SEASON TWO #Insert28 Ziveki zintathu zigqithile - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert28 Ziveki zintathu zigqithile ngoku..... U Entle ebelulama kancinci kancinci Ebebuyela elizweni lokwenene ngoku nangona ingcinga zakhe bezisadukile ebengekasazi,engakhumbulinto kodwa amagama wethu ebewazi Besisiya rhoqo uyokumbona phantse yonke imihla Bekubonakala ukuba kunzima kuye ukukhumbula nangona ebezama kwaye ibimkhathaza lento yakhe Kemnake I can only imagin lempilo yakhe kuba kaloku andiqondi ukuba kungabalula ukungazi into eyenzekayo ebomini bakho ungabazi nabantu Eyonanto ibindivisa kabuhlungu kukuba ebesemdala noko besezininzi kakhulu izinto agqithe kuzo, Bendisaqhuba nomsebenzi wam wokusebenza eclinic kwaye beseliphela ixesha endandilisikelwe enkundleni Besekushiyeke iveki enentsuku ezimbini ngoku ndohlukane nobaw uTshawe,lonto besivana kakhulu ndlela lena besincokola ngayo bendingawuva nomsebenzi besendimqhele ngeyona ndlela Uzimbini zange ndiphinde ndivento ngaye ke kuba ndaye ndamyeka nomXit lowo ndamcima efownini yam kuba bekusondele uviwo lokugqibela(final exams) ngoko ke bendifuna ukujongana nencwadi zam Umandy isisu besiphuma izithuba ke nangona ebezama ngandlela zonke ukusifihla kodwa besesityhuluba ngoku nangona ebenxiba impahla ezinkulu kwaye uyayenza nento yokulala emini USbusiso ebekhe wathetha nathi ngokubuyela kwakhe emsebenzini kuba esithi noko ngoku izinto zibacalanye kodwa ebezokhe ahlale intsuku ezimbalwa Mna no Sphokazi besivana qha ubuhlobo buphelela esikolweni,yintombazana elungileyo kakhulu usisi shame kwaye uyancokola xa emqhelile umntu,ihlobo ebesihlobene ngalo ngoku belibathandabuzizsa abahlobo bam oLazola ke nangona mna ndaye ndabona ukuba kuzolunga ukuba sibengabahlobo kuphela,kaloku bendingekazazi ncam into endiyifunayo naye ebebonakala enjalo kuba ebesecaweni kodwa abe esithi akasindiswanga,lonto ibibonakalisa ukuba noko usazama ukuzifuna njengam Bendingafuni ukuthi kuye masizame ukwenza ubuhlobo obubobunye kuba besi lost sobabini,phofu yindlela ebendibona ngayo ingabingathi ndithetha kakubi ngomntana wabantu Kwicala lika Zisanda besimanukudibana eclinic sitsalelana nomxeba phantse mihla yonke,ubuhlobo bethu bebukhula ngokukhula nangona besidibene ngexesha elingalunganga kuba bekusondele imviwo so besixakekile besiphelela ukubonana eclinic Kungolwesihlanu kengoku emvakwemini phofu zekuzokurhatyela ndibuya ebaleni kuba bendimanukuyozilolonga ndodwa nje ebealeni kuba bekuvaliwe qha bendithanda ukuyozibalekela imijikelo embalwa xandigqibokufunda Ndingena endlini ndaqala ngokuyobeka impahla zam zokuzilolonga egumbini elihlala imoto ndakugqiba ndabuyela endlini Ndifike kukho b onke abantu basendlini Sbusiso,Mandy kunye noNobuhle Ndivule ucango ke ndingene bekuhleliwe egumbini lokuphumla kuthe cwaka ngumntu wonke ndafika ndama kuba bekuqumbe wonke umntu apha. Bendingayazi noba ndigqithe ndiye egumbini lokuvasa okanye ndihlale na,kodwa ingqondo yam yade yathatha isigqibo sokuba mandiyokuvasa Ndiye ngagqitha ke ndingabhekisanga liziw ndajongisa amabombo epasejini Nobuhle:ubuyazi nyani lento Simthembile? Bendibhidekile kengoku ngulombuzo,ndazama ukucinga ngokukhawuleza kodwa ndabuya nelize Me:eyiphi into ke Aunty? Nobuhle:nonsense marn suzenza lost mntananad.- Sbusiso:hay marn Nobuhle akuthethwa elihlobo nabantwana Nobuhle:ayingobantwana ezinto ezi Wasiya ngamehlo mna noMandy,uMandy lowo ebenamehlo abomvu Sbusiso:mtshana udadenu lo ubhaqwe ngumamakhe ukuba upregnant and uthi you knew about this thing,is that true?Yho imini ibikade ixelwa ifikile kengoku lamazwi athi akhonto ifihlakala kude kuphele awathethi mampunge kuba naku ngoku ndimi apha ndizoxoxa amatyala wento endingakhange ndiyenze phofu kuba uMandy akamithiswanga ndim,akakhange athunywe ndim ukuba makakhulelwe kwaye mna andikhulelwanga kodwa funeka ndixoxile Ndasondela esitulweni ke nam ngokucothoza ndafika ndachopha Sbusiso:is it true mtshana? Me:e.- ew.- ewe malume Nobuhle:yeerr abantwana balendlu marn!!..inoba nifuna sife yiintliziyo nina! Sbusiso:khawume mfazi,,well awenzanga nto irongo ke kuba ebekucelile mos ukuba ungayithethi right? Me:ewe malum.- Nobuhle:no bekufanele uyithethile lento lomntana lona...wandikhomba Sbusiso:awuphindi uthethe Nobuhle and andizuphinda ndithi hayi kuwe Nobuhle:mxm thas why kunjena apha uyabamosha abantwa.- Sbusiso:NOBUHLE!!! Nobuhle:yho kawuyeke ndinishiye ndiyoipheka..waphakama wahamba Sbusiso:ehh niyabona kengoku nibadala kwanqu lento nikwazi ukwenza izinto ezinjena,andizukuthi ngenitheni but from now on. Nizokwenza into ethethwa ndim kulendlu akhomntu uzakwenza unothanda or else I will deal with umntu ongafuni ukumamela ngenye indlela,is that clear to you?....sanqwala intloko Sbusiso:I asked you,Am I clear?! Me:ewe malume Mandy:ewe tata Sbusiso:akhomntu uzakuphuma ngapha kwala gate during the week ngaphandle ukuba uthunyiwe,on weekends ngo6 late wonke umntu usendlini,siyevana?..sanqwala Sbusiso:I think ndisagqibile ngani ngoku,wena(Mandy)..ndisafuna ukuthetha nawe ndifuna ukwazi ngalewntwana ikwenze wanjena,I think ndigqibile Waphakama wasishiya sithe nyoxo apho kwezozitulo,kodwa uthe xa ezokungena epasejini wama Sbusiso:one last thing,akhomntu uzakuphinda afumane pocket money from now on umntu uzakufumana eyelunch only ye airtime neyozonwabisa andinayo mna for abantwana abadala Mandy:kodwa tat.- Sbusiso:you shut up liltle girl or ndakuqhekeza!...wamkhomba wakugqiba wahamba One week passed.... Yimini yokuya esibhedlele ngoku kuyothathwa u Entle ibililanga lakhe lokuphuma kuba ebephilile ngoku besekushiyeke isamente emlenzeni nendawo nje ezithile ezibotshiweyo Ebebuyela ezingqondweni ngoku kuba bekubonakala ubuka uyasazi kakuhle nangona ebenamaxesha okulibala kodwa ibibayinto nje yethutyana leyo,bekumnandi ke endlini kakhulu Savuka ekuseni salungiselela ukuya ngakhona,savasa kwatyiwa sakugqiba sathandaza kwavalwa indlu kwahanjwa kwayiwa esibhedlele kodwa saqala edolophini kwathengwa ukutya esaSizakumphathela khona Safika ke sehleli phez kwebhedi elungele ukuhamba Nobuhle:molo mntanam Entle:molweni mama..wancuma Sbusiso:unjani uvuya ugoduka namhlanje my son? Entle:yho ndivuya kakhulu tymer Ive been missing my bed like hell...kwahlekwa Nobuhle:come ke boy akhonto sizakuyihlalela apha sanele gqitha kukuza apha....kwahlekwa Sbusiso:ja masiqale sithandazeni before siyishiye lendawo Nobuhle:ewe unyansile my man Saguqa ke sonke ecaleni kwebhedi uEntle yena ebechophile phez kwayo sathandaza ke sade sagqiba Kwafika nogqirha ke kwenziwa ipaper work ethile kwade kwafika nexesha lokuhamba sayokungena emotweni sabuyela endli Safika endlini sabeka imoto endaweni yayo uNobuhle wayokukhupha isitulo sokuhamba(weelchair) ebhutini wakhwelisa unyana wakhe sayokungena endlini Ibiyinto emnandi ke ngalomini safika kuncokolwa kuyinto nje emnandi kuthethelwa phezulu Kwakhutshwa nokutya okwakuthengiwe kwaphakwa kwatyiwa Ngalemini kwakungomgqibelo ke uSibisiso wayebuyele emsebenzini qha kuba bekungempelaveli ebekhona Yaphela ke lompelaveki imnandi injalo kwafuneka uMalume abuyele emsebenzini ngecawa late,wahamba ke sashiyeka Iveki nayo iye yahamba njengesiqhelo ke,uNobuhle ebethathe iLeave ke emsebenzini kuba ebefuna ukujongana nomntana wakhe Bendisaqhelana nemeko yokubuya kwakhe uEntle nangona ibingekaqhelekinje kodwa ibingabonakali ncam kuba ebengekakwazi ukuzihambela ebehlala esebhedini amaxesha amaninzi Bekukho umahluko ke nasendlini kuba noMandy ebehlala ekhona so kwicala lempatho bekurite kakhulu KungolweSine kengoku ebusuku ndigqibovasa kuba bendibuya ebaleni Ndilungiselela ukulala ndinxiba impahla zokulala,iphone yam ikhale phezukwebhedi,ndiye kuyo ke ndiyoyihoya ibiyinombolo kaSibusiso Ndiyichole ke Me:hello Sbusiso:mtshana kunjani? Me:ndiyaphila wena unjani lume? Sbusiso:hayi nam ndirite sonny qha ndifowna kuba ndifuna ukuxelela ukuba sizakugoduka luleweekend Me:realy?...yataka-taka intliziyo yam kwangoko Sbusiso:ewe nhoko kwakukudala ngoko and uyigqibile necommunty srvice yakho ngoku that will be fair if ungakhe uye endlini before ubhale your final exams Me:owuu thank you Lume thank you so much Sbusiso:dont thank me bulela uNobuhle this is her idea kodwa ke nam bendiyicinga lonto Me:yhoo andisavuyi lume Sbusiso:ok ke soony mandiyeke ke uvuye we will talk ubuya kwam nhe Me:sharp Sbusiso:goodnight ke Me:goodnight....wayibeka iphone Entle:ngutata lowo? Me:ewe bro guess what? Entle:what? Me:am going home kuleweekend Yho intliziyo yam ibibetha ngamandla ke kuba ibimhlophe qhwa luvuyo nochulumanco,wow mna ndiyagoduka after ixesha elingaka I still cant believe it
Posted on: Sun, 10 Aug 2014 23:51:06 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015