Season2 #Chapter20# Hey! Hayi sana akafenqezi amantombazana - TopicsExpress



          

Season2 #Chapter20# Hey! Hayi sana akafenqezi amantombazana namadoda yehake. Lonto abantu bakhona abeva nengqele le kubanda kangaka. Ndithe ndisajonge leyo nanko uSasa esishiya etafileni naye eyofenqeza.. Ndabona akuseyiyo kaloku ngoku ngoba ufenqeza nelinye i rasta usishiya apha thina and naba bangxamele ukujonga amanye amantombi lonto ithethe ukuba asizoba na transport yokugoduka.. Ubani ndiye ndayomrhuqa apho ndimgxolisa.. Wahlala ke besela mna ndi mxit to Fiasta. Yooh! Bendimkhumbula shame umntu wam. Kuye kwabetha u 3 ekuseni ndisizela. Mna : Siyah ndicela nisigoduse tana. Siyah! Hawu! Asah! Yini manje kusezobamnandi. Mna : Hayi godusani mna nibuye nina. Menzi : Sure masivayeni.... Baye baqhuba sagoduka.. Hee! Enganxilanga owam umtshana sana, sithe singena nje endlini wazithi thaca phantsi. O Siyah basibeke egatini bajika.. Mna : Sasa vuka fondini uzongena ebhedini... Ndive ngaye seyirhona ndaqonda ulele.. Ndamvusa ndamncedisa wangena ebhedini.. Bekumnandi maarn e Durban kakhulu nje futhi. Intsuku ziye zahamba ke futhi uSasa ezi groovela nge weekends ndaqonda soze ndiphinde ndiye kwalapho makazihambele ndizokumvulela xa ebuya futhi ke andizomxela ku ccZodwa. Kuye kwafika i new year ndazula ke mna kuba noko besele ndinetshomi nje ezingatshongo khona. Ndivakatshela nalantombi ibisenza intloko.. UccZodwa uye wandifownela later esithi mandibuye kukho apho aya khona uSasa akayibambi ifowni. Nyhani ke ndabuya.. Wahamba u ccZodwa.. Bendilambile ke ndazenzela ukutya ndatya.. Ndiye ndajonga e frijini i drink kodwa andayifumana.. Ndabona into eli plastic e silver enento ngathi yi tap. Ndavula tyhini hayi izinto zase thekwini ziphucukile sana kukho i juice enje.. Ndiye ndazigalelela e glassin ndasela kuba bendinjaniwe.. Ndazigalelela enye i glass ndayohlala phantsi ndimane ndizithi qha nge juice yam.. Hee! Andazanga ndamane nditshiswa ngumchamo phofu intloko yam iyajikeleza, ukuhamba oku ndiyagxadazela, phofu akukho nto ithi ndiyeke le Juice kuba bendiyiselela nasemoneni. Kweekhu! Ndizibone sendimane ndisiwa ndadlala umculo we gospel phezulu ndingasaculi mama ndinaso nesifuthufuthi.. Ndiqabuke sendingakwazi kuphakama phofu i glass yesithathu andiyigqibanga.. Kufike uSisi Zodwa ehamba ne frinds zakhe ndisalila apho. CcZodwa : Yintoni Asa? Mna : Ndifuuuna ukugoooduka.. Amazwi la ebetsaleka ukuphuma oku. Inyembezi zibhobhoza okomthombo otsitsayo... CcZodwa : Yintoni le ikule glass Asanda? Mna : Ndisele i juice phaya e frijini ngoku andikwazi kuphakama ndifuuna ukugooduka mna. Yoooh! Ndasitsho isikhalo. CcZodwa : Yooh! Wena usele i wine butywala obu... To be continue.... (in class)
Posted on: Wed, 21 Jan 2015 08:55:50 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015