SEASON TWO #Insert30 Me:uhm hhee yazi ikhona - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert30 Me:uhm hhee yazi ikhona into? Siphokazi:yintoni ngoku,yimali? Hayi suwara yiboleke utata besendimxelele yonkinto unzondinika ndizakubuyisela wethu,please am realy excited about this Yho emvakwalomazwi uye wayenza nzima mpela impendulo yam ngoba andithandi ukophula intliziyo yomntu UMalume ebeqhuba ke emane ukundijonga nje kancinci aphinde ajonge endleleni kwaye ngomnye obeyenza nzima mpela lento kuba ngenkungcono ukuba bendihleli ndodwa Me:look Sphoki? Siphokazi:and sendivuka kemnake ngoku I hope nawe uvukile you know mos time flies izobetha ngoku i-afternoon and ixesha esizodibana ngal.- Me:Siphokazi please let me talk Siphokazi:oh ok ke,whatsap with the siriousness na? Me:listen man am realy sorry I forgot to tell you ukuba andizukwazi ukuhamba namhlanje,even now am on my way to ezilalini Siphokazi:ohh?..evakala ukuba uphoxekile kuba ebevumela ezantsi ngoku Me:am realy sorry but ndilibele nyani but I promise you dizokuya ukubuya kwam ndizokubuya ngomso and ndi.- Siphokazi:its ok Simthembile you dont have to explain yourself otherways you dont owe me an.- Me:no listen am so.- Siphokazi:its ok man byee... Me:atlist letme explain kaloku,hello,hello?...kwavakala ukuba uyibekile iphone Ndayisusa endlebeni ndayijonga,ewe ebeyibekile,damn Sim look what youve done now Umalume wamane ukundikrwaqula kubonakala ukuba ikhona into afuna ukuyithetha,emzuzwini Sbusiso:girls nhe? Me:sort of Sibusiso:do you wanna talk about it? Me:haybo malume even if I wanted to talk about it I wouldnt talk with you Sbusiso:its only me and you nje kulemoto Me:I know Sbusiso:maybe I can help coz you look jumpy Me:you dont give up,do you? Sbusiso:sometimes I do..wancuma Me:ok ke,kunale girl apha were friends phofu before we became friends I wanted morethan that but as ixesha lihamba ndabona ukuba ungumntu olungileyo and were not in the same level we have our differences but in a cool way nhe Sbusiso:ok?...encumile,lento ibindenzela intloni kodwa bendimthemba umalume Me:we became more closer ngoku sizifriends and ngoku andiyazi noba lafeeling iyabuya na and ngoku ebendicelile ukuba ndimkhaphe namhlanje for iprectise yezinto zomtshato coz her family member is getting married Sibusiso:and wena you said yes right? Me:ewe malume ndiye ndalibala ngohambo lwam lwanamhlanje Sbusiso:kodwa khange ndikuve ucela ukukhapha umhlobo wakho nje and uyayazi you guys are grounded mos Me:kodwa wawuthe funeka sifike ngethuba on weekends you didnt say we must not go at all,and Malume you are not helping Sbusiso:hahaha owk ke lonto uyathetha man Me:kutsho wena uba mandithethe kaloku Sbusiso:ok ke mna andizukuthi enzantoni ngalento but am sure shes dissapointed ngoku and you are the last person afuna ukuthetha naye,women dont like abantu abangazigciniyo izithembiso Wena into mawuyenze iya kulendawo uya kuyo ngoku uzame ukulibala ngaye okwangoku and ungakhe umfownele up until ude umbone coz once you call her now uzovuselela umsindo wakhe and nithi nidibane abe esenawo Give her time to cool off nhe Me:ok ndiyakuva Ndaye ndaziva ngcono,kodwa lomalume his the best guy ever he knew how to make me happy kwaye ebendazi nqo uba ndingumntu onjani Sbusiso:uzokhula boy and gain more expirience but ungangxami funeka usebenzise lena(wakhomba kuye entloko)..wahleka Sahamba ke sade sayokungena singakhange siyive nalondlela inde kuba besisncokola Kwakusekukusasa ukufika kwethu ke Xasingena ndavuseleleka ndakubona ilali yam yonke into yangathi liphupha intliziyo yam yancuma xamdibona intsimi,amadlaka kunye nenkomo zakuthi ingqondo yam yabuyela ebuntwaneni ngelaxesha sasihamba sizingela intaka kulomatyholo sinxibe ibhulukhwe ezigqobhoke amadolo sihamba ngenyawo Kodwa xakuthiwa ubomi ngamahlandenyuka kwaye kutshintsha ngephanyazo akuthethwa mampunge kuba naku ngoku ndimdala ndiphila ubomi obohlukileyo kobo ndandibuphila kwiminyaka edlulileyo Ngubani owayesazi ukuba xandifuna amanzi wokuvasa impahla ndingathatha imizuzu engaphantsi kwemihlanu ukuze ndiwafumane unlike kudala kwakufuneka ndithathe alomsot an hour ndisiya emfuleni. Kaloku ubomi buneziqhamo ngeziqhamo maxa wambi ziye zinambitheke maxawambi ziye zibe krakra njengekhala ezo ke ziziqhamo esiphilela ukuzingcamla mihla lena apha ebomini kwaye kufuneka sihlelinje silungele ukungamla noluphi na uhlobo kuba akuzosoloko kuphileka kamnandi kwaye amangomso asiwazi ukuba asiphathele ntoni Sbusiso:sifikile sonny...ndothuka ke kwezongcinga zam xandiva lomazwi Me:oh yho I dint realize that Sbusiso:usacinga ngalentombi? Kanti ndithe zama ukulibala ngayo okwangoku Me:hayi ndirite lume..uba ebeyazi sendikwezinye ingcinga kaloku mna,ungamthini uSim nengcinga Sohlika ke emotweni savala amacango saya ngasemnyango Bekusekukuhle ke kuleThemba yonkinto ibisenjeya nangona bekufakwe omnye umbala edongeni Sankqonkqoza ke Sbusiso:nkqonkqonkqo,naba abantu!..wakhwaza Ngena ngaphakathi uba awuzang uzolala..ibivakala ngathi ngutata kaThemba lowo Wavula umnyango ke uMalume sangena,ngenene safika kukho utata kaThemba ngaphakathi ebehleli esitulweni sokuphumla ephunga Sbusiso:tshini molweni endlini TakaThemba:tsii molweni kaloku madoda....waphakama Sbusiso:sizolala kanti mfokabawo....bhleka babambana isandla weza nakum wazokundibamba isandla TakaThemba:kaniphile madoda? Sbusiso:hayi siyaphila thina asiboniswanto ngaphandle nje. Kosithelana,azikho nakuni? Takathemba:hayi nathi asikhali kuba sekunjalo madoda,tshini usazise lomfana wasilahlayo ngoku..wandijonga wancuma Sbusiso:hahaha ewe marn ndithi makakhumbule ekhaya TakaThemba:hahaha hayi kuhlez,uyaphila nawe young man? Me:ewe ndiyaphila tata akhonto,kunjani kuwe? TakaThemba::hayi nakuthi kuhle mfo kaMkwayi qha nifika kusalelwe ekhapha Sbusiso:hayi noko intloko yalendlu ikho yona kwaye ithe qwa..kwahlekwa Bancokola ke yayilonto,niyaabazi ke xabedibene ibayilonto,saphunga nophunga ke ndayenza ngokwam itea leyo Emva kwexesha bencokola sekukusasa kakhulu ngoku uye wavakala uba ukhona umntu ovula ucango,ndayiqonda ukuba ngumama walapha lowo kuba lengxolo ibivakala kwelicala linegumbi labo,ngenyani uye wavela ke esanxibe impahla zokulala kubonakala ukuba usandovuka MamNozi:yhuu yhuu tshini nguban nalona ndimbinayo? Sbusiso:nguye ubuqu sisi Waza kum ekhawuleza wazokundonga wandiphuza ebunzi nasezidleleni,yho hayke yena ngokuphuza,ndavele ndanentloni kuba noko besendimdalana ngok for ukumanxazwa elahlobo wayesenza ngalo kudala MamNozi:hewethu awusemdala,niyaphila kodwa Dlamini? Sbusiso:ew siyaphila sisi akhonto kuwe? MamNozi:hayi nathi siyaphila ndodana,khanimeni khe ndiyovasa ubuso ke namazinyo ndizobuya kwangoku Wayokusithela kwicala ebelinegumbi lokuphekela Bashiyeka ke aba babini uMalume notata kaThemba bencokola Umoya wam ubucwengile kakhulu bendilaqaza ndibuka indlu ngokungathi andiyazi it felt so good to be home
Posted on: Tue, 12 Aug 2014 06:48:16 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015