insert#5 Ndafika ekaya ngolomini yangecawe emalanga - TopicsExpress



          

insert#5 Ndafika ekaya ngolomini yangecawe emalanga ndinemincili ndixhakazela ulonwabo lubhalwe ebusweni ndinempahla ndinemali ndine uniform haaa uzova wena ubomi can be so traumatic at times.ndafika indlala iyleya ndiyaziyo cz utywala babusele buthengiswa manqapha nqapha umazulu mama wam egulela ukuybeka nanini na wabe engafuni kuya esbhedlela infact kwakungekho mali le yomsa esbhedlela futhi usister wam uphinde wahamba waya egoli sekuhla isister zikamama ziyamonga Ndakhupha imali mama wam wasiwa esbhedlela kwangalomini ndifika ngayo ndandikhathazekile kuba ndandingazukwazi nokubalisa ngobumnandi nobubele endisuka kubo emampondweni elusikisiki ndiphathiswe ii orange iiGwava nee avocado ngoba akukho hlobo olungekhoyo lwe fruit emampondweni kwajala kwanto kwafuneka ndihoye le yokugulelwa. Ndaphinda ndakhupha imali ba makucukucezwe izinto eziphumayo kulomali ndandinayo yhoooo kwathathwa naleyo yamalophisi eskolweni bt akunamsebenzi sizotya apha ekhaya akunangxaki nba eskolweni andinamali yophatha .i must say akukubi kwikhaya elingena mama umama wayelalisiwe esbhedlela egula kudala ke kwakungekho fowni usiya ezcontaineni uze ufowne ndandinayo inumber kamandlangisa ethe ze nditsho xa ndifikile ba ndihambe kakuhle zange kwabakho kwalo chance yoba ndifowne latshona elangalomini ilanga omakazi bephekile abanye basesbhedlela babuya nereport ethi ulalisiwe esbhedlela umama salala kwasa ndaya eskolweni izkolo zovuliwe ndimtsha ndoke ndenziwe nentloko kodwa andonwabanga kuba mama wam yagula futhi kakhulu .Yaphela lomini eskolweni ndingeko ryt ndagoduka phofu zofika kuvaliwe ekhaya ave kubuhlungu ubuya ekhaya kuvaliwe uzothi uze utye uzenzele phofu kukho nabancinci ekufuneka ubaqoqoshe ubabize ekubutheni phofu una15 years qha omncinci kwabobantwana ngunzukulwana una 9 years uphendula imibuzo yoba uzobuyanini ukhuluza utheni waya esbhedlela dizolala nabani yhooo yayindikhathaza kakhulu keleyo kodwa kwakufuneka ndibestrongo for my siblings futhi bangaboni ba andikhoryt ndapheka bahlamba izitya sa ayna uniform salala ndathi masithandaze ke xa sizolala yabona ngalomini azange kuphume kwamthandazo inyembezi ziyaqukuqela qha futhi ndiyazama ukuzifihla ba ndingabonwa zi siblings kodwa akwenzeki saphetha silila sonke n salila kwade kwehla isgqukru ndabathuthuzela salala kwasa kwalusuku olulandelayo. Zahamba iintsuku yaphela iveki senza izinto ngesqhelo akho nto ingenxiwayo kuba kungekho mntu omdala futhi sele iqheleka into yoba umama uyagula futhi akeko apha ekhaya siyazhlalela simane nje sizthandazela asisalili ngoku kanti uthixo yayazi ba uyasitraina kule situation yozihlalela.Umama uyakrotywa zi sistet zakhe zithi ungcono ngku esbhedlela uyatya njengoko besekungahlali nto esiswini bt akuvunywa siyombona mna ndisenemincili yombalisela ngohambo lwam lwaseLusikisiki so ndiyanqwenela uyombona kodwa ke akunani .Sele izinyanga ezimbini ezi sizihlalela mama uchacha kukuhle esbhedlela nomakazi bayazama ukusithanda ngendlela yabo kodwa abalogqithi olukamama uthando iphinde ibe worse kwi case yam ndandiyi premature so ndinala bond ispecial nomama wam ndithi apho ndimkhimbule khona ziqukuqele inyembezi ayiqheleki kodwa iyaqhubeka eyoba umama uyagula izinga lam ezifundweni lehlile kuba kaloku ndiya motherisha ekhaya kodwa ndithandazela upasa kuba umandlangisa wayendithembisile ngamadlelo aluhlaza if ndipase kakuhle uGrade 9(uzondithatha kodwa wayecinga iqhinga lokuba uzothini kumama wam )kuba umama wayengayifuni into yam yokuya eLusikisiki kuba utshatile ngumfazi womntu futhi .zahamba inyanga mama ese sesibhedlela kwade kwafika ixesha lokuba sibhale i exam mna ndandizobhala uC.T.A .kungoNovember ka2005 ndabhala ndagqiba umama ungcono qha ulinde umhla wokuphuma esbhedlela iclassmates zam zazizoya kwi farewell ePort st john ndandinento yonke kodwa zange ndiye n impahla ndinazo futhi ndingabamhle xa ndingaya kodwa zange ndibenamdla wokuya wabuya umama wam esbhedlela engcono kakhulu kodwa wayehlile esiqwini kusekupheleni kaNovember akukavakali nto ngosisi wam usesegoli emhlaliswaneni futhi uyathembisa kubantu athetha nabo efownini ba uyabuya every month kodwa akade afike first born umfana kamama uhlala ekhayakhulu phofu akanxili ubuya ekuseni n umane zozingca ngobunkulu xa ethanda apha ekhaya zaphima ireport zika December sapasa sonke ekhaya ngku besfunda sigulelwa sikhathazekile kukugulelwa ngu mama futhi ndipase emagqabini kwakungekho sidingo kum ba ndithengelwe kuba ndandiyokozela aloku zimpahla xa uhlala ezlalini impahla ziyabekwa for ukuhamba so ndandingafane ndizinxibe mama wazama icebo lokuba kuqhathwe aba bancinci ngempahla ze christmas emachineni banazo nabo impahla bonwaba futhi mna andazi nba ndithethe na nomama ndifuna ukuphindela eLusikisiki ndiyotyela kna iholide zika December kuba umandlangisa wayethe anytime ndimfuna uyafumaneka pofu zange ndibesatsho nba ndifikile hopefil uyayi understenda imeko .Ndamoyika ndade ndazncama kumama ndamqala ngombalisela ubumnandi endandikubo ndabe sendingena emxholweni yhoooooo yanga bendingaatshongo wakhaba ngawo omabini esithi uyagula futhi ungumfazi womntu akufanelanga ndiyaphinda phaya wayeyiba lento wayeyenza ayisoze iphinde yenzeke .Ndandikhathazekile kodwa ndingenachoice futhi andinayo nemali yohamba ndithi ndiyazimela ndivumele xa ndisithi ukusokola kungakwenza umama wakho ajike umbone eyenye into kodwa ndiyamthanda ke shame noxa ndifuna ubomi obungcono i must adbmit that ndandithathekile bubomi baseLusikisiki futhi ndizbona ndihlala phaya ndifunda ndide ndibeylento ndiyfunayo then after ndibuyele ekhaya ndondle umama wam sele ndiphumelele ndinguNurse lol i hve a dream. yafikayadlula ichristmas kukubi wethi kum kuba intliziyo ithatha ibeka ndifuna ukuqhwesha futhi imali ndiyibekile sele iyiR40.00 ngku b m nt sure ngendlela yohamba kuba ndingulowo ungazi Dolophu ndingunolali
Posted on: Tue, 30 Sep 2014 16:54:29 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015