SEASON TWO #Insert27 Haybo ingaba kwenzeka ntoni na ku Entle - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert27 Haybo ingaba kwenzeka ntoni na ku Entle uyakuthini ukungasazi ngoku emvakoba size apha ngomdla nemincili engaka Kwakhe kwathi cwaka apha egumbini kaloku besikhwanqisekile yilento isehlelayo yongaziwa ngumntu esihlala naye Nobuhle:its me sweety your mother..watsho encumile Entle:my mother,ndinaye umama mna? Haybo kwenzeka ntoni kanye kulomfana,akazazi noba unabazali ngoku,kanti unentlahla yobanabo bobabini abazali yena usenexesha lokubalibala ngaske anike mna elothuba ibengabam abobazali,kodwa ndandikhathazekile yilemeko kwaye ibindothusile kakhulu Sbusiso:boy awusazi ngoku? Were your family! Entle:please kanindibizeleni udocter Nobuhle:haybo ndoda ndingunoBuhle umama wa.- Entle:please ndibizeleni ugqirha!.....wakhwaza Sbusiso:mfazwam kuzofuneka senzeni lento ayifunayo kuba bekuthiwe masingamkhathazi Nobuhle:yho haybo yinto endizakuyithini lena na....walila Sbusiso:you are confusing him more kengoku and I think kumele simkhwelele kancinci Sahlala kancinci ke waphuma uSibusiso eyobiza uGrirha sashiyeka sizinkukhu ezisikwe imilomo apho singayazi noba masithini phofu uNobuhle ebesamane ukufixiza kubonakala uba uyalila Emvakwexeshana uye wabuya ke uTata wekhaya ehamba nomongikazi baye bangena ke kweligumbi besikulo Doc:uthi yintoni ingxaki ke Mr Tayi? Sbusiso:I think he lost his memory doc akasasikhumbuli sonke Doc:oh hayi its normal ninga worry xa umntu ebekwi coma for a long time into enjena iye yenzeke but it depends Nobuhle:its depands,what do you mean doc xa isithi it depands?...ewakhuphile amehlo Doc:most of the times uye alooser imemory umntu it can be temporaly or permanent but sisiqhelo uba anganazi only time will tell Sbusisoiye ibelixesha elingakanani kengoku? Doc:as I said it depands Sir,but nani kuzofuneka nibe petient and nibe more sapportive kuye Nobuhle:kengiku are you saying usenongasazi for good? Doc:am afraid yes Mrs Tayi but we need to be positive lonto izokumomeleza ubhutana hes a very strong young man Mandy:we will pray for him Doc:yes he needs that a lot,can you please excuse us for now? Sbusisoofcouse doc,masambeni ke Nobuhle:bye-bye my boy I will be back soon U Entle uvele wamjonga nje akathetha kwanto,saphuma ke nathi sayongena emotweni umzimba wam wawuphantsi ndandingalindelanga lento kaloku noko kodwa ke ekugqibeleni besingazude sitihini ke Sayokungena emotweni kungekhomntu othetha nomnye,nasendleleni egodukayo ke incoko yayiqhawu-qhawuka ke kungekhomntu onomdla wothetha Safika nasendlini ingulowo wayokungena egumbini lakhe kaloku lemini ibifanele ukuba yimini emnandi kuthi sonke kodwa ke akwenzekanga njalo yiyo lento sasihluthukile imiphefumlo Ngemini elandelayo ke ndavuka ekuseni kakhulu ndathabatha impahla zam ezimdaka ndazifaka ekomini ndavulela amanzi ndathabatha nomgubo wokuvasa impahla ndazivasa sonke impahla zam,bendihleli ecaleni kwendlu ke ngalo lonke elixesha ndigcakamele ilanga kuba bekutshisa,bendisezakugqiba ke ukuzivasa Kuye kwaphuma uMandy endlini waza kum encumile Mandy:morning mntase Me:ufuna ndikuvasele imphahla zakho?,sorry sisi not namhlanje Mandy:mxxm do you have to be rude na Me:no am just being real apha coz I know ufuna ntoni Mandy:mxm andifuni lonto cant I be nice na kuwe Me:oh shame uxolo vha......ndaziqumbisa Mandy:but yitop neblukhwe izimbini qha mntase...wancuma Me:ha.a yho uyazibona uba zingakanani ezimpahla?...andizukuyenza le uyithethayo Mandy:mxm ok ke urite suka Me:ewe I am rite nje....waqumba uMandy...ebemile apha entla kwam ke oyame edongeni ndavusa intloko ndamjonga,tshini isisu besikhula Me:mntase? Mandy:yintoni? Me:isisu siyakhula,uzobaxelela nini omalume ngalento yakho? Mandy:yhoo andisoyiki wena and andiyazi Me:awukamazi utata womntana nangoku? Mandy:mxxm bendikhe ndathi andimazi na? Me:ewe and uyaya eclinic phofu fo icheck ups? Mandy:eshe ewe doc Simthembile Me:you better not be lying ke and kuzofuneka uxelele abazali bakho Mandy:hayi bazozibonela wethu Me:mhhh hayike if utsho Sahlala ke apho endibukele ndivasa ezompahla,ndade ndagqiba ndazipula emvakoko ndazoneka Ugqiba kwam ndiye ndatya emvakoko ndavasa umzimba kuba bendilungiselela ukuya emsebenzini wam wokucoca eclinic UMalume noMalumekazi bebengekho ke so ndiye ndahamba ndingababonanga Ndafika kukho utata uTshawe eclinic ebengunogada ezakusebenza usuku(day shift) Ibivuliwe ke iclinic ngalemini kwaye bekungcwele kuwilizela ndabona ibiyimini exakekayo lena yangalemini eclinic,ndafika ke ndabulisa uTshawe Me:molo baw uTshawe Tshawe:heke mfowam ufike kuse early namanje Me:ewe tata kaloku andinaxesha lokungena mna Tshawe:oh usebenza kamnandi nto kaMkwayi Me:hahahaha nangona ndingazibhatalwa nje Tshawe:ewe ke kodwa ayikho enye indlela Me:ewe bawo,yho namhlanje kutheni kugcwele kangaka nje apha? Tshawe:yimini yogonyo kaloku namhlanje mfowam yiyo lento kunje,lonto bazokushiya amaphepha neplastic zithe saa apha ke abantu bazondinika umsebenzi omninzi Me:hayi ungawayeka baw uTshawer nzowaqokelela ngomso...besisebenza esitiyeni sakhe ke logama sincokolayo Tshawe:hay noko mfowam sendaqhela Me:ewe koda ke kuf.-.....ndabona umntu oze ngomva,bendimfanisa Me:kawume baw uTshawe ndiyeza ngoku Tshawe:uyaphi ngoku ndodana? Me:ndiyeza ngoku ngoku....lomntu ebeze ngomva Ndiye ndahamba ke ndasondela kuye kwaye bendiqinisekile ukuba lomntu ndiyamazi nokuba sekuthwani na Ndiye ndafika kuye ke ndamkrweca Me:excuse me?.....wabheka,yaxhuma intliziyo yam kaloku ibiyilantombi yasenkundleni yamatyala uZisanda Me:uhm hi Zisanda:hallo...ebeonakala ukuba wothukile Me:usharp? Zisanda:ja ndisharp thank you,how are you? Me:ndirite,usandazi phofu? Zisanda:hayi andikwazi bhuti,can you please introduce yourself to me? Me:realy?...bendothukile Zisanda:hahaha chill dude ndiyakudlalisa,how can I forget you? Me:hahaha yhuu ubusowundinyusela ngentliziyo Zisanda:ungade unyukelwe yintliziyo Me:I dont think unayo ichance yokundibaleka namhlanje Zisanda:zange ndakubaleka naninina nje....besimile ke ngasesangweni elingena eclinic Me:ow nyani? Zisanda:ewe tshini ndizokubaleka ntoni? Me:ngendibuza wena lonto kaloku Zisanda:haywethu soze ndikubaleke mna tshini:Mwancuma,kodwa ebemhle ke umntana wabantu Me:ok ke xa usitsho,,,,ubekwa tintoni apha? Zisanda:ngendibuza wena lombuzo Me:long story girl Zisanda:hamba mntu welong story,,,I like stories kemnake,mna ndifundela apha ubayiNurse am a student Nusre apha ndiza kubekanye evekini Me:oh yhoo bebdingayazi,hayke mna ndingu garding boy walapha....ndancuma Zisanda:mhhh thas so cute...wahleka Me:hahaha hay ndiyadlala qha sisigwebo sam esi comunity service from ecourt le wandinceda kuyo Zisanda:oh shame bakugweba kodwa awenzanganto? Me:ewe kanjani but its for the best kuba naku ngoku ndiphinde ndadibana nawe Zisanda:hahaha utsho na wethu? Me:ewe so asinphinda sidibane nje ngaphandle kwalapha? Zisanda:haybo,sidibene nje nangoku...wancuma Me:you know kaloku funeka ndikubulele kakuhle ngento owandenzela yona Zisanda:I wasnt doing it for you bhuti Me:so wawuyenzela bani ke? Zisanda:hhee wandipheka ngemibuzo khona uzosebenza nini? Me:work can wait andiclock phaya Zisanda:mhhh usebenza kwamalume nhe? Me:you can say so...sahleka Kwathu gqi uSisi osemdalana onobakulaminyaka kaNobuhle waza kuthi Losisi:molweni Zisanda Zisanda:molo mam Losisi:we can start now ke nhe Zisanda:ok mam am coming now Losisi:ok ke molo nawe wethu young man Me:molo sisi Losisi:we will meet ngaphakathi ke ntombi Zisanda:ok mam Wahamba losisi Zisanda:hayke YOUNG MAN uvile uba uyathetha uleacture wam I have to go now Me:hhee haykengoku andingo young man mna Zisanda:haahaha bekutshiwo ke apha khange ugoloze Me:haykengoku Zisanda:I will see you around k nhe? Me:ndicela ushiye inumbers ke please Zisanda:you dont give up,do you?Wakhupha iphone yakhe ke wazibiza nam ndabe ndikhuphe eyam Ndazifaka efownin yam ke inumbers zakhe Me:thank yo ke nhe Zisanda:ok then see you Me:sarp Ndambukela ehamba eyokungena ngaphakathi eclinici,intliziyo yam yancuma kuba ekugqibeleni ndide ndazifumana inombolo zephone yakhe,ndashiyeka ndimi apho ndincumele ecaleni ndodwa
Posted on: Wed, 06 Aug 2014 19:20:07 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015