Chapter 22 Ndayizulisela ke lendawo ka T... Me: Sisi ndifumene - TopicsExpress



          

Chapter 22 Ndayizulisela ke lendawo ka T... Me: Sisi ndifumene umsebenzi wakwa nursing bendicela undigcinele umntwana... Bendi crosser I fingers... Sisi: uthi umamazala wakho? Me: ngantoni? Sisi: ngokuya kwakho esikolweni nangokugcina umntwana? Me: uthe mandihlale I 3 years Sisi: yhoo uyagula, sorry mtakamama ngokuthuka unyokozala kodwa hayi uyagula apha entloko Me: say that again... So uthini? Sisi: anytime kaloku bekungafuneki noba undicele, umntwana wakho ngumntwana wam Yhoo uba bendisemandleni bendizosukuma ndixhumaxhume... Sancokola ke oko sihleka bekumnandi nyhani ukuba sekhaya... Oko uNcinci ebephandle inoba ebepheka kuba ebemane engena athathe ityiwa aphinde aphume athathe I jug aphinde aphume... Ude wabuya ebambisene ngembiza no Nokwandisa, kwaphinda kwangena enye ibanjwe ngu Nomvuso nomye umntwana obezobutha... UNomvuso uza emva ko Nokwandisa ke... Waphaka uNcinci yhoo kunganuki kamnandi, ibiyi rice nenyama yenkukhu namazambana ne gravy yhuu bekuphekwe kamnandi nyhani kukho ne cabbage ubungafunga uthi yi christmas, wabulela uNcinci ukutya wogqiba wazisa ukutya kum no sisi nge tray... Hayi bethuna ebetshintshile nyhani, ukumka kwam kuye kwamtshintsha okanye kukho into endingayaziyo... Satya ke sagqiba, ndasukuma ndizohlamba izitya wala uNomvuzo wathi uzozihlamba so nam ndayeka... Saqhubeka ke sithetha simane sihleka. Ncinci: Ndiyambulela uThixo ngayo yonke into Me: hayibo kutheni ngoku ncinci? Ncinci: uyazi bendikade ndiphila ubomi ngokuzithandela ndingabenzi ubulungisa, ndingabazi ubukumkani bezulu kodwa ndisaphila emhlabeni ndiye ndavuleka amehlo nendlebe ndaliva izwi lika Thixo, wandinika I chance yesibini yokuphila ubomi ngokwentando yakhe ndisesemhlabeni... Bendimjongile ngelixesha athethayo ebenoncumo nasemehlweni wakhe Me: ndiyavuya nam Ncinci Ncinci: kodwa andizisoli ngendlela endikukhulise ngayo bendikufundisa ukuzimela, ndiqinisekile nakulomzi wakho uyakwazi ukumelana nomsebenzi Me: kakhulu Ncinci akhonto ndingayaziyol Ncinci: ubhuti wenu khange nikhe nive nto kuye?... Akasabhali akasathumeli tu ngoku Sisi: nam akasandibhaleli yhaz... Hayi wasihlupha kodwa utatomdala kuba wemkayo nje ubhuti kungenxa yakhe Ncinci: kuzolunga nina bantwana uThixo unazo izicwangciso ngobomi bethu sonke, uyasazi isizathu sokuba ayivumele yenzeke yonke into eyenzekayo UNcinci ebetshintshile yhazn bendiziva ngathi ndihleli nomama ondizalayo nyhani even though ndingazange khe ndihlale ndincokole nayo kodwa ke bendiziva njalo... Yakhawuleza yaphela ke le mini usisi waya emzini wakhe, mna ndayolala endlini no Nokwandisa maye ebengomnye umntu nje olungileyo, waye wamitha ke wazala amawele so inoba ngawo la amenze wabona ubomi ngenye indlela. Bebelele abantwana so wathi naye uzolala kwenzele bathi bevuka abe ebekhe walala, ibiyi chance yam yoba ndifunde I letter zam... Ndayiqhaqha eyokuqala bendijonge ngaphandle kwi stamp moss sibanayo I date so ndafunda le ifike kuqala Zamo sthandwa sam ndicela undiphendule kaloku uba ndingeza na ukuzokucela noba sele ukhulelwe lonto ayiyitshintshi indlela endiziva ngayo, ndiyacela ke nzwakazi undiphendule kaloku liyahamba ixesha nabazali bandimele ngapha uba ndide ndithathe umfazi njengoko ndandithembisile. Thembelani... Hee ebengasekho ngoku u owakho osenyongweni Ndavula eyesibini: Ndikuncamile ngoku Nomzamo bendizile apho elalini yakho ndabuziza ndafumanisa ukuba uthathiwe ngumfana obufunda naye eskolweni, bendingathi ndizogula ukuyiva kwam lonto, undophule intliziyo ntombi yakwa Gatyeni andizukuphosisela, ndiyathemba uzokuphatha kakuhle lowo mfana kuba ufanelwe kukuphathwa nje nge princess. Ndibhala kuba ndifuna ukwazisa uba nam kuye kwanyanzeleka kengoku ndithathe umntu endizomenza inkosikazi yam Ndizofunda ukumthanda umfazi wam and I will get over you soon. Enjoy umtshato wakho Yhoo andakhathazeka ebenyanzelwa yintoni na kanti uba andibhalele I letter xa etshatile? Ebenyanzelekile na bethuna ? Ndayazi ba ndim omphoxileyo ndamithiswa yenye indoda kodwa naye ebengabhali and ngoku ubhala oku... Kwatsho ipain emazansi esisu kabuhlungu, ndazibamba ukuphefumla yaphinda yatsho kabuhlungu yangathi ndisikwa nge mela ebukhali esandleni esineqabaka!!!
Posted on: Sat, 23 Aug 2014 14:56:54 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015