Umntu ngoka Thixo – Insert 4 I did not even have ixesha - TopicsExpress



          

Umntu ngoka Thixo – Insert 4 I did not even have ixesha lokube ndikhala khala , rather I was angry at Gugu, I blamed him for ukungenisa inyoka endlini ngokuthi andicenge ndihlale noSis Nontando. I mean I knew ukuthi uSis Nontando uheartless, ngubani omntu onentliziyo novelo onokwahlulwa kukubona or onge umama wakhe xa egula ? At the time that she needed her family most , she chose istrato, the very same person owayesihla evuka nathi especially yena as she was very sickly when she was a child. Akutshiwo nokuthi bebengasavani ,bebevana hureee, the only thing usisi wanted from umama was imali qha, she was selfish maan uSis Nontando mnxim. uVuyo yena naye wayengemsulwanga, umama sacrificed her last pennies for her education, she told her amaxesha amaninzi ukuthi even though iyiresponsibility yomzali ukufundisa abantwana bakhe, yena ucenga into enye kuye , ukuthi azathi akugqiba ukufunda athi make sure that I also continue with my studies , it must be me ongasifuniyo isikolo ingabi ziingxaki zemali, konke oko bekuphoswe kwelolibala, unjalo umntu ke ukulibala imvelaphi yakhe xa selephumelele. With all that they’ve done to me , andizange ndibabambele nqala , rather ndiye ndaziromolela,ndixomoloza ndifunda, I mean I knew very well ukuthi andingomthwalo wabo, abanantombi engangam. Kodwa le yoku khuthuzwa the very little that I have and ndishiywe nesikade somntana was out of order, bendicaphuka yhoo not Kancinci. I looked at Gugu :- Me: Are you happy now, mr goody goody uGugu yena ebeluhlaza ngumsindo , lucky that uSis Nontando was not there at that moment, izandla zakhe bezingcangcazela emfunapha. Gugu: uyabona elihule, lenze eyokugqibela, I am going to teach her i-lesson of a lifetime , khona uthini ngalengcosi ? Me: Usabuza mna futhi,uthi ndizonxiba ntoni khona esikolweni ngomvulo? Anyway she does not care andiyazi why ndizihlupha ngemibuzo engena mpendulo. Hayi kodwa uyisaphi icomputer yam engazi nokokuba kubhekwaphi kwi-computer , u- Avile lo uzakumfumana emgqomeni, andenziwa njalo kaloku mna, kunini ndisisigculelo sefamily yam bezihlela benyuka apha kum. I am putting a stop on this , once and for all. Ha ha ha , Gugu laughed .. Gugu: Undigqiba amandla nawe maan ngalomsindo we peni, don’t panic izakuphela le weekend into zakho zibuyile zonke , eyishiya kuwe nje lengcosi uyayazi okokuba soze uyilahle, its not in you, Bhabha myekele kum I’ll fix this, ibimoshwe ndim kwasekuqaleni.Sizoyolala kwam tonight. Gugu: Bhabha Me: Yes baby Cwaka uGugu, waske wazikhohlelisa Me: ubuthetha Baby ? Gugu: If mna ndinolahlelwa ngabantwana ungabagxotha ? Hayike ngoku , zaske zafika zonke ezizinto ngexesha elinye,bendisakhwanqiswe yile ka Sis Nontando, and now uGugu undiphathela omnye umphanga. Me: Abaphi kanene ? O - Ozayo ? Awusengxame Gugu: Hayi Bhabha, ndinabantwana abathathu, 2 boys, 15 and 13 and nentombazana ena 4 months. A bomb butyu in my face, Just like that ? Tyhini lomfana ebendisukela,could he not have chosen another time for this ? I did ask him about abantwana early in our relationsip wathi akanamntwana, le ye 2 boys into could be forgiven as it happened before I came into the picture, nangona ibisothusa leyokungashiyani kakhulu ngeminyaka ne-first born leyakhe . I was 18 then, doing my second year. Kodwa le ye- ntombi ene 4 months ibindiqenda amandla and indiphathisa ikhanda. I mean Gugu gave me all the assurance in the world that ujonge mna qha, nam bendingakrokreli nto ngoba ebesoloko ekunye nam xa ndimfuna and he was not receiving any suspicious calls xa ehleli nam. What is worse is the fact that he exposed me to izifo zocantsi , oogawulayo ngoba ibigcace gca morc ukuba akacondomise , naku emithisile, even after etestile , and besayeka nokusebenzisa icondom. I felt so vulnerable, so exposed and so betrayed by all the people that matters most to me . Ndiye ndathula zaske zazihlela iinyembezi . Gugu: Bhabha please say something , ndiyakucela Sivu Me: Gugu leave , before I say or do something that we will both reject Gugu: I am not leaving Bhabha until you say something Me: Or you are refusing to leave because you are paying for this flat ? or is it because you know you can do as you please since ndingenabani ndixhomekeke kuwe ? How dare you exposed me like this ? Already you have a family of 3, who knows there might be more, so ndisafunani ke kuwe ? You made me believe in you, ndakuthemba with all my being , for this nonsense Gugu ? Gugu: Bhabha give me a chance to explain myself, it’s not what you think, I never had any affair with umama walomntwana umncinci , I can’t loose you Sivu, you are the best thing that has ever happened to me Me: man up Gugu maan, You have lost me already, its either you leave now or I leave you nalomntana , the nice thing u-Avile ebebanjwe nguye. He stood, wandijonga , I took the only thing that I had left, which is my hand bag. Ndaphuma . I had no clue ukuthi ndiyaphi. uGugu uye wabeka umntwana phantsi waleqeka emva kwam. I was staying on the 6th floor, I don’t know ndizihle njani ezozisteps,eyokulindela ilift ibizakundilibazisa inyembezi bezingayekanga ukuphuma. Ibe ngulombono sileqana ukuhla izsteps, Gugu caught up with me , on the 1st floor. He grabbed me ngengalo, Gugu: Ucingba uyaphi Sivu ? uyajola ngoku ? why are you childish? Me: Kungcono ndijole nenja kunokuba ndijole nento efana nawe, ukuba ndiyaphi is none of your business Andiligqibanga elo ndive ngempama, kwalandela eyesibini, hayke zathontelana ukungena, yayimpama , nqindi plus sihlangu. When I saw blood on the floor I screamed , that attracted other tenants plus i-security guards.
Posted on: Mon, 29 Dec 2014 18:38:51 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015