Bahlali nantsi ingxaki,ndino sister wam osejozi uyaphangela uyi - TopicsExpress



          

Bahlali nantsi ingxaki,ndino sister wam osejozi uyaphangela uyi journalist waye funda e D.U.T ke utata waye busy ethumela imali ngelaxesha ebesafunda ngamanye amazesha kuthunywe mna ndiyofaka nd lemali yayingabi ngaphantsi kwe 1.500,andithi utata waye wrong ngonika uccster wethu imali it was his responsibility kwaye im utata wayenethemba loba xa iphumelele intombi yakhe izokumkhathaleka kuba yena utata wethu noko seyemdala.naku ukwenzeka uccster wam akophoni at all utya imali yakhe no makazi wethu owatesihlukumeza ngk besingabantwana ndide ndikrokre ukuba inoba wamphephetha ukuba angalifuni ikhaya lakhe,senditshuba sonke siyaphangela nd seyilithuba abanye bayazihlalela bt mna ndisahlala apha ekhaya,so ndinexanduva kengk lalendlu bt I dont mind bcz likhaya lam kodwa noko bendithanda ukuncediswa futhi ngulo ccster wam use jozi bcz yena akatshatanga yena abanye batshatile nd banaba ntwana,yena akanaye nalumnye umntana,utata ubukele akathethisi ngalento iworry yethu ayiyo mali yakhe qha ingxaki yile yokuba engafuni nto imdibanisa nefamily yakhe nd apha ekhaya kwenziwa amasiko nd kusafuneka senze intonjane sobabini nd ndimncinci apha kuye so uyandilibazisa kuba iyahamba iminyaka kwaye andinoyenza engekho ke.ibuhlungu bethuna simbona xasingcwaba sidibane khona emaxhoseni nd uye angasondeli kuthi ubuso bakhe buhleli bunyeke nyeke nd baye bathi abantu uziphakamisile then thina simthethelele kuba ngumntana kamama notata ncam,kuphinde kubekho lomakazi ndini ufike emthe ncaaa akafuni noba akhe ahlale nathi tjo!!!!! Hayi inene ukuba ngumntu owenza kubenje inene inoba uthi uphumelele Bcz sele elapha ekapa akezi apha endlini uya kwamakazi apha ekhaya uza ekhatshwa akahlali ne 30min umbone ungxamile ufuna uhamba,worry yam utata akaphilanga uzose asweleke them im sure uzokhala kakhulu acinge elixesha ebengamhonga ngalo.usithanda ngokulinganayo utata yena umama wasweleka ngo 1995 bt utata zange athathe mfazi kuba wayenzafu mntu uzosihlukumeza I dont knw what did he do to deserve this,hes been nothing bt a lvng nd carind father to all his children bt uccster yam ulahla igazi lakhe ngoluhlobo.kuye kweziwe ntoni xa kunje? Plz ndidinga amacebo before utata ayibeke inqawe. *Lucs*
Posted on: Sun, 06 Jul 2014 11:12:40 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015