Finally xa ndizolubeka phantsi olu siba mandibulele ukubona ba - TopicsExpress



          

Finally xa ndizolubeka phantsi olu siba mandibulele ukubona ba idairy yam isathandwa, kwaye ndisakhunjulwa. Ndanishiya ndineQuestion Mark, Onke ufuna siye eDenmark ndiyophangela naye kulonyaka uzayo after my degree. Oh ok ndiyarhalela kuya eDenmark mara ukuyohlala noOnke ha.a uOnke kum akasenguye usugar daddy ndimbona as some1 else family but the fact remains ndandilala naye. Khange ndisikhabe sicelo sakhe kuba unyaka usemde, kona kona andirhaleli kuyohlala naye ngathi kuzophela ubuhlobo bethu xa singahlala kunye. Kumsebenzi endawuphiwa nguBawo kumnandi, kwindlu endihlala kuyo yam eMonti kumandi kodwa xa ndihleli kuyo i feel empty missing my husband ngaske ndifike ngolala kula ndlu kuba inkulu futhi indicingisa nzulu. On the 5th July i decided ukuba izila ndilikhulule. Ndisukile ndaya kuloAndile nge4th ndifike sekulungisiwe ke. Nge5th late after ukukhulula kwam izila ndibizwe yifamily yakuloAndile bebulela kuba ndizilele nyana wabo nangendlela endibaphethe ngayo nendiziphethe ngayo. Kunomama osele emdala pha nothethe nam wathi: mntwana wam ubone izino ezinkulu usemncinci kwaye uye wangumfazi owamkelayo nonembeko. Umyeni wakho Andile nanjengoko engasekho wena ngoku sikuthatha njengomntwana walapha, umncinci awunamntwana mhla kwafika ixesha ubone ukuba uready ukuphinde uzimanye ungasoyiki singabazali bakho ngk. Wena nje thatha ixesha lakho kodwa ungasoyiki. Ja nhe yanzima ke le ndiyiva apha but its true ill just have 2 take my time. Ndiyaliwe ke ngabazali ndivile. Ndilele kuloAndile kuba bekusaqoqwa izinto then Sunday ndalungiselela kuphinda eMonti phaa late, ndixhotyisiwe ngamazwi obulumko. Ndibuyele kwimpahla zam after 3 full months kuvele kwangathi kusuke a huge stone ndive ndisithi izila alimnandanga tu aliqheleki. Bekungathi ndisuka kwelinye ilizwe kwa itreatment endiyifumana ebantwini ja nhe mpilo iyatshintsha. Yazi ngoku andisweli nto tuu but am empty let me tell you this unganemali ibenintsi ungasweli nto mara if you are not happy uyefana nomntu ongenanto. Mna andinabazali, uThixo wabona uba its not enough wandithathela umyeni, uZakes akekho kwakule South Africa i dnt wanna lie am very loney but andisoli nto worse andinakwachomy kuba kaloku bendingakwazi kwakusocializer ngezila. Now ndilikhululile impilo isuke yayenye nje into. Bulela le ndawo ukuyo only if you are happy now i could see ulonwabo lubalulekile empilwen. I understand angekhe ndibenezinto zonke like good life, family and friends and some1 angathi am not greatful 2 God why am i still compaining. I am greatful and happy but yona ihappiness iphelela apho ndingaziyo. Xa ndicinga imiphefumlo endilahlekelwe yiyo in a short period of time ndivele ndizibone zisihla iinyembezi ndivumele xa ndisithi; kumnandi ekhayeni apho kulanjwa khona mara kube kunothando nogcobo kunekhaya ekuhluthwa kulo kube kunentlungu nokulwa. Life is a challenge, but with a lesson. But theres one thing u have 2 do just allow God 2 bake you, yes the oven is hot kodwa am sure xa uphuma kula oven uzadeka itafile kube ngathi uthi the bread is ready. My last words nani ngala; apha ebomin udlula ezintwen ungazi ba udlule njani, #kukho ndoda ithile eyayithathe uhambo lwayo noYesu, uhambo olwalulude behamba ngenyawo. Badlula kwigravel road bangena kwindlela enesanti, isanti ke ayihambisi kamandi baphuma apho abangena kwindlela enodaka bahamba bencokola kumandi bengeva nolu daka bathe besahamba bafika kwindlela enameva bahamba badlula bathe ukudlula kwabo lendoda yajonga emva yabona ifootsteps zomntu omnye. Yabuza kuYesu yee marn oko besihamba sobabini kwezi ndlela zonke mara xa sifika kule yakhe yanzima uiyandishiya why? athi uYesu uyazibona ezifootsteps uzibonayo zezam ndithe ndakubona uba ameva azokonzakalisa ndakuphakamisa ndakuweza#. Ndinezinto endithi ndakujonga emva ndibuze ndidlule njani? But now i know esikaThixo isandla asizange sandiyekela. Xa ndicinga ikhaya endisuka kulo, ukushiywa ngabazali, indlela endifunde ngayo, ukutshiywa ngumyeni ndizijonge ngoku indlela endiyiyo inene uThixo uhambe nam zange kube lula but zange wandishiya. Kuko konke okudingayo empilweni ungancami remember ndandiya eskolweni ndineR100 ndingazi ba xa iphela ndizothini mara uThixo usoloko eveza icebo, lamacebo wayenawo kweyam impilo usenawo zange ndenza kakuhle ndiseskolwen kodwa Thixo khange andiyekele. Always remember xa uThixo evala umnyango uyawuvula omnye. Myeke uThixo akuhambise kule ifunwa nguye indlela not le ufuna ukuhamba ngayo uyazi yena why okuhambisa kule yakhe. Ndiyanithanda kakhulu ubukho benu kuledairy bundakhile, bumakhile omnye umntu believe me ndifundile kwicomments zenu. Some of you bebecommenter ngentlungu zabo kanti they ddnt know ba they are healing ezinye isouls. Ndibamba ngazo zozibini, ze uthi xa usonyuka ubahoye abo behlayo hleze udibane nayo endlelen yakho eyehlayo. Ubomi bune surprices becareful of what you do konye umntu but be greatful of what you have no matter how small it is. UThixo usithanda sonke. Be blessed always. #Kuhlwa_Kusisa
Posted on: Sun, 20 Jul 2014 06:04:57 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015