Continuation ka Insert6! - TopicsExpress



          

Continuation ka Insert6! Mna: ndiyakuthanda nam bbe, wabeka i phone, oh andancuma nkosi yam ,ndimthanda nyani u Abo ndiye ndancuma apho ndedwa , heee ndite ndisancume njalo ndacinga ngo tata wam , heee umama akake athethise tu ngo tata, inoba ngowaphi, usaphila kona , hay kuyafuneka umama ke ndimbuze ngo tata mhlawumbi angandiphendul bhetele yena. Umama yena undimoshela nje ikamva ,jonga ndifunda bani esikolweni zibe intanga zam zindishiyile ngenxa yakhe. Kuthe kusenjalo ndeva umntu ongenayo ibingu mama, oh nkosi uteni azabe akanxilanga yena wonke, ndiye ndaya kuye ndinomsindo nyani. Mna: mama upi u tata? Mama: yindlela yokuthetha leyo kona kutheni uzondibuza ngo tatako , okanye uhlohlwe kule lali ba ndibuze ngoyihlo? Mna: andihlohlwanga qha ndinelungelo lokumazi utata, mhlawumbi angandiphata bhetele kunawe Mama: wafa Mna: wafa xa yayingowaphi kaloku, besendidikwe finish zinto zika mama ngoku. Mama:jonga ba uzandijikeleza ngokunya umnke apha kwam uyandiva , azuzuba mbini inkunzi apa endlini . Mna: ok ndikuyekile kodwa nzamfuna ndide ndimfumane u tata wam, ndaya e roomin ndazivalela ndalila, owu buphi ubom xa usoloko ulila imihla nezolo.ndiye ndabiwa bubuthongo Ndalala. ufikile u Friday ndaya eskolweni, unomsa weza kum Nomsa: chomy masiye kulandawo kalok sendicelile ku Mem. Siye sahamba ke saya e Clinic sifike kungeko bantu kamnandi. ndangena ke ku Nurse Nurse: molo ntombazana uzothini ? Mna: ndizokuhlaba nurse Nurse: tata ibhotile uyochama ubuye nawo ndizowutsheka andalibazisa nyan ndayochama ndabuya nawo ndawunika unesi wawutsheka Nurse: jonga ke le preg test xa inemigca emibini unto xa umnye awunanto, mingaphi ke Wacho ebuza kum ? Mna: andiyiboni kakuhle Nurse mingaphi? Nurse: umthetho wakho awuboni? Mna: ingathi mibini ndacho ndilila Nurse: injalo yacho ibhala i Date zendibuye ngayo e khadini, yhooo yinto endizoyithetha nabani na le nkosi yam , ukuthi ndiyingxaki ndiphinde ndizise enye ingxaki khona nzamqala ngaphi u Abo umxelela lento, ohhh nkosi yam . Upumile u Nomsa esiti uhlatyiwe yena, besendilila kakulu ngoko ke u Nomsa uyifunde ivaliwe Nomsa: no chomy uzoba ryt maan, bendingamhoyanga bendilila qha Nomsa: ndinalo icebo chomy ,ungasela izinto ezizokwenza lomntana apume kuba awunayo imali kagqirha. Qha ungaxeleli mntu . Mna: ok chomy nzoqale ndixelele u Abo kuqala ndimve ba uzotini yena,mybe uzaba nayo mali ka gqirha Nomsa: mna ndikucebisa ba ungamxeleli,awuwaz amadoda indlela angcole ngayo mhlawumbi angakuyeka wokuva ba umithi. sapha i fown yako kuko into endifuna uyijona, ndimnikile nyan ndingahoyanga nto , uye wakhupela i number ati yeka Zianda icimekile kuye. Kandikatale wetu mna,ndiye ndagoduka ndafika ndalala ndafownela u Abo ndizomxelela ukuba ndiyeza, alok ebendibizile mna: bbe ndiyeza kengoku Abo:ok ke sana lwam yiza nzakulinda kwi bus stop ,yhoo andancuma inoba u Abo uzomamnkela umntanakhe, ndilungise msinya ndayo Hyker ndakhwela ndahamba. Ndifike u Abo wam sendilindile, ndifike nje ndamncamisa sabe sesisiya kwakhe, nditini ndimxelele u Abo ngesisu,Ndite ndisacinga kwavela kwee qatha lamazwi akhe athi kufuneka ucwangcise asifuni mntana moc thina sisafunda) no mandingamxeleli mandimyeke mhlawumbi nzakumosha ulonwabo lwethu, ndahlala ke sonwaba kwamnandi. Abo: bbe ude wacwangcisa? Mna: ewe bendotuke amehlo ndiwakhuphe onke, no andikabiko ready umxelela u Abo ngesisu wec alok ndingulo ufuna usikhupha . Uye wandincamisa Abo: good grl, besekusebusuku ke ngoku, kuye kwangena i message ku Abo. Mna: isukapi lo msg abongile ? Abo: heeee uyakhweleta na bbe uteni awundithembanga, wacho endincamisa, emzuzwini wayifunda ubonakele etshintshile ukuyifunda khwakhe emane endijonga kakubi, ndiye ndanomdla woyibona, i message ibisithi...
Posted on: Sun, 25 Jan 2015 06:53:59 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015