SEASON TWO #Insert47 bendinomsindo kakhulu yazi ngoba - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert47 bendinomsindo kakhulu yazi ngoba besendamlibala nokuba ungumntu okhoyo uZoleka Sahamba ke saya egumbini lethu lokulala no Entle,ndifike ndaziphosa phezkwebhedi caba bendingaziqaphelanga ukuba ndinomsindo ndide ndabonwa nangu Entle Entle:kutheni ingathi awukho rite nje? Me:ubani ngoku?..ndabheka-bheka Entle:sihleli sobabini nje apha akekho omnye umntu..kodwa ebenyanisile Me:hayi ndigrand akhonto bra Bekungecawa ke ngalemini,sahlala apho ke esidaleni yade yangena icawa Bendisendleleni eya egumbini lokuzinceda kwathi qatha into engqndweni yam,Zisanda ebenditsalele umxeba ngephezolo Ndajonga iphone yam ukuba ingaba ndinayo na imali yoku fowna,ngathamsanqa ibikhona ke ndasolo ndingena egmbini elincinci elo ndatsalela umxeba iphone yakhe,ikhale nje kabini wayichola Zisanda:hello Me:hi unjani? Zisanda:ndiyaphila unjani wena? Me:ndirite qha ndibona imissed call yakho Zisanda:to me you dont sound like umntu orite nje..tshini hhee ndothuka kancinci kuba kaloku bendise fownini,inoba undive njani kengoku ukuba andikho rite Me:haybo bendindingafowneli lonto ke bendifuna ukuqonda ukuba ubuzakuthini ngoku ubundifownela Zisanda:oh bendizokuba ukuba uhambe kakuhle na but ngoku i know kuba here we are sithetha Me:ja hey..ibifanele ndim kodwa obuze lonto yokuba uhambe njani kodwa ke bendingenaxesha Zisanda:kawuthethe utheni ke? Me:eish akusenzima ndikuxelele Zisanda:you know mosi uba ungandixelela yonkinto? Me:ewe ndiyayazi Zisanda:so tell me ke ndimamele..ndakhe ndathula okomzuzwana Me:usayikhumbula icousin yam le ndandithanda ukuxelela ngayo? Zisanda:ow yes uMa... Me:Mandy Zisanda:ewe i do khona how many months ngoku esh:- Me:uswelekile uMandy Zisanda:haybo am so sorry Simthe if you need me i wi:- Me:thanks i know..inyembezi beziphuma izithuba ngoku Zisanda:yho am very sorry shame,are alright now? Me:am getting there;look i have to go now nzokufownela later Zisanda:ok ke uberite nhe? Me:ok ke sharp..ndakhawuleza ndayibeka kaloku noko ibazintloni xa ulilela emntwini obhinqileyo yiyo lento bendingafuni andive ukuba ndicela kwelabantwana Ndiye ndaphuma ke egumbini elo ndahamba ngepaseji ndisiya egumbini lokuhekela kuba bendinxaniwe,ndiye ndeva ilizwi kwae bendibuliqhela,ngokuye ndisondela ndiye ndaliva elilizwi Ndithe xandigqitha egumbini lokuphumlela kuba ndisiya ekitchen ndava ilizwi ndoda unjani kodwa mntanam?..kawusondelapha...ibingumama kaThemba lowo,nam ndaya ke kuye ebechophile ekhukhweni nabanye omama umntwana embambe ngesandla Me:molo mama MamNozi:yhu yhini isi aram sikaMkwayi unjani kodwa ndoda? Me:ndiphilile mama unjani wena? MamNozi:nam ndiyaphila ndoda sisandokufika ngoku nathi notata kaThemba qha uselapha phandle yena Me:ok ke ma..besekugcwele apha endlini bendinayo nendawo enentloni MamNozi:awulambanga na ndoda Me:hayi mama bendityile..ndajonga phantsi uyazenza kanene intloni lomama;yinto ebenoyibuza phakathi kwabantu leyo iwesi uba usandofika MamNozi:ok ke mntanam ndiyavuya ukukubona Me:ok ke ma..ndaphakama ndahamba ndaya kulendawo bendisiya kuyo Kuthe emzuzwini ndiziva ukuba ndiqala ukozela yavakala iphone yam ikhala,ndayikhupha epokothweni ndayijonga inombolo bendingayazi,ndiye ndayichola ndayibeka endlebeni Me:hellow Caller:hello unjani?..bendibuliqhela elilizwi qha ke ilizwi xalisefownini liyatshintsha Mendirite wena? Caller:nam ndirite ndivile ngento eyenzekileyo am very soory Me:sorry bendicelubuza ndithetha nabani? Caller:hahaha ndim uCikizwa inumber yakho ndiyifumene kuZisanda nguye lo undixelele ngalento..ndothuka Me:oh yho bendingakucinganga Cikizwa:ubestrongo ke i know you ustrongo nhe Me:am trying Cikizwa:awukayazi ukuba inini ifuneral? Me:nio whay ubuza? Cikizwa:i want to be there kaloku to sapport you..yho ndothuka ndaginya kakhulu Me:yhoo akukho chea ukuza apha and uzokuthi uyaphi kumama wakho? Cikizwa:no i know how to handle somethings qha wena uzundixelele ukuba kufihlwa nini Me:imali uzakuyithathaphi? Cikizwa:tshini ndizokuyithatha pha eshop mfondini Me:you mean uzakuyiba? Cikizwa:ewe cause ndiyafuna ukuza apho Me:what if ubhaqiwe?..bendinexhala kengoku Cikizwa:ndayibona ngoko leyo ke wena just tell me xa uvile ukuba kusetyenzwa nini i have to go now byee! Me:kodwa k:-.. Hello?...hello!..ebeseyibekile,yho hhe bendingayiginyisisi ncam kelena into ebezakuyenza
Posted on: Thu, 18 Sep 2014 20:09:51 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015