i once had a friend... Sasingabahlobo nyani, apho ndihamba khona - TopicsExpress



          

i once had a friend... Sasingabahlobo nyani, apho ndihamba khona wayebakhona, xa siyolwa sihamba kunye, xa siya esikolweni siyagqithelana, esikolweni sitya kunye, the only time, asisohlukana ngayo kuxa sizolala, wayegoduka ke ayolala kowabo nam ndiye ekhaya.. Izinto zaqala ukujika mhla wafumana i-car accident esiya eMonti kwi-holide, @the time sasihlala eMthatha eNgangelizwe, apho ke waye wafumana iScar esikhulu apha ebusweni, emvakoko zange aphinde abenamdla wokuhlala nabantu, ukudlala, let alone ukuya esikolweni, wayesoloko ezivalele kowabo engumntu onengcwangu, nam ke ngeloxesha, ndandingu-Sdengana nje ongazinto ngobom, sisafunda ePrimary.. Kodwa ke ekugqibeleni waphe ubhutana lo ezibulala nje 4 iScar esisebusweni, kuba wayecinga into yokuba uzongezelwa abizwe ngokuba ngu-Scarface .. Yhazi bakhaya, xa sisengxakini, nathi abanye bethu bazivalela kwi-gumbi elimnyama bangafuni tu ukudibana nabantu, kuba becinga ukuba bazobonwa izi-scars abanazo.. Kanti ke bakhaya, sonke sinezi-scars esinazo, it is just that, ezibanye abantu zi-more visible than others. Nditsho noba ungadibana nabani waphi, from President to ur Pastor, ukuyotsho endlwini kumama wakho... We all have our own scars, into ebalulekileyo kukuba wena, how u deal with ur own scar, kwaye kukuthatha ixesha elingakanani na ukwamnkela esisakho isi-Scar... So ke mkhaya, just bcoz, u have a scar onaso ngoku, loo nto ayithethi ukuba asizukuphela, kwaye ayithethi ukuba iintlungu azizukugqitha.. Qn then would be... Uyafuna na ukuphila, uyafuna na esi-scare sakho siphole... Yonke ke le nto mkhaya, ixhomekeke kuwe.. Athi amaXhosa xa ethetha, intaka yakha ngoboya benye, abuye athi izandla ziyahlambana nawe ke mkhaya ukuze uncedakale kufuneka uzisondeze ebantwini, ungazivaleli wendwa, egumbini elimnyama. T:P
Posted on: Mon, 11 Aug 2014 08:56:28 +0000

Trending Topics



tyle="min-height:30px;">
Year End Sale 2014 ASUS Flip TP300LD-DB71T-CA Touchscreen Notebook
tinyurl/consciousleadership Hey folks, I just produced the most
xt" style="margin-left:0px; min-height:30px;"> After Alexander 101 court case in Randburg, we went to Honeydew

Recently Viewed Topics




© 2015