me: “okay ke tatakhe, ndiyahamba ngomsomnye ke” Him: “ndihamba nawe” Me: “umsebenzi?” Him: “ndizo sebenzela e bloem for 3 months” wooow andavuya Me: “unyanisile or udlala ngam?” Him: “andimdala for udlala sendide ndifumene I flat, ilinde thina” Me: “wena nabani?” Him: “nalo ungapha kwakho” ndabheka kwabe kungekho mntu, mxm udlala ngam wahleka, ndambetha engalweni Him: “nawe baby wam” Me: “ufuna ndihlalisane ngoku?” Him: “nge mvume yabazali bakho sebeyazi” Me: “so ndim ndodwa lo obesebumnyameni, u right undifihlele izinto” Him: “no baby, ndiba cele namhlanje nabo” Me: “okay” ndabeka intloko yam egxeni lakhe Him: “ndizatsho ndiyeke ukutya I takeaways, kaloku wathi ndingakutyi ukutya kuka Selina” eissssssshh Me: “mhm, ndizoku phekela wena nana zam” ndaphakamisa intloko namjonga Him: “wathi uzak….” Ndamvala umlomo nge kiss, he responded bendi funa ukumlibalisa lombuzo ebezakuwu buza, bendingasa funi u chuku wethu ndiyamazi u Siya ebezayo nyukela u Asange ngoku sesi dlulile kulonto. #Unathi
Posted on: Tue, 11 Nov 2014 20:41:09 +0000

Trending Topics



min-height:30px;"> The Hawk Performance store in Forza 4 has been a huge hit since

Recently Viewed Topics




© 2015