Kwakukho umlungu,owayeneplaaz elikhulu, ngesikhathi - TopicsExpress



          

Kwakukho umlungu,owayeneplaaz elikhulu, ngesikhathi sobandlululo,Lo mlungu wayengabafuni abantu abamnyama,niyalazi ke bahlali ixesha lobandlululo lwalunjani.Kodwa lomlungu wayese evile ngoSHEMBE! Ukuba ukhona umntu omnyama okhohlisa abantu okuthiwa nguSHEMBE,futhi uzenza unkulunkulu.kwakungumqali wendlela uBHOMBELA ISITIMELA SAMAMPONDO! SHEMBE,umseki wenkolo yoBUNAZARETHA okanye Nazareth Baptist Church.Lo mlungu wathi esahambahamba eplaazini wabona UShembe apha eplaazini lakhe,khimilili lo mlungu,ungubani? Ebuza uShembe,impendulo ndinguShembe mntanam.Uthi lo mlungu Oh! Nguwe lo ukhohlisa abantu,uSHEMBE ndim kanye mntanam lowo ukhohlisa abantu.Abeselesithi lo mlungu,kulungile ke ndiva kuthiwa uyabasiza abantu?aqhubeke ndinengxaki apha? UShembe yintoni ingxaki yakho?ebuza lomlungu?aqale abalise ndashiywa ngu nkosikazi wam apha,ngoku usisiporho andilali uyandihlupha,ungakwazi ukundinceda mntu ka nkulunkulu.Athi uShembe kuye hayi akosona isipoki,yena washona efihle imali phantsi komhlaba,ngoba ethi wena udlala ngemali,wayelungiselela imihla ezayo,qha ke kwaqala kwahamba yena emhlabeni ngoku usube ezokukhombisa le mali,qha akavunyelwa ngokwalee meaning that kwelizayo.Athi uShembe thatha umhlakulo nepeki siyoyi grumba le mali kulondawo ke wayeyifihle kuyo, bayifumana njengokuba etshilo USHEMBE,isezimbizeni ezimbini.Wabulela lo mlungu wathi Shembe hamba yonke indawo ushumayele.Amen! Nkulunkulu onamandla onke,Yise wabo bonke abamkhonzayo,Lala nathi namhlanje,Usigcine ngomsa wakho,Amen!
Posted on: Wed, 06 Nov 2013 15:55:20 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015